Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 6

UDavide Wayengoyiki

UDavide Wayengoyiki

Wenza ntoni xa usoyika?— Mhlawumbi uya kumama okanye utata wakho ukuze bakuncede. Kodwa ukhona omnye umntu onokukunceda. Unamandla ngaphezu kwakhe nabani na. Uyazi ukuba ngubani?— NguYehova uThixo. Masikhe sincokole ngomfana oseBhayibhileni, uDavide. Wayesazi ukuba uYehova uya kusoloko emnceda, ngenxa yoko wayengoyiki.

Eselusana, abazali bakaDavide bamfundisa ukuba athande uYehova. Oku kwamnceda uDavide akoyika, nkqu naxa kusenzeka izinto ezoyikekayo kuye. Wayesazi ukuba uYehova nguMhlobo wakhe yaye uza kumnceda. Ngenye imini, uDavide wayesalusa iigusha, kwaza kwafika ingonyama enkulu yanqakula eny’ igusha ngomlomo! Uyazi ukuba uDavide wenza ntoni? Wayileqa le ngonyama, yaye kubonakala ngathi wayibulala ngezandla! Emva koko kwafika ibhere laza lahlasela iigusha, kodwa uDavide walibulala nalo! Ucinga ukuba wancedwa ngubani uDavide?— NguYehova.

Likhona nelinye ixesha uDavide awaba nesibindi ngalo. AmaSirayeli ayesilwa nabantu ekuthiwa ngamaFilisti. Elinye ijoni lamaFilisti lalilide kakhulu, lisisigebenga! Igama lalo yayinguGoliyati. Esi sigebenga sasihlekisa ngamajoni akwaSirayeli nangoYehova. UGoliyati wathi amajoni akwaSirayeli mawazokulwa naye. Kodwa ayesoyika kakhulu, engafuni kulwa naye. Xa uDavide weva ngale nto, wathi kuGoliyati: ‘Yiza masilwe! UYehova uza kundinceda yaye ndiza kukoyisa!’ Ucinga ukuba uDavide wayenesibindi?— Wayenesibindi nyhani. Uyafuna ukwazi ukuba kwenzeka ntoni emva koko?

UDavide wathatha isilingi sakhe namatye amahlanu amahle, wayokulwa naso esi sigebenga. Xa uGoliyati wabona ukuba uDavide ngumntwana, wahlekisa ngaye. Kodwa uDavide wathi: ‘Uza kum unekrele, kodwa mna ndiza kuwe ngegama likaYehova!’ Wafaka ilitye esilingini, wabaleka waya kuGoliyati waza wamdubula. Ilitye lambetha ngqo phakathi kwamehlo! Sawa bhuma phantsi eso sigebenga, safa! AmaFilisti oyika kakhulu aza abaleka onke. Umfana omncinci njengoDavide wasoyisa njani isigebenga?— Wancedwa nguYehova, yaye uYehova wayenamandla ngaphezulu lee kuneso sigebenga!

UDavide wayengoyiki kuba wayesazi ukuba uYehova uza kumnceda

Unokufunda ntoni kwibali likaDavide?UYehova unamandla ngaphezu kwakhe nabani na. UnguMhlobo wakho. Xa uphinda usoyika, khumbula ukuba uYehova angakunceda ungoyiki!

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO