Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Yintoni UNqulo Lwentsapho?

Yintoni UNqulo Lwentsapho?

EMzantsi Korea

EBrazil

EOstreliya

EGuinea

Ukususela kumaxesha akudala, uYehova ebefuna ntsapho nganye ichithe ixesha kunye ukuze ibe nolwalamano olusondeleyo naye nokuze isondelelane. (Duteronomi 6:6, 7) Yiloo nto ebangela ukuba amaNgqina kaYehova abe nexesha alibekela ecaleni veki nganye ukuze abe nonqulo lwentsapho—exubusha ngokukhululekileyo izinto zokomoya eziyichaphazela ngokukhethekileyo intsapho yabo. Enoba uhlala wedwa, unokuzibekela ixesha oza kulichitha noThixo ngokwenza ufundisiso.

Lixesha lokusondela ngakumbi kuYehova. “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.” (Yakobi 4:8) Simazi kakuhle uYehova xa sifunda ngobuntu bakhe nangemisebenzi yakhe ekwiLizwi lakhe iBhayibhile. Indlela elula yokuqalisa unqulo lwentsapho kukuba nibe nexesha enilichitha kunye nifunda iBhayibhile ngokuvakalayo, mhlawumbi nilandele ucwangciso lofundo lweBhayibhile lweveki-ngeveki olukwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Lungu ngalinye lisenokufunda inxalenye ethile yeBhayibhile, lize libalise oko belikufunda.

Lixesha lokusondelelana njengentsapho. Amadoda nabafazi, abazali nabantwana, basondelelana ngakumbi xa befunda iBhayibhile kunye njengentsapho. Esi ifanele ibe sisihlandlo esimnandi nesizolileyo, esibangela ukuba lungu ngalinye lentsapho likhangele phambili kuso veki nganye. Kuxhomekeka kubudala babantwana, abazali basenokukhetha imixholo eza kunceda intsapho, mhlawumbi kwiMboniselo nakuVukani! Nisenokuthetha ngengxaki abantwana abaye bayifumana esikolweni nendlela yokuyicombulula. Kutheni ningabukeli inxalenye ekwi-JW Broadcasting (tv.pr418.com/xh) nize niyixubushe kunye? Nisenokuqhelisela iingoma eziza kuculwa kwiintlanganiso, nize emva koko ninandiphe izimuncumuncu.

Eli xesha nilichitha kunye veki nganye ninqula uYehova njengentsapho, liya kuninceda nikunandiphe ukufundisisa iLizwi likaThixo yaye uya kuyisikelela imigudu eniyenzayo.—INdumiso 1:1-3.

  • Kutheni sibekela bucala ixesha lokunqula njengentsapho?

  • Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze yonke intsapho isinandiphe esi sihlandlo?