Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 9

UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova

UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova

Kutheni abantu becatshukiswa nguYeremiya?

UYehova wamsindisa uYeremiya

Ngamaxesha athile abantu bahlekisa ngathi okanye babe nomsindo xa sithetha nabo ngoYehova. Banokusenza sifune ukuyeka ukuthetha ngoThixo. Zange ukhe uzive ufuna ukuyeka wena?— IBhayibhile isichazela ngomfana owayethanda uYehova owakhe waphantse wayeka ukuthetha ngaye. Igama lakhe yayinguYeremiya. Makhe sifunde ngaye.

Xa uYeremiya wayesengumfana, uYehova wathi kufuneka alumkise abantu ukuba bayeke ukwenza izinto ezimbi. Kwakungekho lula oko, ibe uYeremiya wayesoyika. Wathi kuYehova: ‘Andazi ukuba ndiza kuthini. Ndiseyinkwenkwe nje.’ Kodwa uYehova wathi kuye: ‘Musa ukoyika. Ndiza kukunceda.’

UYeremiya waqalisa ke ukulumkisa abantu ukuba baza kohlwaywa xa bengayeki ukwenza izinto ezimbi. Ucinga ukuba abantu bammamela uYeremiya?Abazange bammamele. Bamgezela, abanye bacaphuka. Abanye babefuna nokumbulala! Ucinga ukuba wavakalelwa njani uYeremiya?— Wayesoyika, ibe wathi: ‘Andizukuphinda ndithethe ngoYehova.’ Ngaba wayeka nyhani ukuthetha ngoYehova?— Akunjalo. Wayemthanda kakhulu uYehova kangangokuba zange akwazi ukuyeka ukuthetha ngaye. UYehova wamkhusela uYeremiya kuba engazange ayeke ukuthetha ngaye.

Ngokomzekelo, ngenye imini, amanye amadoda akhohlakeleyo amphosa kumngxuma onodaka uYeremiya. Wayengenakutya, engenawo namanzi. Loo madoda ayefuna uYeremiya afele kuloo mngxuma. Kodwa uYehova wamsindisa!

Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaYeremiya?— Nangona wayesoyika ngamanye amaxesha, akazange ayeke ukuthetha ngoYehova. Xa uthetha ngoYehova, abanye basenokukugezela okanye bacaphuke. Usenokuba neentloni okanye woyike. Kodwa ungaze uyeke ukuthetha ngoYehova. Uya kukunceda ngawo onke amaxesha, kanye njengoYeremiya.