Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 15

Kutheni Ufanele Uqhubeke?

Kutheni Ufanele Uqhubeke?

1. Yintoni oya kuyizuza xa uqhubeka ufunda iBhayibhile?

Alithandabuzeki elokuba, olu hlolisiso lweemfundiso zeBhayibhile ezisisiseko luza kukwenza umthande ngakumbi uYehova. Olu thando lufuna ukusoloko luhlakulelwa. (1 Petros 2:2) Ithemba lakho lobomi obungunaphakade lixhomekeke ekubeni uqhubeke usondele kuThixo ngokufundisisa iLizwi lakhe.​—Funda uYohane 17:3; Yude 21.

Njengoko usiya umazi uThixo, ukholo lwakho luza komelela nangakumbi. Ukholo luya kukunceda ukholise uThixo. (Hebhere 11:1, 6) Luya kukubangela ukuba uguquke uze utshintshe indlela ophila ngayo.​—Funda iZenzo 3:19.

2. Indlela omazi ngayo uThixo inokubanceda njani abanye?

Unokucela ukuba nolwalamano olukhethekileyo noYehova

Ngokuzenzekelayo, uza kufuna ukuxelela abanye ngezinto ozifundileyo​—sonke siyakuthanda ukubalisa iindaba ezimnandi. Njengoko uqhubeka ufundisisa iBhayibhile, uya kufunda indlela yokuyisebenzisa ukuze uchazele abanye ngokholo onalo kuYehova nakwiindaba ezilungileyo.​—Funda amaRoma 10:13-15.

Abantu abaninzi baqala bazincokole ezi ndaba zilungileyo kubahlobo nezalamane. Thetha nabo ngobuchule. Kunokuba ubaxelele ukuba ayikho le nto bayikholelwayo, baxelele ngezithembiso zikaThixo. Kwakhona, ungalibali ukuba abantu basoloko bethanda indlela obaphatha ngayo kunento oyithethayo.​—Funda eyesi-2 Timoti 2:24, 25.

3. Bubuhlobo obunjani onokubunandipha noThixo?

Ukufundisisa iLizwi likaThixo kuya kukunceda ukhule ngokomoya. Ekugqibeleni usenokuba nolwalamano olukhetheke ngokupheleleyo noYehova. Usenokude ube lilungu lentsapho yakhe.​—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 6:18.

4. Unokuqhubeka njani usenza inkqubela?

nokwenza inkqubela ngokomoya ngokuqhubeka ufundisisa iLizwi likaThixo. (Hebhere 5:13, 14) Cela omnye wamaNgqina kaYehova akuqhubele isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Okukhona ufundisisa iLizwi likaThixo, kokukhona uya kuphumelela ebomini.—Funda iNdumiso 1:1-3; 73:27, 28.

Iindaba ezilungileyo zivela kuYehova, uThixo ovuyayo. Unokusondela kuye ngokusondela ngakumbi kubantu bakhe. (Hebhere 10:24, 25) Ngokuqhubeka usenza umgudu wokukholisa uYehova, uzabalazela ukuphila ubomi bokwenene​—ubomi obungunaphakade. Eyona nto unokuyenza kukusondela ngakumbi kuThixo.​—Funda eyoku-1 kuTimoti 1:11; 6:19.