Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 1

“Mabufike UBukumkani Bakho”

“Mabufike UBukumkani Bakho”

INJONGO YESI SAHLUKO

Kukuhlolisisa oko kwafundiswa nguYesu ngoBukumkani bukaThixo

1, 2. Ngawaphi amazwi awathethwa nguYehova kubapostile bakaYesu abathathu, yaye benza ntoni?

UKUBA uYehova uThixo ebekuyalele ukuba wenze into, ubuya kuthini? Enoba ebekucela ukuba wenze ntoni, ngaba ubungayi kuyenza loo nto? Ngokuqinisekileyo ubuza kuyenza!

2 Yiloo nto kanye eyehlela abapostile bakaYesu abathathu—uPetros, uYakobi noYohane—emva kwePasika yonyaka ka-32. (Funda uMateyu 17:1-5.) Behleli neNkosi yabo phezu ‘kwentaba ephakamileyo,’ babona umbono kaYesu enguKumkani wasezulwini ozukileyo. Lo mbono wabonakala uyinto yokwenene kangangokuba noPetros wafuna ukungenelela. Wathi esathetha uPetros, bagutyungelwa lilifu. Emva koko yena nabanye abapostile beva into engazange iviwe ngabantu—ilizwi likaYehova ngenkqu. Emva kokuqinisekisa ukuba uYesu nguNyana wakhe, uYehova wathi: “Mphulaphuleni yena.” Abapostile bawuthobela lo myalelo kaThixo. Baziphulaphula izinto ezazifundiswa nguYesu, baza babongoza nabanye ukuba benjenjalo.—IZe. 3:19-23; 4:18-20.

Kwizinto uYesu awathetha ngazo, eyona wathetha kakhulu ngayo buBukumkani bukaThixo

3. Kutheni uYehova efuna siphulaphule uNyana wakhe, yaye nguwuphi umbandela awathetha ngawo esimele siwuhlolisise?

3 Loo mazwi aseBhayibhileni athi: “Mphulaphuleni yena,” abhalelwa ukufundisa thina. (Roma 15:4) Ngoba? Kaloku uYesu sisithethi sikaYehova yaye sihlandlo ngasinye efundisa abantu, wayebaxelela oko uYise afuna bakwazi. (Yoh. 1:1, 14) Ekubeni uYesu wathetha gqitha ngoBukumkani bukaThixo, urhulumente wasezulwini obunjwa nguye njengoMesiya nabanye abalawuli abayi-144 000, simele siwuhlolisise lo mbandela ubalulekileyo. (ISityhi. 5:9, 10; 14:1-3; 20:6) Okokuqala, makhe sihlolisise isizathu esabangela ukuba uYesu athethe kangaka ngoBukumkani bukaThixo.

“Umlomo Uthetha Ngokuphuphuma Kwentliziyo. . . ”

4. UYesu wabonisa njani ukuba uyabuthanda uBukumkani?

4 UYesu uyabuthanda uBukumkani. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba amazwi abonisa oko kusentliziyweni—oko kukuthi, izinto esizithethayo zibonisa ezona zinto zibalulekileyo kuthi. UYesu wathi: “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Mat. 12:34) Ngalo lonke ixesha uYesu wayethetha ngoBukumkani. Zingaphezu kwe-100 iimbekiselo ezithetha ngoBukumkani kwiincwadi ezine zeVangeli, inkoliso yazo ngamazwi awayethethwa nguYesu. Umxholo wentshumayelo yakhe yayibuBukumkani, esithi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) Kwanasemva kokuvuswa kwakhe, uYesu akazange ayeke ukuthetha ngoBukumkani kubafundi bakhe. (IZe. 1:3) Ngokuqinisekileyo wayebuthanda gqitha uBukumkani kangangokuba wayeziva enyanzelekile ukuba athethe ngabo.

5-7. (a) Sazi njani ukuba uYehova uyabuthanda uBukumkani? Zekelisa. (b) Sinokubonisa njani ukuba siyabuthanda uBukumkani?

5 NoYehova uyabuthanda uBukumkani. Sikwazi njani oko? Khumbula ukuba uYehova wathumela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini; yonke into eyayithethwa neyayifundiswa nguNyana wakhe yayivela kuye. (Yoh. 7:16; 12:49, 50) Zonke izinto ezikwiincwadi ezine zeVangeli ezithetha ngobomi nobulungiseleli bukaYesu zivela kuYehova. Khawucinge ngoko kuthethwa koku.

Ngamnye wethu wenza kakuhle xa ezibuza oku, ‘Ngaba ndiyabuthanda uBukumkani bukaThixo?’

6 Khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho usenza ialbham yeefoto zentsapho. Kukho iifoto ezininzi phambi kwakho, kodwa azinakungena zonke kule albham. Uza kwenza ntoni? Uza kukhetha ofuna ukuzifaka. Zinjalo ke neencwadi zeVangeli, zifana nealbham yeefoto ezisenza simazi kakuhle uYesu. UYehova akazange aphefumlele ababhali beVangeli ukuba babhale yonke into eyathethwa neyenziwa nguYesu ngoxa wayelapha emhlabeni. (Yoh. 20:30; 21:25) Kunoko, umoya kaYehova wabakhokelela ekubeni babhale amazwi nezinto ezenziwa nguYesu ezinokusinceda siqonde injongo yobulungiseleli bakhe neyona nto ibalulekileyo kuYehova. (2 Tim. 3:16, 17; 2 Pet. 1:21) Ekubeni iincwadi zeVangeli zineemfundiso zikaYesu ezithetha ngoBukumkani bukaThixo, sinokuqiniseka ukuba uYehova uyabuthanda uBukumkani. Sinokuqonda ukuba uYehova ufuna sazi yonke into ephathelele uBukumkani bakhe!

7 Ngamnye wethu wenza kakuhle xa ezibuza oku, ‘Ngaba ndiyabuthanda uBukumkani bukaThixo?’ Ukuba siyabuthanda, siya kuba nomdla wokuphulaphula oko kwathethwa nokwafundiswa nguYesu ngoBukumkani—indlela obubaluleke ngayo nokuba buya kufika njani yaye nini.

“Mabufike Ubukumkani Bakho”—Njani?

8. UYesu wakushwankathela njani ukubaluleka koBukumkani?

8 Khawucinge ngomthandazo owafundiswa nguYesu. Ngamazwi abangel’ umdla nalula, washwankathela ukubaluleka koBukumkani, ebonisa into obuya kuyenza. Lo mthandazo unezibongozo ezisixhenxe. Ezintathu zokuqala zithetha ngenjongo kaYehova—ukungcwaliswa kwegama lakhe, ukuza koBukumkani bakhe nokwenziwa kokuthanda kwakhe emhlabeni njengasezulwini. (Funda uMateyu 6:9, 10.) Zontathu ezi zibongozo ziyelelene. UBukumkani bukaMesiya sisixhobo esiya kusetyenziswa nguYehova ukuze angcwalise igama lakhe kuze kwenziwe ukuthanda kwakhe.

9, 10. (a) Yintoni eya kwenziwa buBukumkani bukaThixo xa bufika? (b) Sisiphi isithembiso seBhayibhile olangazelela ukusibona xa sisenzeka?

9 Buya kufika njani uBukumkani bukaThixo? Xa sithandaza sisithi, “Mabufike uBukumkani bakho,” sicela ukuba uBukumkani mabulawule. Xa bufika, buya kuwulawula ngokupheleleyo umhlaba. Buya kuphelisa le nkqubo yezinto ingendawo, kuquka bonke oorhulumente babantu, buze buzise ihlabathi elitsha elinobulungisa. (Dan. 2:44; 2 Pet. 3:13) Ngoko, xa kulawula obu Bukumkani, wonke umhlaba uya kuba yiparadesi. (Luka 23:43) Abo basenkumbulweni kaThixo baya kuvuswa baze baphinde bamanyaniswe nabo babathandayo. (Yoh. 5:28, 29) Abantu abathobelayo baya kufezeka baze banandiphe ubomi obungenasiphelo. (ISityhi. 21:3-5) Ekugqibeleni, ukuthanda kukaYehova uThixo kuya kwenziwa emhlabeni njengasezulwini! Ngaba awukulangazeleli ukubona ezo zithembiso zeBhayibhile xa zisenzeka? Khumbula ukuba, ngalo lonke ixesha uthandazela uBukumkani bukaThixo ukuba bufike, uthandazela ukuba kwenzeke ezo zithembiso zivuyisayo.

10 Kucacile ukuba uBukumkani bukaThixo ‘abukafiki’ ukuze kuphendulwe lo mthandazo kaYesu. Ngoku kusalawula oorhulumente babantu yaye ihlabathi elitsha elinobulungisa alikabikho. Sekunjalo, nazi iindaba ezimnandi. UBukumkani bukaThixo sele bumiselwe, yaye oku siza kuxubusha ngako kwisahluko esilandelayo. Makhe sihlolisise ukuba uYesu wathi babuza kumiselwa buze bufike nini uBukumkani.

Babuza Kumiselwa Nini UBukumkani BukaThixo?

11. Yintoni uYesu awayibonisayo ngokumiselwa koBukumkani bukaThixo?

11 UYesu wabonisa ukuba uBukumkani babungazi kumiselwa ngexesha labapostile, nakuba abalandeli bakhe babecinga njalo. (IZe. 1:6) Cinga ngoko wakuthethayo kwimizekeliso yakhe emibini awayithetha ngamaxesha ahlukeneyo kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini.

12. Umzekeliso wengqolowa nokhula ubonisa njani ukuba uBukumkani abuzange bumiselwe ngexesha labapostile?

12 Umzekeliso wengqolowa nokhula. (Funda uMateyu 13:24-30.) Emva kokuba uYesu enze lo mzekeliso, mhlawumbi ngentwasahlobo yonyaka ka-31 ngexesha labapostile, wawucacisa kubafundi bakhe. (Mat. 13:36-43) Nanku umongo walo mzekeliso nentsingiselo yawo: Emva kokufa kwabapostile, uMtyholi wayeza kuhlwayela ukhula (abantu abazenza amaKristu) phakathi kwengqolowa (‘oonyana boBukumkani,’ okanye amaKristu athanjisiweyo). Ingqolowa kunye nokhula zaziza kuyekwa zikhule kunye de kube lixesha lokuvuna, ‘ukupheliswa kwenkqubo yezinto.’ Emva kokuqalisa kwexesha lokuvuna, kwakuza kuqokelelwa ukhula. Emva koko, kwakuza kuhlanganiswa ingqolowa. Ngoko lo mzekeliso ubonisa ukuba uBukumkani babungazi kumiselwa ngexesha labapostile, kodwa babuza kumiselwa emva kokuba ingqolowa nokhula zigqibile ukukhula. Ngoko emva kokuba zigqibile ukukhula lafika ixesha lokuvuna ngo-1914.

13. Nguwuphi umzekeliso owenziwa nguYesu obonisa ukuba wayengazi kumiselwa njengoKumkani onguMesiya emva nje kokuba ebuyele ezulwini?

13 Umzekeliso wemina. (Funda uLuka 19:11-13.) Lo mzekeliso uYesu wawenza ngonyaka ka-33 wexesha labapostile, esendleleni eya eYerusalem okokugqibela. Abanye kwabo babemphulaphule babecinga ukuba uBukumkani wayeza kubumisela akufika eYerusalem. Ukuze alungise ezo ngcinga zabo aze ababonise ukuba uBukumkani babungekazukufika, uYesu wazifanisa ‘nomntu osisidwangube’ owayeza ‘kuya kwilizwe elikude ukuya kuzizuzela ngokunqabisekileyo igunya lakomkhulu.’ * Kwimeko kaYesu, ‘ilizwe elikude’ yayilizulu, apho uYise wayeza kumnika amandla okuba nguKumkani. Kodwa uYesu wayesazi ukuba wayengazi kumiselwa njengoKumkani onguMesiya emva nje kokuba ebuyele ezulwini. Kunoko, wayeza kuhlala ngasekunene kukaThixo aze alinde de kufike ixesha elimisiweyo. Kuyabonakala ukuba walinda amakhulu eminyaka.—INdu. 110:1, 2; Mat. 22:43, 44; Heb. 10:12, 13.

Buya Kufika Nini UBukumkani BukaThixo?

14. (a) UYesu wawuphendula njani umbuzo wabapostile bakhe abane? (b) Inzaliseko yesiprofeto sikaYesu isixelela ntoni ngobukho bakhe noBukumkani?

14 Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba uYesu abulawe, abapostile bakhe abane bambuza: “Uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” (Mat. 24:3; Mar. 13:4) UYesu wabaphendula ngesiprofeto esikuMateyu isahluko 24 no-25. Wachaza iziganeko ezahlukahlukeneyo ezaziza kwenzeka ehlabathini nezaziya kuba ngumqondiso ‘wobukho’ bakhe. Ubukho bakhe babuza kuqalisa xa kumiselwa uBukumkani; ize incopho yabo ibe kukufika kwabo. Sinezizathu ezininzi ezibonisa ukuba isiprofeto sikaYesu siye sazaliseka ukususela ngo-1914. * Ngenxa yoko, lowo yaba ngunyaka wobukho bakhe nowokumiselwa koBukumkani.

15, 16. Abhekisela koobani amagama athi “esi sizukulwana”?

15 Ngoko ke, ekugqibeleni buza kufika nini uBukumkani bukaThixo? UYesu akazange alichaze elona xesha babuza kufika ngalo. (Mat. 24:36) Kodwa ikho into awayithethayo efanele isenze siqiniseke ukuba bukufuphi. UYesu wathi uBukumkani babuza kufika emva kokuba “esi sizukulwana” sibone ukuzaliseka komqondiso wesiprofeto sakhe. (Funda uMateyu 24:32-34.) Libhekisela koobani ibinzana elithi “esi sizukulwana”? Makhe sihlalutye la mazwi kaYesu.

16 “Esi sizukulwana.” Ngaba uYesu wayecinga ngabantu abangakholwayo? Akunjalo. Khawucinge ngabantu ababemphulaphule. Esi siprofeto uYesu wayesixelela abapostile abambalwa, ‘ababeye kuye ngasese.’ (Mat. 24:3) Kungekudala aba bapostile babeza kuthanjiswa ngomoya oyingcwele. Kwakhona cinga ngomongo. Ngaphambi kokuba athethe ‘ngesi sizukulwana,’ uYesu wathi: “Ke kaloku fundani kuwo umkhiwane le ngongoma njengomzekeliso: Kwakamsinya nje lakuba isetyana lawo lithamba lize livelise amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokunjalo nani, xa nibona zonke ezi zinto, yazini ukuba ukufuphi eminyango.” Abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo—kungekhona abantu abangakholwayo—babeza kubona izinto awayeprofete ngazo baze bazi ukuba zithetha ukuba uYesu “ukufuphi eminyango.” Ngoko ke, xa uYesu wayethetha ‘ngesi sizukulwana,’ wayecinga ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo.

17. Yintoni intsingiselo yegama elithi ‘isizukulwana’ neyebinzana elithi “zonke ezi zinto”?

17 “Asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.” Ayeza kungqineka njani eyinyaniso loo mazwi? Ukuze sikwazi ukuphendula, kufuneka sazi ezi zinto zimbini: intsingiselo yegama elithi ‘isizukulwana’ neyebinzana elithi “zonke ezi zinto.” Ibinzana elithi ‘isizukulwana’ lidla ngokubhekisela kubantu abangalinganiyo ngeminyaka kodwa abaye baphila kangangethuba elithile ngaxeshanye. Isizukulwana asiphili ixesha elide kakhulu kodwa siyaphela. (Eks. 1:6) Ibinzana elithi “zonke ezi zinto” liquka zonke iziganeko ekwathiwa ziza kubakho ngexesha lobukho bukaYesu, ukususela ekufikeni kwakhe ngo-1914 ukusa kwintlekele ‘yembandezelo enkulu.’—Mat. 24:21.

18, 19. Sinokuwaqonda njani amazwi kaYesu athetha ‘ngesi sizukulwana,’ yaye sinokugqiba ngelithini?

18 Ngoko ke, sinokuwaqonda njani amazwi kaYesu athetha ‘ngesi sizukulwana’? Isizukulwana sibunjwa ngamaqela amabini abathanjiswa aye aphila kangangethuba elithile ngaxeshanye—elokuqala, libunjwa ngabathanjiswa ababephila xa kwakuqalisa ukuzaliseka komqondiso ngo-1914 lize elesibini libe ngabathanjiswa abaye baphila kangangethuba elithile ngaxeshanye neqela lokuqala. Abanye beli qela lesibini baya kuphila de kuqalise imbandezelo. La maqela mabini asisizukulwana esinye kuba aye aphila ngaxeshanye njengamaKristu athanjisiweyo. *

19 Ngoko sinokugqiba ngelithini? Siyazi ukuba umqondiso wobukho bukaYesu esemandleni oBukumkani ubonakala kulo lonke ihlabathi. Siyabona nokuba abathanjiswa abasaphilayo nabayinxalenye ‘yesi sizukulwana’ bayaluphala; sekunjalo, abayi kufa bonke ingekaqalisi imbandezelo enkulu. Ngoko ke, sinokufikelela kwisigqibo sokuba uBukumkani bukaThixo buza kufika kungekudala buze bulawule emhlabeni! Siya kuvuya ngokwenene xa sibona ukuzaliseka komthandazo esawufundiswa nguYesu othi: “Mabufike uBukumkani bakho”!

20. Nguwuphi umbandela obalulekileyo esiza kuthetha ngawo kule ncwadi, yaye yintoni eza kuhlolwa kwisahluko esilandelayo?

20 Singaze siwalibale amazwi awathethwa nguYehova esezulwini ngoNyana wakhe esithi: “Mphulaphuleni yena.” NjengamaKristu okwenyaniso, sizimisele ukuluthobela olo lwalathiso lukaThixo. Sinomdla kuyo yonke into eyathethwa neyafundiswa nguYesu ngoBukumkani bukaThixo. Into esele ifezwe neza kwenziwa bobu Bukumkani kwixa elizayo ngumbandela obalulekileyo esiza kuthetha ngawo kule ncwadi. Kwisahluko esilandelayo siza kuhlola izinto ezichulumancisayo eziye zenzeka xa kumiselwa uBukumkani bukaThixo ezulwini.

^ isiqe. 13 Umzekeliso kaYesu usenokuba wakhumbuza abantu ababemphulaphule ngoArkelawo, unyana kaHerode Omkhulu. Ngaphambi kokuba uHerode afe, wamisela uArkelawo njengowayeza kulawula kwelakwaYuda nakweminye imimandla. Sekunjalo, ngaphambi kokuba alawule, uArkelawo kwafuneka ahambe umgama omde esiya eRoma ukuze afumane imvume ka-Agasto Kesare.

^ isiqe. 18 Nabani na othanjiswe emva kokufa kwelungu lokugqibela labathanjiswa beqela lokuqala—oko kukuthi, emva kwelo lalikho xa ‘kwakuqala inimba’ ngo-1914—akayonxalenye ‘yesi sizukulwana.’—Mat. 24:8.