ISIFUNDO 9
UYeremiya Akazange Ayeke Ukuthetha NgoYehova
Kutheni abantu becatshukiswa nguYeremiya?
UYehova wamsindisa uYeremiya
Ngamaxesha athile abantu bahlekisa ngathi okanye babe nomsindo xa sithetha nabo ngoYehova. Banokusenza sifune ukuyeka ukuthetha ngoThixo. Zange ukhe uzive ufuna ukuyeka wena?— IBhayibhile isichazela ngomfana owayethanda uYehova owakhe waphantse wayeka ukuthetha ngaye. Igama lakhe yayinguYeremiya. Makhe sifunde ngaye.
Xa uYeremiya wayesengumfana, uYehova wathi kufuneka alumkise abantu ukuba bayeke ukwenza izinto ezimbi. Kwakungekho lula oko, ibe uYeremiya wayesoyika. Wathi kuYehova: ‘Andazi ukuba ndiza kuthini. Ndiseyinkwenkwe nje.’ Kodwa uYehova wathi kuye: ‘Musa ukoyika. Ndiza kukunceda.’
Ngokomzekelo, ngenye imini, amanye amadoda akhohlakeleyo amphosa kumngxuma onodaka uYeremiya. Wayengenakutya, engenawo namanzi. Loo madoda ayefuna uYeremiya afele kuloo mngxuma. Kodwa uYehova wamsindisa!
Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaYeremiya?— Nangona wayesoyika ngamanye amaxesha, akazange ayeke ukuthetha ngoYehova. Xa uthetha ngoYehova, abanye basenokukugezela okanye bacaphuke. Usenokuba neentloni okanye woyike. Kodwa ungaze uyeke ukuthetha ngoYehova. Uya kukunceda ngawo onke amaxesha, kanye njengoYeremiya.