Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 21

Yintoni IBheteli?

Yintoni IBheteli?

Isebe Lobugcisa, eUnited States

EJamani

EKenya

EColombia

IBheteli ligama lesiHebhere elithetha ‘Indlu KaThixo.’ (Genesis 28:17, 19) Ligama elifanelekileyo ezibizwa ngalo izakhiwo zamaNgqina kaYehova ezisehlabathini apho walathiswa uze uxhaswe khona umsebenzi wokushumayela. IQumrhu Elilawulayo likwikomkhulu lehlabathi kwiSixeko saseNew York, eU.S.A., apho livelela umsebenzi owenziwa kwiiofisi zamasebe ezikumazwe amaninzi Njengeqela, abo bakhonza kwezi zakhiwo baziwa njengentsapho yaseBheteli. Njengentsapho, bahlala, basebenza, batya baze bafunde iBhayibhile kunye.—INdumiso 133:1.

Yindawo ekhethekileyo enamalungu entsapho azincamileyo. Kuzo zonke izakhiwo zaseBheteli, kuhlala amadoda nabafazi abangamaKristu abazinikele ekwenzeni ukuthanda kukaThixo nokumkhonza ixesha elizeleyo. (Mateyu 6:33) Bonke abafumani ntlawulo, kodwa bafumana amagumbi, ukutya nemadlana yokubanceda kwiindleko zabo. Wonke umntu unomsebenzi wakhe, enoba kuseofisini, ekhitshini okanye kwigumbi lokutyela. Abanye basebenza kumatshini wokuprinta okanye wokudibanisa iincwadi, abanye bacoca amagumbi, bahlambe iimpahla, balungise izinto ezonakeleyo neminye imisebenzi.

Yindawo exakekileyo exhasa umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Injongo ebalaseleyo ngeBheteli kukuba inyaniso yeBhayibhile ifumaneke kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Omnye umzekelo woko leli phephancwadi linemifanekiso. Libhalwe phantsi kolwalathiso lweQumrhu Elilawulayo, lathunyelwa ngekhompyutha kubaguquleli abasehlabathini lonke, laprintwa ngoomatshini abanesantya esiphezulu baseBheteli, laza lathunyelwa kumabandla angaphezu kwe-100 000. Kuko konke oku, iintsapho zaseBheteli zixhasa owona msebenzi ungxamisekileyo—ukushumayela iindaba ezilungileyo.—Marko 13:10.

  • Ngoobani abasebenza eBheteli, yaye banyanyekelwa njani?

  • Nguwuphi umsebenzi ongxamisekileyo oxhaswa ngumsebenzi owenziwa kwiBheteli nganye?