Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 4

Wavuyisa Utata Wakhe Kunye NoYehova

Wavuyisa Utata Wakhe Kunye NoYehova

Yintoni le uYafete ayithembisa uYehova?

Kwakungekho lula, kodwa intombi kaYafete yayenza into eyayithenjiswe ngutata wayo

Uyayibona le ntombi ikulo mfanekiso?— Ngumntwana wendoda ekuthiwa nguYafete. IBhayibhile ayisixeleli igama lakhe, kodwa siyazi ukuba wavuyisa utata wakhe kunye noYehova. Masifunde ngaye notata wakhe uYafete.

UYafete wayeyindoda elungileyo yaye wayechitha ixesha elininzi efundisa intombi yakhe ngoYehova. Wayeyindoda eyomeleleyo nelawula kakuhle. AmaSirayeli amcela ukuba awakhokele xa ayesilwa neentshaba zawo.

UYafete wathandaza kuThixo emcela ukuba amncede azoyise. Wathi kuYehova, ukuba umncedile woyisa, uya kunikela kuye ngaloo mntu uphume kuqala endlwini xa ebuyela kwakhe. Loo mntu wayeza kukhonza uThixo emnqubeni ubomi bakhe bonke. Umnquba wawuyindawo awayenqulelwa kuyo uThixo ngezo mini. UYafete wazoyisa iintshaba! Ngaba uyazi ukuba ngubani owaphuma kuqala endlwini xa uYafete efika ekhaya?—

Yayiyintombi kaYafete! Ibe ngokuphela komntwana uYafete awayenaye, kodwa ngoku kwakuza kufuneka ahambe. UYafete wakhathazeka. Kodwa khumbula ukuba wayethembisile. Kwangoko, intombi yakhe yathi: ‘Tata, uthembise uYehova, kufuneka usigcine isithembiso sakho.’

Nyaka ngamnye, iitshomi zentombi kaYafete zazisiya kuyibona

Intombi kaYafete yakhathazeka nayo. Xa ihlala emnqubeni, yayingazukutshata okanye ibe nabantwana. Kodwa yayifuna ukugcina isithembiso sikatata wayo ize ivuyise uYehova. Oko kwakubaluleke ngaphezu kokutshata nokuba nabantwana kuyo. Yemka kokwayo yaza yayokuhlala emnqubeni ubomi bayo bonke.

Ngaba ucinga ukuba le nto yayenzayo yamvuyisa uYehova noyise?— Ewe, Yabavuyisa! Ukuba uyathobela yaye uyamthanda uYehova uya kuba njengentombi kaYafete. Nawe uya kwenza abazali bakho noYehova bavuye.