Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 4

Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

Congo (Kinshasa)

ERwanda

Isiqwenga senguqulelo kaSymmachus esinegama likaThixo kwiNdumiso 69:31, ngenkulungwane yesithathu okanye eyesine yexesha eliqhelekileyo

Kangangeminyaka, amaNgqina kaYehova ebesebenzisa, eprinta yaye ehambisa iinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile. Kodwa sabona ukuba kufuneka sivelise inguqulelo entsha eza kunceda abantu bafumane ‘ulwazi oluchanileyo lwenyaniso,’ nto leyo uThixo afuna wonke umntu ayifumane. (1 Timoti 2:3, 4) Ngaloo ndlela, ngowe-1950 saqalisa ukuvelisa iinxalenye ezithile zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, iBhayibhile esebenzisa ulwimi oluthethwayo namhlanje. Iye yaguqulelwa ngokuchanileyo kwiilwimi ezingaphezu kwe-130.

Kwakufuneka iBhayibhile ekulula ukuyiqonda. Ulwimi luyatshintsha yaye iinguqulelo ezininzi zinamagama angaziwayo nawayesetyenziswa kudala ekunzima ukuwaqonda. Kwakhona, kuye kwafunyanwa imibhalo-ngqangi yamandulo esondeleyo kuleyo yeelwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile, nto leyo eye yabangela ukuba kube lula ukuqonda isiHebhere, isiAramiki nesiGrike eyabhalwa ngaso iBhayibhile.

Kwakufuneka inguqulelo enamathela elizwini likaThixo. Kunokuba batshintshe imibhalo ephefumlelwe nguThixo, abaguquleli bamele banamathele kuleyo yolwimi eyabhalwa ngalo. Sekunjalo, kwiinguqulelo ezininzi, igama likaThixo, uYehova, alisetyenziswa kwiZibhalo Ezingcwele.

Kwakufuneka iBhayibhile ezukisa uMbhali wayo. (2 Samuweli 23:2) Njengoko kubonisiwe kumzekelo ongezantsi, kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, igama elithi Yehova liye labuyiselwa kwiindawo elivela kuzo izihlandlo ezingama-7 000 kwimibhalo-ngqangi yeBhayibhile. (INdumiso 83:18) Ngenxa yophando olwenziwe iminyaka emininzi, le Bhayibhile ifundeka kamnandi njengoko ibonisa indlela acinga ngayo uThixo. Enoba uneNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwakho okanye akunayo, siyakukhuthaza ukuba ufundisise iLizwi likaYehova yonke imihla.—Yoshuwa 1:8; INdumiso 1:2, 3.

  • Kwakutheni ukuze sigqibe kwelokuba kufuneka inguqulelo entsha yeBhayibhile?

  • Yintoni ekufuneka ayenze yonke imihla umntu ofuna ukufunda oko kuthandwa nguThixo?