Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 8

Ukufa KukaYesu Kuthetha Ntoni Kuwe?

Ukufa KukaYesu Kuthetha Ntoni Kuwe?

UYesu wasifela ukuze siphile. Yohane 3:16

Kwiintsuku ezintathu emva kokufa kukaYesu, amanye amabhinqa aya kwingcwaba lakhe aza afika lingenanto. UYehova wayemvusile uYesu ekufeni.

Kamva uYesu wabonakala kubapostile bakhe.

Ngokwenene, uYehova wayevuse uYesu waba sisidalwa somoya esinamandla esingafiyo. Abafundi bakaYesu bambona enyukela ezulwini.

Thixo wamvusa uYesu waza wamenza uKumkani woBukumkani bakhe. Daniyeli 7:13, 14

UYesu wanikela ngobomi bakhe ukuze ahlawulele uluntu. (Mateyu 20:28) Ngaloo ntlawulelo, uThixo wenza ukuba sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade.

UYehova wamisela uYesu njengoKumkani oza kulawula umhlaba. Uya kulawula kunye nabantu abathembekileyo basemhlabeni abali-144 000 abavuselwa ezulwini. UYesu nabo bali-144 000 babumba urhulumente wasezulwini onobulungisa—uBukumkani bukaThixo.ISityhilelo 14:1-3.

UBukumkani bukaThixo buya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ubuhlwempu nendlala azisayi kuphinda zibekho. Abantu baya konwaba ngokwenene.—INdumiso 145:16.