Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Unokuluqonda Njani Unqulo Lokwenyaniso?

Unokuluqonda Njani Unqulo Lokwenyaniso?

1. Ngaba lunye kuphela unqulo lokwenyaniso?

“Baphapheleni abaprofeti bobuxoki.”​—MATEYU 7:15.

UYesu wafundisa abalandeli bakhe unqulo olunye kuphela, unqulo lokwenyaniso. Lufana nendlela eya kubomi obungunaphakade. UYesu wathi: “Bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:14) UThixo wamkela kuphela unqulo olusekelwe kwiLizwi lakhe lenyaniso. Bonke abanquli bokwenyaniso bamanyene elukholweni.​—Funda uYohane 4:23, 24; 14:6; Efese 4:4, 5.

Bukela ividiyo ethi Ngaba UThixo Uzamkela Zonke Iinkonzo?

2. Wathini uYesu ngamaKristu obuxoki?

“Bavakalisa esidlangalaleni ukuba bayamazi uThixo, kodwa bayamkhanyela ngemisebenzi yabo.”​—TITO 1:16.

UYesu walumkisa ngelithi abaprofeti bobuxoki babeza kubutyhefa ubuKristu. Xa ubajongile, abaprofeti bobuxoki basenokubonakala ngathi ngabanquli bokwenyaniso. Iicawa zabo zithi zezamaKristu. Kodwa unokuyiqonda eyona nto bayiyo. Njani? Lunqulo lokwenyaniso kuphela oluvelisa iimpawu nezenzo ezifanele amaKristu.​—Funda uMateyu 7:13-23.

3. Unokubaqonda njani abanquli bokwenyaniso?

Nazi iindlela ezintlanu eziwenza ahluke:

  • Abanquli bokwenyaniso bayayihlonela iBhayibhile njengeLizwi likaThixo. Bayazama ukuphila ngemigaqo yayo. Ngoko unqulo lokwenyaniso lwahlukile kunqulo olusekelwe kwiingcamango zabantu. (Mateyu 15:7-9) Abanquli bokwenyani abafundisi le baze benze leya.​—Funda uYohane 17:17; 2 Timoti 3:16, 17.

  • Abalandeli bokwenene bakaYesu, bayalizukisa igama likaThixo, uYehova. UYesu walizukisa igama likaThixo ngokuthetha ngalo. Wanceda abantu bamazi uThixo, wabafundisa ukuba bathandazele ukungcwaliswa kwegama lakhe. (Mateyu 6:9) Luluphi unqulo oluthetha ngegama likaThixo kwindawo ohlala kuyo?​—Funda uYohane 17:26; Roma 10:13, 14.

  • AmaKristu okwenyaniso ashumayela ngoBukumkani bukaThixo. UThixo wathuma uYesu ukuza kushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. BuBukumkani bukaThixo kuphela obunika uluntu ithemba. UYesu waqhubeka ethetha ngabo de wafa. (Luka 4:43; 8:1; 23:42, 43) Wathi abalandeli bakhe babeya kushumayela ngabo. Ukuba udibana nomntu okuxelela ngoBukumkani bukaThixo, ucinga ukuba loluphi unqulo akulo?​—Funda uMateyu 24:14.

  • Abalandeli bakaYesu abayonxalenye yeli hlabathi lingendawo. Ungakubona oko kwindlela abangathathi cala ngayo kwezopolitiko nakwiingxwabangxwaba zasekuhlaleni. (Yohane 17:16; 18:36) Abacingi ngendlela ihlabathi elicinga ngayo bengalinganisi nezenzo zalo ezonzakalisayo.​—Funda uYakobi 4:4.

  • AmaKristu okwenyaniso athandana ngokwenene. ILizwi likaThixo liwafundisa ukuba ahlonele abantu bazo zonke iintlanga. Nangona unqulo lobuxoki luye lwaxhasa iimfazwe zobuhlanga, abanquli bokwenyaniso abavumi ukwenza oko. (Mika 4:1-3) Kunoko, amaKristu okwenyaniso asebenzisa ixesha nezinto anazo ukuze ancede aze akhuthaze abanye.​—Funda uYohane 13:34, 35; 1 Yohane 4:20.

4. Ngaba unokulubona unqulo lokwenyaniso?

Luluphi unqulo olusekela zonke iimfundiso zalo kwiLizwi likaThixo, oluzukisa igama likaThixo noluvakalisa uBukumkani bukaThixo njengokuphela kwethemba loluntu? Liliphi iqela elibonisa uthando nelithiye iimfazwe? Ucinga ntoni wena?​—Funda eyoku-1 kaYohane 3:10-12.