Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 13

Yintoni Uvulindlela?

Yintoni Uvulindlela?

EKhanada

Kwindlu ngendlu

Isifundo seBhayibhile

Ufundisiso lobuqu

Ibinzana elithi “vulindlela” lidla ngokubhekisela kwabo baqala intsimi entsha baze bavulele abanye indlela. UYesu wayefana novulindlela, kuba wayethunywe emhlabeni ukuza kuxelela abantu ngeendaba ezinik’ ubomi, ebavulela indlela yosindiso. (Mateyu 20:28) Namhlanje, abalandeli bakhe bayamxelisa kuba bachitha ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka ‘besenza abafundi.’ (Mateyu 28:19, 20) Abanye baye bakwinkonzo yobuvulindlela.

Uvulindlela ngumshumayeli wevangeli wexesha elizeleyo. Onke amaNgqina kaYehova ngabavakalisi beendaba ezilungileyo. Noko ke, abanye baye baba ngoovulindlela abathe ngxi, bechitha iiyure ezingama-70 nyanga nganye kumsebenzi wokushumayela. Ukuze bakwazi ukwenza oku, abaninzi baye bayeka ukuphangela ixesha elizeleyo baze benza umsebenzi wesingxungxo. Abanye baye bacelwa ukuba babe ngoovulindlela abakhethekileyo kwimimandla apho kufuneka abavakalisi boBukumkani khona, bechitha iiyure ezili-130 nangaphezulu nyanga nganye beshumayela. Oovulindlela baphila ubomi obulula, beqinisekile ukuba uYehova uya kubanika izinto eziyimfuneko. (Mateyu 6:31-33; 1 Timoti 6:6-8) Abo bangenakukwazi ukushumayela ixesha elizeleyo, banokuba ngoovulindlela abangabancedani ukuba bayakwazi ukwandisa ixesha abalichitha entsimini libe ziiyure ezingama-30 okanye ezingama-50 ngenyanga.

Umntu uba nguvulindlela kuba ethanda uThixo nabantu. NjengoYesu, namhlanje sibona indlela abantu abakulangazelela ngayo ukwazi uThixo neenjongo zakhe. (Marko 6:34) Kodwa ulwazi esinalo lunokubanceda nangoku, lubanike ithemba elingenakujika lekamva. Ukuthanda ummelwane kubangela ukuba uvulindlela asebenzise ixesha namandla akhe enceda abanye bazi iindaba ezilungileyo. (Mateyu 22:39; 1 Tesalonika 2:8) Ngenxa yoko, ukholo lwakhe luyomelela, usondela ngakumbi kuThixo kwaye uvuya kakhulu.—IZenzo 20:35.

  • Unokumchaza njani uvulindlela?

  • Yintoni ebangela ukuba abanye babe ngoovulindlela bexesha elizeleyo?