Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 18

UYesu Wenza Imimangaliso

UYesu Wenza Imimangaliso

Ngemimangaliso yakhe, uYesu ubonisa oko aza kukwenza xa enguKumkani

UTHIXO wanika uYesu amandla okwenza izinto ezingenakwenziwa ngabantu. UYesu wenza imimangaliso emininzi—ngokufuthi phambi kwezihlwele. Loo mimangaliso yayibonisa ukuba uYesu unamandla kuneentshaba zakhe yaye unokuphelisa nayiphi na imiqobo abantu abangafezekanga abangenakuze bakwazi ukuyiphelisa ngokupheleleyo. Nantsi eminye imizekelo.

Indlala. Ummangaliso wokuqala owenziwa nguYesu waba kukujika amanzi aba yiwayini emnandi. Kwezinye izihlandlo ezibini, wondla amawaka ezihlwele ngezonka neentlanzi ezimbalwa. Kuzo zozibini ezo zihlandlo, abantu batya kwasala.

Ukugula. UYesu waphilisa abantu abanalo “lonke uhlobo lwesifo nalo lonke uhlobo lobulwelwe.” (Mateyu 4:23) Abantu abangaboniyo, abangevayo, abaneqhenqa, nabanesifo sokuwa wayebaphilisa nje ngokubachukumisa. Waphilisa iziqhwala nabalimeleyo. Akukho sigulo wayengakwazi ukusinyanga.

Imozulu embi. Xa uYesu nabafundi bakhe babenqumla kuLwandle lwaseGalili, kwavela isaqhwithi. Abafundi bankwantya luloyiko. UYesu wasijonga nje eso saqhwithi waza wathi: “Yithi tu! Uzole!” Kwangoko kwazola. (Marko 4:37-39) Ngesinye isihlandlo xa kwakukho isaqhwithi esoyikekayo wahamba phezu kwamanzi.—Mateyu 14:24-33.

Imimoya engendawo. Imimoya engendawo inamandla kakhulu kunabantu. Kubantu abaninzi kuye kwanzima ukuphuncuka ekubanjisweni zezi ntshaba zikhohlakeleyo zikaThixo. Kodwa, uYesu wayesoloko eyiyalela ukuba iphume ebantwini. Wayengayoyiki, kodwa iyiyo eyayimoyika ngenxa yokuba yayilazi igunya analo.

Ukufa. Ngokufanelekileyo ukufa kubizwa ngokuba ‘lolokugqibela utshaba,’ kuba abantu abakwazi ukukoyisa. (1 Korinte 15:26) Kodwa uYesu wabavusa abafileyo, ebuyisela unyana womhlolokazi nentombazana kubazali bayo. Kwesinye isiganeko esiphawulekayo, uYesu wavusa umhlobo wakhe uLazaro, owayesele eneentsuku ezine efile, phambi kwesihlwele esasizilile. Kwanezona ntshaba zikaYesu zazibonela ngokwazo ukwenzeka kwaloo mmangaliso.—Yohane 11:38-48; 12:9-11.

Kwakutheni ukuze uYesu enze loo mimangaliso? Ngaba ekugqibeleni abazange bafe bonke abo bantu wayebanceda? Kunjalo, kodwa imimangaliso kaYesu yaba nemiphumo engapheliyo. Yabonisa ukuba zonke iziprofeto ezibangela umdla ngolawulo loKumkani onguMesiya ziza kuzaliseka. Alithandabuzeki elokuba uKumkani omiselwe nguThixo uza kuphelisa indlala, ukugula, imozulu embi, imimoya engendawo nokufa. Uye wabonisa ukuba uThixo umnike amandla okwenjenjalo.

—Oku kusekelwe kwincwadi kaMateyu, kaMarko, kaLuka nekaYohane.