ISIFUNDO 8
UYosiya Wayeneetshomi Ezilungileyo
Ucinga ukuba kunzima ukwenza izinto ezilungileyo?
Utata kaYosiya yayinguAmon, ukumkani wakwaYuda. UAmon wayesenza izinto ezimbi yaye wayenqula izithixo. Emva kokufa kukatata wakhe, uYosiya waba ngukumkani kwaYuda. Wayeneminyaka nje esibhozo xa waba ngukumkani! Ucinga ukuba naye uYosiya wenza izinto ezimbi njengotata wakhe?— Akunjalo!
Nangona wayesemncinci, uYosiya wayefuna ukumamela uYehova. Wazikhethela iitshomi ezithanda uYehova. Zamnceda ukuba enze izinto ezilungileyo. Yayingoobani amagama ezinye zeetshomi zakhe?
Omnye wazo yayinguZefaniya. UZefaniya wayengumprofeti owayelumki
sa abantu bakwaYuda ukuba mabayeke ukunqula izithixo okanye babeza kwehlelwa yintlekele. UYosiya wammamela uZefaniya waza wakhonza uYehova kunokuba akhonze izithixo.Enye itshomi kaYosiya yayinguYeremiya. Babebulingana ngeminyaka, ibe amakhaya abo ayesondelelene. Babeziitshomi ezinkulu, kangangokuba xa uYosiya wafayo, uYeremiya wabhala ingoma echaza indlela amkhumbula ngayo. UYeremiya noYosiya bancedana ukuze benze okulungileyo baze bathobele uYehova.
UYosiya noYeremiya bancedana ukuze benze izinto ezilungileyo
Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaYosiya?— Nangona uYosiya wayeyinkwenkwana, wafuna ukwenza izinto ezilungileyo. Wayesazi ukuba iitshomi zakhe kufuneka ibe ngabantu abathanda uYehova. Nawe ke, kufuneka ukhethe iitshomi ezithanda uYehova nezinokukunceda wenze izinto ezilungileyo!