Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 14

UBukumkani Obuya Kulawula Wonke Umhlaba

UBukumkani Obuya Kulawula Wonke Umhlaba

Khawutsho, ucinga ukuba bobuphi obu Bukumkani sithetha ngabo?— BuBukumkani bukaThixo, uBukumkani obuya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Uyafuna ukufunda ezinye izinto ngobu Bukumkani?—

Ubukumkani ngabunye bunokumkani wabo. Lo kumkani ulawula abantu abakumhlaba wakhe. Uyamazi uKumkani woBukumkani bukaThixo?— NguYesu Kristu. Yena uhlala ezulwini. Kungekudala uza kulawula wonke umntu olapha emhlabeni! Ucinga ukuba siya konwaba xa uYesu elawula umhlaba wonke?

Yintoni ofuna ukuyibona eParadesi?

Siya konwaba kakhulu! EParadesi, akukho bantu baza kulwa okanye baye emfazweni. Bonke abantu baya kuthandana. Akukho mntu uya kugula okanye afe. Abantu abangaboniyo baya kubona, abangevayo baya kuva, nabo bangakwaziyo ukuhamba baya kubaleka bade baxhuma-xhume. Wonke umntu uya kuba nokutya okuninzi. Izilwanyana ziya kuhlala kunye zize zihlale nabantu. Abantu abafileyo baya kuvuswa emangcwabeni. Amadoda nabafazi abaninzi ofunde ngabo kule ncwadi inemifanekiso, abanjengoRebheka, uRahabhi, uDavide noEliya baya kuphinda baphile! Wena uyafuna ukubabona xa bevuswa emangcwabeni?—

UYehova uyakuthanda kwaye ufuna wonwabe. Ukuba ufunda qho ngoYehova uze umthobele, nawe uya kuphila kwiparadesi entle! Uyafuna ukuphila eparadesi?—