Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

UYesu Wayemamela Ngalo Lonke Ixesha

UYesu Wayemamela Ngalo Lonke Ixesha

Ngaba kusoloko kulula ukumamela abazali bakho?— Ngamany’ amaxesha kuba kunzima. Ubusazi ukuba uYesu wayemamela uYehova nabazali bakhe?— Ukwenza njengaye kunokukunceda nawe umamele abazali bakho nokuba kunzima. Makhe sifunde ngoku.

Ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, wayehlala noYise uYehova ezulwini. Kodwa uYesu wayenabo abazali nalapha emhlabeni. Abazali bakhe yayinguYosefu noMariya. Uyazi ukuba kwenzeka njani ukuze babe ngabazali bakaYesu?—

UYehova wafaka ubomi bukaYesu kwisisu sikaMariya ukuze azalwe apha emhlabeni. Yayingummangaliso le nto! UYesu wakhulela kwisisu sikaMariya njengokuba nabanye abantwana bekhulela kwizisu zoomama babo. Wazalwa kwiinyanga ezimalunga nezisithoba. Ngoko uMariya nomyeni wakhe uYosefu baba ngabazali bakaYesu balapha emhlabeni.

Xa uYesu wayeneminyaka eyi-12, wenza into eyabonisa indlela amthanda ngayo uYise, uYehova. Oku kwenzeka xa uYesu nentsapho yakowabo bahamba umgama omde besiya kwiPasika eyayiseYerusalem. Xa bebuya, uYesu walahleka. Uyamazi ukuba wayephi?—

Wayesenza ntoni uYesu etempileni?

UYosefu noMariya bakhawuleza babuyela eYerusalem besiya kumkhangela. Babekhathazekile kuba babengamboni. Bamfumana emva kweentsuku ezintathu esetempileni! Uyazi ukuba kwakutheni ukuze uYesu abe setempileni?— Kuba wayefuna ukufunda ngoYise, uYehova. Wayemthanda uYehova, ngoko wayefuna ukufunda indlela anokumvuyisa ngayo. Naxa wayesele emdala, uYesu wayesoloko emmamela uYehova, nokuba sekunzima. Ngaba wayesoloko emmamela uYosefu noMariya?— Ewe, iBhayibhile itsho njalo.

Yintoni onokuyifunda kumzekelo kaYesu?— Kufuneka ubamamele abazali bakho, nokuba kunzima. Uza kuyenza ke loo nto?—

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO