Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 17

Basinceda Njani Abaveleli Besiphaluka?

Basinceda Njani Abaveleli Besiphaluka?

EMalawi

Iqela lentsimi

Intsimi

Intlanganiso yabadala

IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zisoloko zithetha ngoBharnabhas nompostile uPawulos. La madoda ayengabaveleli abahambahambayo, etyelela amabandla enkulungwane yokuqala. Kwakutheni ukuze enze lo msebenzi? Ayexhalabele impilo-ntle yabazalwana bawo. UPawulos wathi wayefuna ‘ukubuyela ukuze atyelele abazalwana’ nokuze abone ukuba baqhuba njani. Wayengenangxaki yokuhamba imigama emide esiya kubomeleza. (IZenzo 15:36) Yiloo nto kanye eyenziwa ngabaveleli abahambahambayo namhlanje.

Baze kusikhuthaza. Umveleli wesiphaluka uhambela amabandla ayi-20 nangaphezulu, echitha iveki kulo ngalinye kabini ngonyaka. Amava aba bazalwana anokusinceda kakhulu yaye ukuba batshatile, sinokuncedwa nangawabafazi babo. Bazama ukwazi bonke abantu, abancinane nabakhulu, yaye banomdla wokuya nathi entsimini nakwizifundo zethu. Aba baveleli benza umsebenzi wokwalusa kunye nabadala, yaye ukuze basomeleze, banikela iintetho ezikhuthazayo ezintlanganisweni nakwiindibano.—IZenzo 15:35.

Banomdla kubo bonke abantu. Abaveleli besiphaluka banomdla okhethekileyo kwimeko yokomoya yebandla. Baba nentlanganiso nabadala nezicaka zolungiselelo ukuze bahlole inkqubela eyenziweyo, baze babacebise ngendlela yokusingatha iimbopheleleko zabo. Banceda oovulindlela baphucule entsimini, baze bazame ukuqhelana nabantu abatsha ebandleni beve nenkqubela yabo yokomoya. Ngamnye kwaba bazalwana, uzinikela ‘njengomsebénzi olidlelane ngenxa yezilangazelelo zethu.’ (2 Korinte 8:23) Sifanele sixelise ukholo lwabo nendlela abazinikela ngayo kuThixo.—Hebhere 13:7.

  • Kutheni abaveleli besiphaluka betyelela amabandla?

  • Lunokukunceda njani utyelelo lwabo?