Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 28

Yintoni EkwiWebhsayithi Yethu?

Yintoni EkwiWebhsayithi Yethu?

EFransi

EPoland

ERashiya

UYesu Kristu wathi kubalandeli bakhe: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:16) Ngenxa yoko, sisebenzisa ubugcisa bale mihla obuquka i-Intanethi. IWebhsayithi yethu engokwasemthethweni ethi, www.pr418.com, inenkcazelo ngeenkolelo nemisebenzi yamaNgqina kaYehova. Kukho ntoni kuyo?

Iimpendulo zeBhayibhile kwimibuzo edla ngokubuzwa. Unokufumana iimpendulo zeyona mibuzo ibalulekileyo ibuzwa ngabantu. Ngokomzekelo, iphecana elithi Ngaba Ukubandezeleka Kuya Kuze Kuphele? nelithi Ngaba Abafi Bangaphinde Baphile Kwakhona? afumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-600. Unokufumana INguqulelo Yehlabathi Elitsha ngeelwimi ezingaphezu kwe-130 neencwadi ezininzi zokufunda iBhayibhile, eziquka ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? kunye neeMboniselo noVukani! wakutshanje. Uninzi lwezi mpapasho lunokufundwa, okanye luphulaphulwe kwi-Intanethi okanye zifumaneke ngamazwi arekhodiweyo, ngePDF nangeEPUB. Unokude uprinte amaphepha ambalwa oza kuwafunda nomntu onomdla ngolwimi lwakhe! Iimpapasho ezikwividiyo zifumaneka ngeentlobo ezininzi zentetho yezandla. Unokurekhoda ufundo lweBhayibhile oluvuselelayo, imidlalo yeBhayibhile nomculo omnandi onokuwuphulaphula xa uzonwabele.

Inkcazelo echanileyo ngamaNgqina kaYehova. Le Webhsayithi iqulethe iindaba zakutshanje neevidiyo ezingomsebenzi wethu owenziwa ehlabathini lonke, iziganeko ezichaphazela amaNgqina kaYehova noncedo esilunikelayo ngamaxesha entlekele. Ungafumana inkcazelo ngeendibano ezizayo nendlela onokuqhagamshelana ngayo neeofisi zethu zamasebe.

Ngale ndlela, sikhanyisa inyaniso nakwezona nxalenye zisemagqagaleni zomhlaba. Kungenelwa abantu abakwiinxalenye zonke zomhlaba, nkqu nabaseAntarctica. Sithandazela ukuba “ilizwi likaYehova liqhubeke lihamba ngokukhawuleza” kuwo wonke umhlaba ukuze kuzukiswe uThixo.—2 Tesalonika 3:1.

  • Iwebhsayithi ethi www.pr418.com ibanceda njani abantu bafunde inyaniso yeBhayibhile?

  • Yintoni obungathanda ukuyihlolisisa kwiWebhsayithi yethu?