Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 13

Ookumkani Abalungileyo Nababi

Ookumkani Abalungileyo Nababi

USirayeli wahlukana phakathi. Kangangexesha elide kulawula ookumkani abaninzi kwaSirayeli, yaye inkoliso yabo ayithembekanga. IYerusalem itshatyalaliswa yiBhabhiloni

KANYE njengokuba uYehova wayetshilo, uSirayeli wahlukana phakathi emva kokuba uSolomon eshiye unqulo olunyulu. Unyana wakhe owangena ezihlangwini zakhe, uRehobhoham, wayengqwabalala. Ngenxa yoko, izizwe ezilishumi zakwaSirayeli zamvukela zaza zaseka ubukhosi basentla kwaSirayeli. Zizizwe ezibini kuphela ezahlala zithembekile kwitrone yobukumkani bukaDavide eYerusalem, zaza zaseka ubukhosi basezantsi bakwaYuda.

Kubukhosi basezantsi nobasentla izinto zazingahambi kakuhle ngenxa yokungathembeki nokungathobeli kookumkani bazo. Iimeko zaba mandundu ngakumbi kubukhosi bakwaSirayeli kunokuba kwakunjalo kobakwaYuda, kuba zisuka nje ookumkani balapho bakhuthaza unqulo lobuxoki. Phezu kwayo nje imisebenzi yamandla yabaprofeti abanjengoEliya noElisha—abavusa abantu abafileyo—uSirayeli waqhubeka ebuyela kwizenzo ezingendawo. Ekugqibeleni uThixo wavumela ubukhosi basentla ukuba butshatyalaliswe ngama-Asiriya.

Ubukhosi bakwaYuda baqhubeka bukho isithuba esingaphezulwana nje kwenkulungwane kunobo bakwaSirayeli, kodwa nabo bagwetywa nguThixo. Yimbinana nje yookumkani bakwaYuda abazithobelayo izilumkiso zabaprofeti bakaThixo baza bazama ukubuyisela olo hlanga kuYehova. Ngokomzekelo, uKumkani uYosiya wamhlambulula uYuda kunqulo lobuxoki waza wabuyisela itempile kaYehova. Xa kwafunyanwa umbhalo wantlandlolo woMthetho kaThixo owawunikwe uMoses, uYosiya wachukumiseka gqitha waza wazibhokoxa kwimigudu yakhe yokubuyisela olo hlanga kuYehova.

Okubuhlungu kukuba, ookumkani abangena ezihlangwini zikaYosiya abazange bawulandele umzekelo wakhe. Ngoko uYehova wayekela uYuda woyiswa yiBhabhiloni yaza yatshabalalisa iYerusalem netempile yayo. Abasindileyo bathinjwa eBhabhiloni. UThixo wachaza kusengaphambili ukuba babeza kugqiba iminyaka engama-70 apho. KwelakwaYuda kwahlala kusenkangala de olo hlanga lwabuyiselwa kumhlaba walo njengoko kwakuthenjisiwe.

Noko ke, kwakungazi kuphinda kubekho omnye ukumkani womnombo kaDavide olawulayo de kufike uMhlanguli othenjisiweyo, uMesiya owachazwa kwangaphambili. Inkoliso yookumkani ababelawula kwitrone kaDavide eYerusalem yakungqina ngokuphandle ukuba abantu abangafezekanga abanakukwazi ukulawula abanye. NguMesiya kuphela okufanelekelayo ukulawula. Ngoko uYehova wathi kukumkani wokugqibela womnombo kaDavide: ‘Siphakamise usisuse isithsaba. Ngokuqinisekileyo asiyi kuba sesikabani ade afike lowo unelungelo elisemthethweni, yaye ndimele ndisinike yena.’—Hezekile 21:26, 27.

—Oku kusekelwe kweyoku-1 yooKumkani; kweyesi-2 yooKumkani; kweyesi-2 yeziKronike isahluko 10 ukusa kwesama-36; kuYeremiya 25:8-11.