Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 22

Yintoni Eyenziwa Kwiofisi Yesebe?

Yintoni Eyenziwa Kwiofisi Yesebe?

KwiiSolomon Islands

EKhanada

EMzantsi Afrika

Iintsapho zaseBheteli zisebenza kumasebe ahlukahlukeneyo, zinyamekela umsebenzi wokushumayela kumazwe amaninzi. Ziyaguqulela, ziprinte amaphephancwadi, zidibanise iincwadi, zisebenze kwisebe lokugcina iincwadi, zivelise iikhasethi neevidiyo, okanye zenze eminye imisebenzi efuneka kuloo mmandla.

Umsebenzi uvelelwa yiKomiti yeSebe. IQumrhu Elilawulayo linike iKomiti yeSebe ebunjwa ngabadala abathathu nabangakumbi abafanelekayo imbopheleleko yokunyamekela iofisi yesebe. Le komiti ichazela iQumrhu Elilawulayo ngenkqubela yomsebenzi owenziwa kwilizwe ngalinye eliphantsi kwayo nangeengxaki ezivelayo. Ezo ngxelo zinceda iQumrhu Elilawulayo lazi imibandela elifanele libhale ngayo kwiimpapasho eziza kuphuma, kwiintlanganiso nakwiindibano. Rhoqo kuthunyelwa abameli beQumrhu Elilawulayo ukuze baye kunceda iiKomiti zamaSebe kwindlela yokunyamekela izabelo zazo. (IMizekeliso 11:14) Kubakho ucwangciso olukhethekileyo apho kuza kuphulaphulwa intetho yommeli wekomkhulu ekhuthaza abo bahlala kwingingqi yesebe.

Amabandla asekuhlaleni ayaxhaswa. Abazalwana abanembopheleleko kwiofisi yesebe bamisela amabandla amatsha. Kwakhona aba bazalwana bakhokela umsebenzi woovulindlela, abashumayeli bevangeli nowabaveleli besiphaluka abakhonza amabandla aphantsi kwelo sebe. Balungiselela iindibano ezinkulu nezincinane, balungiselela ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezintsha, baze baqiniseke ukuba amabandla ayalufumana uncwadi alufunayo. Wonke umsebenzi owenziwa kwisebe ufak’ isandla ekufezweni kakuhle komsebenzi wokushumayela.—1 Korinte 14:33, 40.

  • IiKomiti zamaSebe zincedisana njani neQumrhu Elilawulayo?

  • Ziziphi iimbopheleleko ezinyanyekelwa yiofisi yesebe?