Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 6

Sifunda Ntoni KuMkhukula?

Sifunda Ntoni KuMkhukula?

UThixo wabatshabalalisa abangendawo waza wasindisa uNowa nentsapho yakhe. Genesis 7:11, 12, 23

Kwanetha iintsuku ezingama-40 nobusuku bazo, yaye amanzi awugubungela wonke umhlaba. Bonke abantu abangendawo bafa.

Iingelosi ezinemvukelo zayishiya imizimba yazo yenyama zaza zaba ziidemon.

Basinda abo babesemkhombeni. Nakuba ekugqibeleni uNowa nentsapho yakhe bafayo, uThixo uya kuphinda abavuse benethemba lokuphila ngonaphakade.

UThixo uya kuphinda atshabalalise abangendawo aze awasindise amalungisa. Mateyu 24:37-39

USathana needemon basaqhubeka belahlekisa abantu.

Njengakumhla kaNowa, abantu abaninzi namhlanje abaluthobeli ulwalathiso lukaYehova lothando. Kungekudala uYehova uza kubatshabalalisa bonke abangendawo.2 Petros 2:5, 6.

Abanye abantu bafana noNowa. Bayamphulaphula baze bamthobele uThixo; abo bantu ngamaNgqina kaYehova.