Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 20

Lisebenza Njani IQumrhu Elilawulayo Namhlanje?

Lisebenza Njani IQumrhu Elilawulayo Namhlanje?

Iqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala

Kufundwa ileta evela kwiqumrhu elilawulayo

Ngenkulungwane yokuqala, iqaqobana ‘labapostile namadoda amakhulu aseYerusalem’ lalikhonza njengequmrhu elilawulayo, lisenzela lonke ibandla lamaKristu athanjisiweyo izigqibo ezibalulekileyo. (IZenzo 15:2) Lalivumelana ngezigqibo elizenzayo ngenxa yokuba lalizixubusha ngokuphuma kwiZibhalo lize lilandele ulwalathiso lomoya kaThixo. (IZenzo 15:25) Nanamhlanje kwenziwa okufanayo.

Lisetyenziswa nguThixo ukuze lenze ukuthanda kwakhe. Abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo banomdla omkhulu kwiLizwi likaThixo yaye banamava okugqiba ngendlela omele wenziwe ngayo umsebenzi wethu nokuphendula imibuzo ephathelele unqulo. Veki nganye baba nentlanganiso ukuze baqwalasele iimfuno zabazalwana abasehlabathini lonke. Njengakwinkulungwane yokuqala, linikela imiyalelo esekelwe eBhayibhileni ngeeleta okanye ngabaveleli abahambahambayo nangezinye iindlela. Oku kubangela ukuba abantu bakaThixo bacinge baze benze ngendlela efanayo. (IZenzo 16:4, 5) IQumrhu Elilawulayo livelela indlela ekulungiselelwa ngayo ukutya kokomoya, likhuthaza umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani lize longamele ukumiselwa kwabazalwana kwizikhundla zembopheleleko.

Livumela umoya kaThixo ukuba ulikhokele. IQumrhu Elilawulayo likhangela kulwalathiso loMongami Wendalo Iphela, uYehova, nakwiNtloko yebandla, uYesu. (1 Korinte 11:3; Efese 5:23) Amalungu alo akazijongi njengeenkokeli zabantu bakaThixo. Ekunye nawo onke amaKristu athanjisiweyo ‘ahlala elandela iMvana, uYesu, kungakhathaliseki apho iya khona.’ (ISityhilelo 14:4) IQumrhu Elilawulayo liyivuyela ngokwenene into yokuba silithandazela.

  • Ngoobani ababekwiqumrhu elilawulayo ngenkulungwane yokuqala?

  • Namhlanje iQumrhu Elilawulayo lilufuna njani ulwalathiso lukaThixo?