ICANDELO 10
Baza Kusikelelwa Njani Abo Baphulaphula UThixo?
Uninzi lwabantu abafileyo luya kuvuswa luze luphile emhlabeni. IZenzo 24:15
Cinga nje ngendlela oya kusikelelwa ngayo kwixesha elizayo xa uphulaphula uYehova! Uya kuhlala usempilweni; akukho mntu uya kugula. Akusayi kubakho bantu bangendawo, yaye uya kuthemba wonke umntu.
Akusayi kubakho zintlungu okanye ukukhala. Akukho mntu uya kwaluphala aze afe.
Uya kuhlala kunye nabahlobo nentsapho yakho. Ubomi buya kuba mnandi eParadesi.
Akuyi kubakho loyiko. Abantu baya konwaba ngokwenene.