Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 14

Sisiphi Isikolo Esenzelwe Oovulindlela?

Sisiphi Isikolo Esenzelwe Oovulindlela?

EUnited States

ISikolo saseGiliyadi, EPatterson, ENew York

EPanama

Ukufunda ngoThixo ibisoloko iyeyona nto aziwa ngayo amaNgqina KaYehova. Kulungiselelwe izikolo ezikhethekileyo zabo bazinikele ekushumayeleni ngoBukumkani ukuze bakwazi ‘ukubufeza ngokupheleleyo ubulungiseleli babo.’—2 Timoti 4:5.

ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela. Ekupheleni konyaka wokuqala umntu enguvulindlela othe ngxi, umenywa kwisikolo seentsuku ezintandathu esisenokuqhutyelwa kwiHolo YoBukumkani ekufutshane. Senzelwe ukunceda oovulindlela basondele kuYehova, bakwazi ukusebenzisa zonke iindlela zokushumayela baze bahlale bethembekile enkonzweni.

ISikolo Sabavangeli BoBukumkani. Esi sikolo seenyanga ezimbini senzelwe ukuqeqesha oovulindlela abanamava nabakulungeleyo ukushiya amakhaya abo bayokunceda kwiindawo ezidinga abavakalisi abangakumbi. Baxelisa uYesu Kristu, oyena mVangeli mkhulu owayeshumayela emhlabeni nowathi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isaya 6:8; Yohane 7:29) Ukushiya ikhaya besiya kukhonza kude kuquka ukutshintsha baze baphile ngendlela engafaniyo naleyo bebephila ngayo. Banokufika kusenziwa izinto ngendlela eyahlukileyo, imozulu yalapho bengayiqhelanga kwanokutya. Kusenokufuneka bade bafunde nolunye ulwimi. Esi sikolo sinabazalwana noodade abangatshatanga nabo batshatileyo, abaneminyaka eqala kweyi-23 ukuya kweyi-65. Sibanceda bakhulise iimpawu zobuthixo abaza kuzidinga kwizabelo zabo baze babe nobuchule obuza kubanceda basetyenziswe ngakumbi nguYehova nayintlangano yakhe.

ISikolo SaseGiliyadi. NgesiHebhere, igama elithi “Giliyadi” lithetha “AmaNgqina Amaninzi.” Ukususela ekuqaleni kwesikolo saseGiliyadi ngo-1943, kuye kwathunyelwa abafundi abaphumelele kuso abangaphezu kwe-8 000 ukuba baye kushumayela “ukusa eziphelweni zomhlaba.” (IZenzo 13:47) Aba bavangeli bafika ePeru kungekho nelinye ibandla. Ngoku angaphezu kwe-1 000 amabandla alapho. EJapan, bafika kukho amaNgqina angaphantsi kweshumi. Ngoku angaphezu kwe-200 000. Enye yezinto ezenziwa kwiklasi yaseGiliyadi ethatha iinyanga ezintlanu kukulifundisisa iLizwi likaThixo. Oovulindlela abakhethekileyo okanye abathunywa bevangeli, abakwiofisi yesebe, okanye abaveleli beziphaluka baye bamenywe kwesi sikolo ukuze bafumane uqeqesho olungakumbi lokuqinisa umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke.

  • Senzelwe ntoni ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela?

  • ISikolo Sabavangeli BoBukumkani senzelwe oobani?