Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 2

Kutheni Sibizwa Ngokuba SingamaNgqina KaYehova?

Kutheni Sibizwa Ngokuba SingamaNgqina KaYehova?

UNowa

UAbraham noSara

UMoses

UYesu Kristu

Abantu abaninzi bacinga ukuba amaNgqina kaYehova yicawa entsha. Noko ke, kwiminyaka engaphezu kwengama-2 700 eyadlulayo, abakhonzi bokuphela koThixo oyinyaniso babebizwa ngokuba ‘ngamangqina’ akhe. (Isaya 43:10-12) Besisoloko sisaziwa njengaBafundi beBhayibhile de kwangowe-1931. Kwakutheni ukuze sisebenzise igama elithi amaNgqina kaYehova?

Limchaza kakuhle uThixo wethu. Ngokutsho kwemibhalo-ngqangi yamandulo, igama likaThixo, elinguYehova, livela izihlandlo ezingamawaka-waka eBhayibhileni. Kwiinguqulelo ezininzi eli gama liye lathatyathelw’ indawo zizibizo ezifana nezithi Nkosi okanye Thixo. UThixo oyinyaniso wazazisa kuMoses ngegama lakhe lobuqu, elinguYehova, esithi: “Lilo elo igama lam kuse kwixesha elingenammiselo.” (Eksodus 3:15) Ngaloo ndlela wayebonakalisa ukuba wahlukile kubo bonke oothixo bobuxoki. Siyazidla ngokuba ngabathwali beli gama lingcwele likaThixo.

Lichaza umsebenzi esiwenzayo. Abantu abaninzi bakudala, ukususela kwindoda elilungisa uAbheli, bavakalisa ekuhleni ngokholo lwabo kuYehova. Ukutyhubela iinkulungwane, uNowa, uAbraham, uSara, uMoses, uDavide kunye nabanye, bathelela ‘ilifu elikhulu lamangqina.’ (Hebhere 11:4–12:1) Kanye njengomntu othethelela umntu omsulwa enkundleni yamatyala, nathi sizimisele ukuxelela abanye inyaniso ngoThixo.

Sixelisa uYesu. Xa ithetha ngaye iBhayibhile ithi ‘ulingqina elithembekileyo neliyinyaniso.’ (ISityhilelo 3:14) UYesu walitsho ngokwakhe elokuba ‘walibonakalisa igama likaThixo’ waza ‘wayingqinela inyaniso’ ngoThixo. (Yohane 17:26; 18:37) Abalandeli bokwenene bakaKristu bamele balithwale igama likaYehova baze balazise kwabanye. Yiloo nto kanye amaNgqina kaYehova azimisele ukuyenza.

  • Kwakutheni ukuze aBafundi beBhayibhile basebenzise igama elithi amaNgqina kaYehova?

  • UYehova unexesha elingakanani enamangqina emhlabeni?

  • Ngubani elona Ngqina libalaseleyo likaYehova?