Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 7

Zinjani Iintlanganiso Zethu?

Zinjani Iintlanganiso Zethu?

ENew Zealand

EJapan

EUganda

ELithuania

Kwiintlanganiso zamaKristu enkulungwane yokuqala kwakuculwa, kuthandazwa, kufundwa kuze kuxutyushwe iZibhalo,—akwenziwa zithethe. (1 Korinte 14:26) Unokulindela into enjalo nakwiintlanganiso zethu.

Zifundisa izinto eziseBhayibhileni nezisebenzisekayo. Mpela-veki nganye, ibandla liphulaphula intetho yesidlangalala yemizuzu engama-30 ebonisa indlela esimele sizisebenzise ngayo iZibhalo ebomini bethu nakumaxesha esiphila kuwo. Sonke sikhuthazwa ukuba sityhile iiBhayibhile zethu. Emva koko, kubakho iSifundo se-“Mboniselo” apho kufundwa inqaku elikuhlelo lokufundisa kangangeyure baze abantu abasebandleni bagqabaze. Le ngxubusho iyasinceda sikwazi ukusebenzisa ulwalathiso lweBhayibhile ebomini bethu. Kufundwa inqaku elifanayo kumabandla angaphezu kwali-100 000 asehlabathini lonke.

Zisinceda siphucule ubuchule bethu bokufundisa. Siphinda siye kwiintlanganiso eziba ngorhatya phakathi evekini ukuze siphulaphule ucwangciso oluneenxalenye ezintathu olunomxholo othi Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela, okwincwadi ethi Incwadi Yeentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Inxalenye yokuqala ethi Ubutyebi Obuphuma ELizwini LikaThixo, isinceda siqhelane neenxalenye zeBhayibhile ezifundwe libandla ngaphambi kweentlanganiso. Emva koko yinxalenye ethi Yikhuthalele Intsimi, apho kubakho imiboniso yendlela yokuncokola ngeBhayibhile nabanye abantu. Usihlalo uphawula aze athethe ngezinto ezinokusinceda siphucule indlela esifunda nesithetha ngayo. (1 Timoti 4:13) Inxalenye yokugqibela ethi Indlela Yokuphila YamaKristu, isibonisa indlela esinokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile kubomi bethu bemihla ngemihla. Kubakho nengxubusho yemibuzo neempendulo esenza siyiqonde ngakumbi iBhayibhile.

Xa usezintlanganisweni zethu, ngokuqinisekileyo uya kuyithanda indlela efundiswa ngayo iBhayibhile.—Isaya 54:13.

  • Yintoni onokuyilindela kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova?

  • Ungathanda ukuya kweziphi iintlanganiso zethu eziqhutywa veki nganye?