Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 1

Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?

EDenmar

ETaiwan

EVenezuela

EIndiya

Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?

Mangaphi amaNgqina kaYehova owaziyo? Mhlawumbi abanye bethu ngabamelwane bakho yaye abanye usebenza okanye ufunda nabo. Kusenokwenzeka nokuba sikhe saxubusha iBhayibhile kunye nawe. Singoobani kanye kanye, yaye kutheni sishumayeza bonke abantu?

Singabantu abaqhelekileyo. Sikhule ngeendlela ezahlukahlukeneyo yaye neemeko zethu zasekuhlaleni azifani. Abanye bethu yayingabantu abahamba icawa, ngoxa abanye babengakholelwa kuThixo. Sekunjalo, ngaphambi kokuba sibe ngamaNgqina, siye sazipha ixesha lokuzihlolisisa kakuhle iimfundiso zeBhayibhile. (IZenzo 17:11) Siye sakukholelwa oko sikufundileyo, saza sazikhethela ukunqula uYehova uThixo.

Siyangenelwa ekufundisiseni iBhayibhile. Njengabo bonk’ abantu, sijongene neengxaki nobuthathaka bethu. Ngokuzama ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, ubomi bethu buye baphucuka. (INdumiso 128:1, 2) Esi sesinye sezizathu ezibangela ukuba sixelele abanye ngezinto ezilungileyo esizifunde eBhayibhileni.

Siphila ngemilinganiselo yobuthixo. Le migaqo yeBhayibhile isinceda sonwabe, sihlonele abanye size sihlakulele iimpawu ezinjengokunyaniseka nobubele. Inegalelo ekwakheni abantu abaphilileyo nabasebenza nzima, kwaye ikhuthaza umanyano lwentsapho nokuziphatha okucocekileyo. Ekubeni siqinisekile ukuba “uThixo akakhethi buso,” njengabazalwana abasehlabathini lonke simanyene, nakuba siziintlanga ezahlukahlukeneyo. Nangona singabantu abaqhelekileyo, alikho iqela elifana neli lethu.—IZenzo 4:13; 10:34, 35.

  • Yintoni afana ngayo amaNgqina kaYehova nabanye abantu?

  • Yiyiphi imilinganiselo amaNgqina aye ayifunda eBhayibhileni?