Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 21

UYesu Uyaphila!

UYesu Uyaphila!

UYesu ubonakala kubalandeli bakhe ukuze abafundise aze abakhuthaze

NGOSUKU lwesithathu emva kokufa kukaYesu, abafazi ababengabalandeli bakhe bafumanisa ukuba ilitye elalivale ingcwaba lakhe lisusiwe. Umzimba kaYesu wawungekho engcwabeni.

Kwavela iingelosi ezimbini. Enye yathi: “Nifuna uYesu umNazarete . . . Uvusiwe.” (Marko 16:6) Bengalibazisanga aba bafazi babaleka baya kuxelela abapostile. Endleleni, badibana noYesu. Wathi kubo: “Musani ukuba noloyiko! Hambani, niye kuxela kubazalwana bam, ukuze bahambe baye eGalili; yaye baya kundibona apho.”—Mateyu 28:10.

Kamva ngolo suku, abafundi ababini babesendleleni esuka eYerusalem besiya kwidolophana yase-Emawusi. Badibana nomntu abangamaziyo waza wababuza ukuba bathetha ngantoni. Kwathi kanti loo mntu nguYesu ovusiweyo, nto nje babengamqondi. Bedakumbile bamxelela ukuba bathetha ngoYesu. Waqalisa ukubacacisela izinto ezikwiZibhalo eziphathelele uMesiya. Ewe, uYesu wazizalisekisa zonke iziprofeto eziphathelele uMesiya. * Bathi aba bafundi bakuqonda ukuba nguYesu ovuselwe kumzimba womoya lo uthetha nabo, wanyamalala.

Ngoko nangoko aba bafundi babini babuyela eYerusalem. Apho bafumana abapostile bezitshixele egumbini. Bathi besabalisela abo bapostile ngoko kwenzekileyo, kwathi gqi uYesu. Abazange bakholelwe! UYesu wababuza: “Kutheni nithandabuza ezintliziyweni zenu? . . . Kubhaliwe ukuba uKristu wayeya kubandezeleka aze avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu.”—Luka 24:38, 46.

Kwiintsuku ezingama-40 emva kokuba evusiwe, uYesu wabonakala kubafundi bakhe izihlandlo ezahlukahlukeneyo. Kwesinye isihlandlo, wabonakala kubafundi abangaphezu kwama-500. Kuyabonakala ukuba kwesi sihlandlo wabanika lo myalelo ubalulekileyo: “Hambani . . . niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona. Yaye, khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mateyu 28:19, 20.

Kwisihlandlo sokugqibela ekunye nabapostile bakhe abathembekileyo abali-11, uYesu wabathembisa wathi: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am . . . kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Emva koko uYesu waphakanyiselwa phezulu, laza ilifu lamsibekela ababi sambona njengoko enyukela ezulwini.

—Oku kusekelwe kuMateyu isahluko 28; kuMarko isahluko 16; kuLuka isahluko 24; kuYohane isahluko 20 nesama-21; kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:5, 6.

^ isiqe. 6 Ukuze ubone iziprofeto eziphathelele uMesiya ezazaliseka kuYesu, funda Icandelo 14, Icandelo 15, Icandelo 16 kule ncwadana kunye nenqaku elikwisihlomelo elithi “UYesu Kristu—UMesiya Othenjisiweyo” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?