Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 16

UMesiya Uyafika

UMesiya Uyafika

UYehova ubonisa ukuba uYesu waseNazarete unguMesiya owathenjiswayo

NGABA uYehova wayeza kubanceda abantu bakwazi ukumbona uMesiya othenjisiweyo? Wenjenjalo. Cinga nje ngoko wakwenzayo. Kwakusekudlule phantse iinkulungwane ezine emva kokuba iZibhalo zesiHebhere zigqityiwe ukubhalwa. Kwisixeko saseNazarete, kumantla eGalili, ibhinqa eliselula uMariya latyelelwa ngumntu elingazange limlindele. Kwafika kulo ingelosi uGabriyeli yalixelela ukuba uThixo wayeza kusebenzisa amandla akhe, umoya oyingcwele ukuze lizale unyana nangona lalingazani nandoda. Lo nyana wayeza kuba nguKumkani othenjisiweyo, nowayeza kulawula ngonaphakade. Lo mntwana nguNyana kaThixo owayephila ezulwini, ekwakuza kufuduselwa ubomi bakhe kwisibeleko sikaMariya.

Ngokuthobeka, uMariya wasamkela eso sabelo sikhethekileyo. Umchweli ogama linguYosefu awayeza kutshata naye, wamtshata emva kokuba uThixo ethumele ingelosi ukuze imqinisekise ukuba nguThixo owayebangele ukukhulelwa kukaMariya. Kuthekani ke ngesiprofeto esithi uMesiya wayeza kuzalelwa eBhetelehem? (Mika 5:2) Loo dolophana yayikumgama oziikhilomitha ezili-140 ukusuka eNazarete.

Umlawuli waseRoma wakhupha umyalelo wokuba kubalwe abantu. Lo myalelo wawusithi abantu bamele baye kubhalisa kwiidolophu abazalelwa kuzo. Kuyabonakala ukuba uYosefu noMariya babezalelwe eBhetelehem, ngoko uYosefu wathabatha umfazi wakhe okhulelweyo baya apho. (Luka 2:3) UMariya wabelekela esitalini, waza olo sana walulalisa emkhumbini. Emva koko uThixo wathumela iingelosi ezininzi ukuze zixelele iqela labelusi elalisalusa ecaleni kweenduli ukuba usana olusandul’ ukuzalwa nguMesiya othenjisiweyo, okanye uKristu.

Kamva nabanye bangqina ukuba uYesu nguMesiya othenjisiweyo. Umprofeti uIsaya wayethe kwakuza kubakho umntu oza kulungisa indlela yomsebenzi obalulekileyo kaMesiya. (Isaya 40:3) Loo mntu yaba nguYohane uMbhaptizi. Xa wabona uYesu wathi: “Yabonani, iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi!” Bengaphozisanga maseko, abanye abafundi bakaYohane balandela uYesu. Omnye wabo wathi: “Simfumene uMesiya.”—Yohane 1:29, 36, 41.

Kwabakho nobunye ubungqina obungakumbi. Xa uYohane wabhaptiza uYesu, uYehova wathetha esemazulwini. Ngomoya wakhe oyingcwele, wamisela uYesu njengoMesiya waza wathi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:16, 17) UMesiya ekudala ethenjisiwe wada wafika!

Kwenzeka nini oku? Ngowama-29 C.E., kanye ekupheleni kweminyaka engama-483 eyayixelwe nguDaniyeli. Obu bobunye kubungqina obuninzi bokuba uYesu unguMesiya, okanye uKristu. Noko ke, sisiphi isigidimi awayeza kusishumayela emhlabeni?

—Oku kusekelwe kuMateyu isahluko 1 ukusa kwesesi-3; kuMarko isahluko 1; kuLuka isahluko 2; kuYohane isahluko 1.