Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 8

UYosiya Wayeneetshomi Ezilungileyo

UYosiya Wayeneetshomi Ezilungileyo

Ucinga ukuba kunzima ukwenza izinto ezilungileyo?Abantu abaninzi bathi kunzima. IBhayibhile isixelela ngenye inkwenkwe egama layo linguYosiya, ekwakunzima ukuba yenze into elungileyo. Yancedwa ziitshomi zayo ezilungileyo. Makhe sifunde ngoYosiya kunye neetshomi zakhe.

Utata kaYosiya yayinguAmon, ukumkani wakwaYuda. UAmon wayesenza izinto ezimbi yaye wayenqula izithixo. Emva kokufa kukatata wakhe, uYosiya waba ngukumkani kwaYuda. Wayeneminyaka nje esibhozo xa waba ngukumkani! Ucinga ukuba naye uYosiya wenza izinto ezimbi njengotata wakhe?— Akunjalo!

UZefaniya walumkisa abantu ukuba banganquli izithixo

Nangona wayesemncinci, uYosiya wayefuna ukumamela uYehova. Wazikhethela iitshomi ezithanda uYehova. Zamnceda ukuba enze izinto ezilungileyo. Yayingoobani amagama ezinye zeetshomi zakhe?

Omnye wazo yayinguZefaniya. UZefaniya wayengumprofeti owayelumkisa abantu bakwaYuda ukuba mabayeke ukunqula izithixo okanye babeza kwehlelwa yintlekele. UYosiya wammamela uZefaniya waza wakhonza uYehova kunokuba akhonze izithixo.

Enye itshomi kaYosiya yayinguYeremiya. Babebulingana ngeminyaka, ibe amakhaya abo ayesondelelene. Babeziitshomi ezinkulu, kangangokuba xa uYosiya wafayo, uYeremiya wabhala ingoma echaza indlela amkhumbula ngayo. UYeremiya noYosiya bancedana ukuze benze okulungileyo baze bathobele uYehova.

UYosiya noYeremiya bancedana ukuze benze izinto ezilungileyo

Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaYosiya?— Nangona uYosiya wayeyinkwenkwana, wafuna ukwenza izinto ezilungileyo. Wayesazi ukuba iitshomi zakhe kufuneka ibe ngabantu abathanda uYehova. Nawe ke, kufuneka ukhethe iitshomi ezithanda uYehova nezinokukunceda wenze izinto ezilungileyo!

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO