Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 27

Sinokuncedwa Njani Lithala Leencwadi EliseHolweni YoBukumkani?

Sinokuncedwa Njani Lithala Leencwadi EliseHolweni YoBukumkani?

KwaSirayeli

ECzech Republic

EBenin

Kwiziqithi zeCayman

Ngaba ungathanda ukwenza uphando ukuze uyazi ngakumbi iBhayibhile? Ngaba unomdla kwisibhalo okanye umntu othile, indawo, okanye kwinto ekhankanywe eBhayibhileni? Okanye ngaba uyazibuza enoba iLizwi likaThixo lingakunceda ngento ekuxhalabisayo? Yiya kwithala leencwadi elikwiHolo yoBukumkani.

Linezixhobo eziluncedo onokuphanda kuzo. Kusenokwenzeka ukuba kukho iimpapasho zamaNgqina kaYehova ongenazo ngolwimi lwakho. Kodwa ithala elikwiHolo yoBukumkani linazo zonke iimpapasho zakutshanje. Lisenokuba nazo neenguqulelo zeBhayibhile ezahlukeneyo, isichazi-magama kunye nezinye iimbekiselo. Ngaphambi nasemva kweentlanganiso ungasebenzisa nantoni na ekhoyo kwithala leencwadi. Ukuba kukho ikhompyutha, isenokuba inayo iWatchtower Library. Le yinkqubo ye-elektroniki enazo phantse zonke iimpapasho zethu nendlela elula yokuphanda apho unokukhangela umbandela othile, igama okanye isibhalo.

Liluncedo kubafundi abakwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Linokukunceda ithala leencwadi elikwiHolo YoBukumkani xa ulungiselela iintetho zakho. Ngusihlalo wale ntlanganiso ojongana neli thala. Umsebenzi wakhe kukuqinisekisa ukuba zikho iimpapasho zakutshanje yaye zibekwe kakuhle. Yena okanye lowo ukufundelayo unokukubonisa indlela yokufumana inkcazelo oyifunayo. Noko ke, akumele kuhanjwe nanto ekwithala leHolo yoBukumkani. Sifuna ukuziphatha kakuhle ezi ncwadi singabhali kuzo.

IBhayibhile ithi ukuze ‘sifumane ukumazi uThixo’ simele sibe nomdla wokumfuna “njengobuncwane obufihliweyo.” (IMizekeliso 2:1-5) Ithala elikwiHolo yoBukumkani linokukunceda uqalise ukumfuna.

  • Ziziphi izixhobo zokuphanda ezikwiHolo YoBukumkani?

  • Ngubani onokukunceda ukwazi ukulisebenzisa kakuhle eli thala?