Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 26

Sinokuzigcina Njani IiHolo Zethu ZoBukumkani Zikwimeko Entle?

Sinokuzigcina Njani IiHolo Zethu ZoBukumkani Zikwimeko Entle?

E-Estonia

EZimbabwe

EMongolia

EPuerto Rico

Zonke iiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova zinegama elingcwele likaThixo. Ngenxa yoko, kulilungelo nenxalenye ebalulekileyo yonqulo lwethu ukuncedisa ekucoceni esi sakhiwo nokusenza sibukeke. Sonke sinokufak’ isandla.

Ukuzinikela ekucoceni emva kweentlanganiso. Emva kwentlanganiso nganye abazalwana noodade bacholachola amaphepha baze balungise izitulo ukuze bashiye iHolo yoBukumkani icocekile. Bayicoca yonke kanye ngeveki. Lo msebenzi ukhokelwa ngumdala okanye isicaka solungiselelo, esidla ngokujonga izinto ezimele zenziwe. Kuxhomekeka kwizinto eziza kwenziwa, kodwa amatsha-ntliziyo ayatshayela, akorobhe, asuse uthuli, alungise izitulo, acoce izindlu zangasese, acoce iifestile nezipili, alahle inkunkuma okanye acoce umphandle weHolo. Kanye ngonyaka kubekwa usuku ekuza kuthi ngalo icocwe ngokucokisekileyo. Xa sicoca nabantwana bethu, sibafundisa ukuhlonipha indawo yethu yonqulo.—INtshumayeli 5:1.

Faka isandla ekulungiseni nantoni na. Nyaka ngamnye iHolo yoBukumkani ihlolisiswa ngaphakathi nangaphandle. Olu hlolisiso lubangela ukuba kulungiswe izinto ezonakalayo ukuze iHolo ihlale ibukeka nokuze kuphetshwe iindleko ezingeyomfuneko. (2 Kronike 24:13; 34:10) IHolo yoBukumkani ecocekileyo negcinwe kakuhle iyakufanelekela ukuba kunqulelwe uThixo kuyo. Ngokuba nenxaxheba kulo msebenzi sibonisa indlela esimthanda ngayo uYehova nendawo esimnqulela kuyo. (INdumiso 122:1) Oku kubangela abamelwane batsaleleke kunqulo lwethu.—2 Korinte 6:3.

  • Kutheni singafanele singayisi so indawo esinqula kuyo?

  • Ngawaphi amalungiselelo enziwayo ukuze iHolo yoBukumkani ihlale icocekile?