Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kuyintoni Ukuthanda KukaThixo?

Kuyintoni Ukuthanda KukaThixo?

UThixo ufuna siphile ngoxolo nolonwabo kwiparadesi esemhlabeni ngonaphakade!

Noko ke usenokuzibuza, ‘Ingenzeka njani into enjalo?’ IBhayibhile ithi loo nto inokwenziwa buBukumkani bukaThixo. UThixo uthanda ukuba bonke abantu bafunde ngoBukumkani nangenjongo anayo ngathi.—INdumiso 37:11, 29; Isaya 9:7.

UThixo ufuna singenelwe.

Kanye njengokuba ubawo onothando ebanqwenelela okuhle abantwana bakhe, uBawo wethu osemazulwini unqwenela ukuba sonwabe ngonaphakade. (Isaya 48:17, 18) Uthembisa ukuba ‘lowo wenza ukuthanda kwakhe uhleli ngonaphakade.’—1 Yohane 2:17.

UThixo ufuna sihambe emendweni wakhe.

IBhayibhile ithi uMdali wethu ufuna ‘ukusiyalela ngeendlela zakhe’ ukuze “sihambe emendweni wakhe.” (Isaya 2:2, 3) Uzenzele “isizwana segama lakhe” ukuze ukuthanda kwakhe kwaziwe ehlabathini lonke.—IZenzo 15:14.

UThixo ufuna simnqule ngokumanyeneyo.

Endaweni yokwahlula abantu, unqulo olunyulu lukaYehova lubamanyanisa ngothando. (Yohane 13:35) Ngoobani namhlanje abafundisa amadoda nabafazi abakuzo zonke iindawo ngendlela yokukhonza uThixo ngokumanyeneyo? Siyakucela ukuba uzifundele impendulo yalo mbuzo kule ncwadana inemifanekiso.