Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 6

Kunaziphi Iingenelo Ukunxulumana Namanye AmaKristu?

Kunaziphi Iingenelo Ukunxulumana Namanye AmaKristu?

EMadagascar

ENorway

ELebanon

EItali

Enoba kuza kufuneka sihambe kumahlathi ashinyeneyo okanye kwimozulu embi, sisoloko sisiya kwiintlanganiso zamaKristu. Kutheni amaNgqina kaYehova esenza umgudu ongako wokuhlanganisana namanye amaKristu ngaphezu nje kweenzima zobomi nokudinwa?

Kuyasinceda. Ethetha ngabo sihlanganisana nabo ebandleni, umpostile uPawulos wabhala wathi, “Masinyamekelane.” (Hebhere 10:24) Eli binzana lithetha “ukucinga nzulu ngomntu,” oko kukuthi, ukwazana. Ngoko amazwi alo mpostile asikhuthaza ukuba sibaxhalabele abanye. Xa sizazi kakuhle ezinye iintsapho zamaKristu, sifunda ukuba abanye kuzo baye boyisa imiqobo efana neyethu yaye banokusinceda nathi senjenjalo.

Kwakha ubuhlobo obungapheliyo. Kwiintlanganiso zethu sihlanganisana kungekhona njengabantu nje abazanayo, kodwa njengeqela labahlobo abasondeleleneyo. Ngezinye izihlandlo, sizonwabisa kunye. Lunceda entwenini unxulumano olunjalo? Sihloniphana ngakumbi yaye oko kusenza sithandane ngakumbi. Ngoko xa abazalwana noodade wethu beneengxaki, siyakwazi ukubanceda kuba sele bengabahlobo bethu bokwenene. (IMizekeliso 17:17) Xa sinxulumana nabo bonke abantu bebandla, sibonisa ukuba ‘siyanyamekelana.’—1 Korinte 12:25, 26.

Sikukhuthaza ukuba uzikhethele abahlobo abenza ukuthanda kukaThixo. Abahlobo abanjalo bafumaneka kumaNgqina kaYehova. Ungavumeli nantoni na ikuyekise ukunxulumana nathi.

  • Kutheni kuyingenelo ukunxulumana ezintlanganisweni?

  • Uya kuza nini kwiintlanganiso zethu ukuze uqhelane namanye amaNgqina?