Intshayelelo
Ngaba izinto eziphilayo zadalwa okanye ngaba wena wasuka wakho nje ngamabona-ndenzile? Imbalwa imibuzo ephixanisa ingqondo njengalo. Kodwa, kubaluleke gqitha ukufumana impendulo yawo. Kule ncwadana inemifanekiso kuza kuxutyushwa ngemibuzo efana nale:
Ngaba umhlaba wayilwa ukuze ube nezinto eziphilayo?
Sifunda ntoni kubungqina obubonisa ukuba indalo yayilwa?
Ngaba imfundiso yokuba izinto zazivelela isekelwe kwizibakala ezibambekayo?
Ngaba inzululwazi iyaphikisana nengxelo yeBhayibhile yokuba izinto zadalwa?
Kutheni ibalulekile nje into oyikholelwayo?