Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Kubalulekile Ukuba Yintoni Oyikholelwayo?

Ngaba Kubalulekile Ukuba Yintoni Oyikholelwayo?

Ngaba ucinga ukuba ubomi bunayo injongo? UWilliam B. Provine okholelwa ekubeni izinto zazivelela uthi: “Oko siye sakufunda ngenkolelo yokuzivelela kwezinto kunegalelo elikhulu yaye kuyayichaphazela indlela esibujonga ngayo ubomi.” Sisiphi isigqibo afikelela kuso? “Andiyiboni kwaphela injongo yokuba abantu baphile.”32

Cinga nje ngeyona nto ithethwa ngaloo mazwi. Ukuba ubomi bebungenayo injongo, oko bekuya kuthetha ukuphilela nje ukwenza okuhle mhlawumbi nokuzala ukuze kubekho isizukulwana esilandelayo. Ukufa bekuya kuthetha ukuba kuphelile ngawe ngonaphakade. Into yokuba unengqondo, amandla ayo okucinga, ukuqiqa nokucamngca ngenjongo yobomi, bekuya kuba yinto nje eyenzeka ngempazamo.

Bekungayi kuphelela apho. Abaninzi abakholelwa ukuba izinto zazivelela bemi ngelithi uThixo akakho okanye akukho nto aya kuyenza ngemicimbi yabantu. Enoba kuyintoni na, ikamva lethu beliya kuxhomekeka kwabezopolitiko, izifundiswa neenkokeli zonqulo. Xa sikhangela imbali yabo bantu, siyakwazi ukubona ukuba bekuya kugquba isiphithiphithi, ungquzulwano nokonakala. Ukuba ibiyinyaniso into yokuba izinto zazivelela, besiya kuba nezizathu ezivakalayo zokuphilela inamhla sisithi: “Masidle size sisele, kuba ngomso siza kufa.”—1 Kor. 15:32.

Ngokwahlukileyo koko, into efundiswa yiBhayibhile kukuba: ‘UkuThixo umthombo wobomi.’ (INdumiso 36:9) Lawo ngamazwi abaluleke gqitha.

Ukuba yinyaniso le ithethwa yiBhayibhile, oko kuthetha ukuba ubomi bunayo injongo. UMdali wethu unenjongo yothando ngabo bonke abantu abakhetha ukuphila ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. (INtshumayeli 12:13) Loo njongo iquka isithembiso sokuphila kwihlabathi elingenasiphithiphithi, ungquzulwano nokonakala—ekungekho nokufa oku.—INdumiso 37:10, 11; Isaya 25:6-8.

Yiloo nto ehlabathini lonke kukho izigidi zabantu abakholelwa ukuba ukufunda ngoThixo nokumthobela kwenza ubomi babo bube nenjongo kuba ayikho enye into enokubenza bube nenjongo. (Yohane 17:3) Le nkolelo ayisekelwanga nje kwiminqweno engenasihlahla. Kukho ubungqina obucacileyo bokuba izinto eziphilayo zadalwa.