Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 5

UKumkani Uzisa Ukukhanya NgoBukumkani

UKumkani Uzisa Ukukhanya NgoBukumkani

INJONGO YESI SAHLUKO

Abantu bakaThixo bayaziqonda iinyaniso ezibalulekileyo ngoBukumkani, abalawuli babo, abalawulwa kunye nemfuneko yokunyaniseka kubo

1, 2. UYesu wabonisa njani ukuba ungumkhenkethisi onobulumko?

YIBA nomfanekiso-ngqondweni wakho ubukiswa isixeko esihle kakhulu ngumntu oqhelileyo ukukhenkethisa abantu kuso. Wena kunye nabanye abakhenkethi niyaqala ukuza kwesi sixeko, ngoko ninomdla kuyo yonke into anichazela yona. Ngendlela eninomdla ngayo nide nimane nizibuza ngeendawo ezintle eningekaziboni kwesi sixeko. Xa nibuza lo mntu unikhenkethisayo ngazo, akaniphenduli kwangoko de nifike kuzo. Niya niyithanda le ndlela yobulumko enza ngayo kuba unichazela yonk’ into enifuna ukuyazi ngexesha enifanele niyazi ngalo.

2 AmaKristu okwenyaniso akwimeko efanayo neyaba bakhenkethi. Sichulumanciswa kukufunda ngesona sixeko sakha sasihle, “isixeko esineziseko zokwenene,” uBukumkani bukaThixo. (Heb. 11:10) Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wabakhenkethisa abalandeli bakhe, ebanika ulwazi olunzulu ngobo Bukumkani. Ngaba wayiphendula yonke imibuzo yabo, ebaxelela yonk’ into ngobo Bukumkani? Nakanye! Wathi: “Ziseninzi izinto endinokuzithetha kuni, kodwa aninakukwazi ukuzithwala okwangoku.” (Yoh. 16:12) Njengoyena mkhenkethisi unobulumko, uYesu akazange abangxale ngolwazi ababengekakwazi ukuluthwala.

3, 4. (a) UYesu uye waqhubeka ebafundisa njani abantu abathembekileyo ngoBukumkani bukaThixo? (b) Siza kuhlolisisa ntoni kwesi sahluko?

3 Ngobusuku bakhe bokugqibela esemhlabeni, uYesu wathetha amazwi akuYohane 16:12. Emva kokufa kwakhe, wayeza kuqhubeka ebafundisa njani ngoBukumkani bukaThixo abantu abathembekileyo? Waqinisekisa abapostile bakhe esithi: “Umoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” * (Yoh. 16:13) Ngoko ke, singatsho ukuba umoya oyingcwele ufana nomkhenkethisi onomonde. Ngalo moya, uYesu ufundisa abalandeli bakhe yonke into abafuna ukuyazi ngoBukumkani bukaThixo, kodwa ngexesha elifanelekileyo.

4 Ngoku makhe sihlolisise indlela umoya oyingcwele kaYehova obuqhubeka uwakhokela ngayo amaKristu okwenyaniso ukuze abe nolwazi olungakumbi ngobo Bukumkani. Okokuqala, siza kuhlolisisa indlela esalazi ngayo ixesha obaqala ngalo ukulawula uBukumkani bukaThixo. Emva koko, siza kuhlolisisa ukuba iza kuba ngoobani abalawuli nabalawulwa bobu Bukumkani, kwanangamathemba abanawo. Okokugqibela, siza kubona indlela abalandeli bakaKristu abayiqonda kakuhle ngayo imfuneko yokunyaniseka kubo.

Ukwazi Unyaka Obalulekileyo

5, 6. (a) Ziziphi iingcinga ezingachananga ababenazo aBafundi BeBhayibhile ngokumiselwa koBukumkani nangokuvuna? (b) Kutheni iimpazamo ezinjalo zingafanele zibangele amathandabuzo okuba uYesu wayebakhokela abalandeli bakhe?

5 Njengokuba siye safunda kwiSahluko 2 sale ncwadi, kangangeminyaka, aBafundi BeBhayibhile babesithi u-1914 ngunyaka obalulekileyo esasiza kuzaliseka ngawo isiprofeto seBhayibhile. Ngelo xesha babesele bekholelwa ukuba ubukho bukaKristu buqalise ngo-1874, nokuba uqalise ukulawula ezulwini ngo-1878 yaye uBukumkani abuzukumiselwa ngokupheleleyo de ibe nguOktobha ka-1914. Ukuvuna kwakuza kuqalisa ngo-1874 ukusa ngo-1914 yaye kwakuza kuphelela ekuhlanganiselweni kwabathanjiswa ezulwini. Ngaba iimpazamo ezinjalo zifanele zibangele amathandabuzo okuba uYesu wayebakhokela abantu abathembekileyo ngomoya oyingcwele? Nakanye!

6 Khumbula umzekeliso wabakhenkethi okwisiqendu sokuqala. Xa abakhenkethi bebuza ngeendawo ezithile abangekafiki kuzo, ngaba umkhenkethisi uyathandabuzeka xa engayiphenduli kwangoko loo mibuzo? Nakanye! Ngokufanayo, nangona abantu bakaThixo baye ngamanye amaxesha bafuna ukwazi iinkcukacha ngenjongo kaYehova lingekafiki ixesha lokuba umoya oyingcwele ubakhokelele kuzo, uYesu ebebakhokela. Ngaloo ndlela, abantu abathembekileyo baye bavuma ukulungiswa yaye ngokuthobeka bayitshintsha indlela ebebezijonga ngayo izinto.—Yak. 4:6.

7. Abantu bakaThixo baye bakhanyiselwa ngoluphi ulwazi lweBhayibhile?

7 Kwiminyaka eyalandela oka-1919, abantu bakaThixo baye bemana bekhanyiselwa ngolwazi lweBhayibhile. (Funda iNdumiso 97:11.) Ngo-1925, iMboniselo yakhupha inqaku elalibalasele elalinomxholo othi “Ukuzalwa Kohlanga.” Leza nobungqina obungokweZibhalo bokuba uBukumkani bukaMesiya buye bazalwa ezulwini ngo-1914, ngaloo ndlela kuzaliseka isiprofeto esichazwe kwiSityhilelo isahluko 12 sokuba umfazi kaThixo osezulwini uzele umntwana. * Ngokubhekele phaya, elo nqaku lathi intshutshiso nobunzima obaviwa ngabantu bakaYehova ngaloo maxesha emfazwe, zazibonisa ukuba uSathana uye waphoselwa ngaphandle kwamazulu, “enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhi. 12:12.

8, 9. (a) Yacaciswa njani into yokuba uBukumkani bukaThixo buyeyona nto ibalulekileyo? (b) Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa?

8 Bubaluleke kangakanani uBukumkani? Ngo-1928, iMboniselo yaqalisa ukubonisa ukuba uBukumkani bubaluleke ngaphezu kokusindiswa komntu ngentlawulelo. Enyanisweni, uYehova uza kusebenzisa uBukumkani bukaMesiya ukungcwalisa igama lakhe, athethelele ulongamo lwakhe aze enze yonke intando yakhe.

9 UKristu wayeza kulawula nabani kobo Bukumkani? Ingoobani ababeza kulawulwa bubo? Yaye nguwuphi umsebenzi ababeza kuxakeka nguwo abalandeli bakaKristu?

Kuhlanganiswa Abathanjiswa

10. Yintoni ekwakusele kukudala beyazi abantu bakaThixo nge-144 000?

10 Kwiminyaka emininzi ngaphambi ko-1914, amaKristu okwenyaniso ayesele eqonda ukuba abalandeli bakaKristu abayi-144 000 baza kulawula naye ezulwini. * Abo Bafundi BeBhayibhile baqonda ukuba eli nani lelokoqobo yaye abo babumba eli nani baqalisa ukuqokelelwa ngemihla yabapostile.

11. Zintoni ezaya ziqondwa ngamalungu omtshakazi kaKristu ngokuphathelele umsebenzi wawo apha emhlabeni?

11 Kodwa, babeza kwenza ntoni abo babeza kuba ngamalungu omtshakazi kaKristu ngoxa beselapha emhlabeni? Aqonda ukuba uYesu wawubalaselisa umsebenzi wokushumayela waza wathi unento yokwenza nexesha lokuvuna. (Mat. 9:37; Yoh. 4:35) Njengokuba ubuvile kwiSahluko 2, kangangexesha elithile ayecinga ukuba umsebenzi wokuvuna wawuza kwenziwa kangangeminyaka eyi-40, uze uphele ngokuhlanganiselwa kwabathanjiswa ezulwini. Noko ke, ngenxa yokuba lo msebenzi waqhubeka usenziwa kwanasemva kweminyaka eyi-40, kwafuneka ingcaciso engakumbi. Ngoku siyazi ukuba owona nyaka owaqalisa ngawo umsebenzi wokuvuna ngu-1914. Elo yayilixesha lokwahlula ingqolowa kukhula, ixesha lokwahlula amaKristu enene kwawobuxoki. Lalifikile ixesha lokuqokelela intsalela yabo banethemba lokuphila ezulwini!

Unyaka ka-1914 waba ngunyaka elaqala ngawo ixesha lokuvuna (Funda isiqendu 11)

12, 13. Umzekeliso kaYesu weentombi ezilishumi ezinyulu noweetalente uzaliseke njani kwimihla yokugqibela?

12 Ukususela ngo-1919 ukuya phambili, uKristu ebeqhubeka ekhokela ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ukuze kubalaseliswe umsebenzi wokushumayela. Walinika elo lungelo ngexesha labapostile. (Mat. 28:19, 20) Wabonisa nokuba ziziphi iimpawu ekwakufuneka abalandeli bakhe babe nazo ukuze bakwazi ukuwenza lo msebenzi. Wayenza njani loo nto? Esebenzisa umzekeliso weentombi ezilishumi ezinyulu, wabonisa ukuba abathanjiswa kuza kufuneka bahlale belindile, belomeleza ukholo lwabo ukuba bafuna ukuba nenxaxheba kumsitho womtshato owawuza kuba sezulwini, xa uKristu emanyaniswa ‘nomtshakazi’ wakhe ongabo bayi-144 000. (ISityhi. 21:2) Nakumzekeliso weetalente, uYesu wafundisa ukuba abakhonzi bakhe abathanjisiweyo baza kuwukhuthalela umsebenzi wokushumayela abanike wona.—Mat. 25:1-30.

13 Kule minyaka ilikhulu idluleyo, abathanjiswa baye babonisa ukuba bathe qwa yaye bakhuthele. Ngokuqinisekileyo, ukuhlala kwabo bephaphile kuza kuvuzwa! Noko ke, ngaba umsebenzi omkhulu wawuza kuphelela nje ekufunweni kwabathanjiswa abasaseleyo abayinxalenye ye-144 000 eza kulawula noKristu?

UBukumkani Buhlanganisa Abalawulwa Basemhlabeni!

14, 15. Ngawaphi amaqela amane ekwathethwa ngawo kwiThe Finished Mystery?

14 Sekukudala amadoda namabhinqa athembekileyo enomdla wokwazi “isihlwele esikhulu” ekuthethwa ngaso kwiSityhilelo 7:9-14. Ayimangalisi ke loo nto, kuba ngaphambi kokuba uKristu atyhile ukuba ngoobani ababumba eli qela, zininzi izinto ezazithethwa ngalo neziye zatshintshwa zaza zaqondwa ngendlela ecacileyo nechanileyo, ibe siyazazi yaye siyazithanda namhlanje.

15 Ngo-1917, incwadi ethi The Finished Mystery yathi kukho “iintlobo ezimbini zabantu abaza kusindiswa ukuze bayokuphila eZulwini neentlobo ezimbini zabo baza kuphila emhlabeni.” Yayiza kuba ngoobani abantu abakula maqela nababenala mathemba angafaniyo osindiso? Elokuqala, yayiza kuba lelo le-144 000, elaliza kulawula noKristu. Elesibini, sisihlwele esikhulu. Phambili phaya, kwakucingwa ukuba aba ngabo babemele ukuba ngamaKristu okwenyaniso kodwa ababesahamba icawa. Babengenalukholo lomeleleyo olwaluza kubenza bayimele inyaniso. Ngenxa yoko, babeza kunikwa izikhundla eziphantsi ezulwini. Apha emhlabeni, kwakucingelwa ukuba iqela lesithathu ngabo “bamandulo ababenyanisekile”—abafana noAbraham, uMoses nabanye—ababeza kufumana izikhundla zokulawula iqela lesine elingabantu ngokubanzi.

16. Kukuphi ukukhanya okwafikayo ngo-1923 nango-1932?

16 Umoya oyingcwele wabakhokela njani abalandeli bakaKristu ukuze babe nolwazi, ngoku esiluthandayo? Olo lwazi lweza ngokwamanqanaba, kumane kukhanya ngokukhanya. Kwango-1923, iMboniselo yathetha ngeqela labantu elalingalindelanga ukuya kuphila ezulwini, elaliza kuphila apha emhlabeni ukuze lilawulwe nguKristu. Ngo-1932, iMboniselo yathetha ngoYonadabhi owaxhasa uYehu uKumkani wakwaSirayeli owayethanjiswe nguThixo ukuze kuliwe unqulo lobuxoki. (2 Kum. 10:15-17) Yathi kukho iqela labantu kule mihla yethu elalifana noYonadabhi, yaza yongeza ngokuthi uYehova uza kulikhusela “ukutyhubela iArmagedon” ukuze liphile apha emhlabeni.

17. (a) Kukuphi ukukhanya okwavela ngo-1935? (b) Ukufumana ulwazi olutsha ngesihlwele esikhulu kwenza amaKristu athembekileyo avakalelwa njani? (Funda ibhokisi ethi “ Kwatsho Kwee Xibilili.”)

17 Ngo-1935 kwavela ukukhanya. Kwindibano eyayiseWashington, D.C., isihlwele esikhulu sachazwa njengeqela labantu ababeza kuphila emhlabeni, nabakwazizimvu uYesu awathetha ngazo kumzekeliso wezimvu neebhokhwe. (Mat. 25:33-40) Isihlwele esikhulu sasiza kuba phakathi ‘kwezinye izimvu,’ awathi uYesu ngazo: “Nazo ezo ndimele ndize nazo.” (Yoh. 10:16) Xa isithethi, uJ. F. Rutherford, sathi: “Sicela baphakame bonke abo banethemba lokuphila emhlabeni.” Kwathi funqu abaninzi! Sathi: “Khanibone isihlwele esikhulu!” Abaninzi bavuyiswa kukuba ekugqibeleni bede balazi ithemba abanalo.

18. Nguwuphi umsebenzi abalandeli bakaKristu abaye bawenza yaye waba yintoni umphumo?

18 Ukususela ngoko ukusa phambili, uKristu uye wabakhokela abantu bakhe ukuze bahlanganise amalungu esihlwele esikhulu esiza kuphumela ngaphaya kwembandezelo enkulu siphila yaye sikhuselekile. Ekuqaleni, ukuthontelana kwesihlwele esikhulu kwakungakhawulezi ngendlela ekwakulindeleke ngayo, kangangokuba uMzalwan’ uRutherford wathi: “Kubonakala ngathi ‘isihlwele esikhulu’ asiyi kuba sikhulu kangako.” Kakade ke, siyayazi ngoku indlela uYehova aye wawusikelela ngayo umsebenzi wokuvuna ukususela ngoko! Bekhokelwa nguYesu nomoya oyingcwele, abathanjiswa nabanye abakhonzi ‘abazezinye izimvu’ baye baba “mhlambi mnye” bekhonza kunye phantsi ‘komalusi omnye,’ kanye njengokuba wayetshilo uYesu.

UMzalwan’ uRutherford wayengazi ukuba siza kuba sikhulu kangakanani isihlwele esikhulu (Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: NguNathan H. Knorr, uJoseph F. Rutherford noHayden C. Covington)

19. Liliphi igalelo esifanele sibe nalo kumsebenzi wokwandisa isihlwele esikhulu?

19 Inkitha yabantu abathembekileyo iza kuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi, ilawulwa nguKristu nabo bayi-144 000 abaza kulawula naye. Ngaba akuvuyisi ukucamngca ngendlela uKristu aye wabakhokela ngayo abantu bakaThixo ukuze bazi ithemba labo ngekamva elingokweZibhalo? Livuyisa ngokwenene ilungelo esinalo lokuchazela abantu esidibana nabo entsimini ngeli themba. Masizimisele ekushumayeleni kangangoko sinako ukuze isihlwele esikhulu siqhubeke sisanda, ukuze kudunyiswe igama likaYehova!—Funda uLuka 10:2.

Isihlwele esikhulu esisakhulayo nangoku

Okufunekayo Ukuze Unyaniseke KuBukumkani

20. Ziziphi iinxalenye ezintathu ezibumba intlangano kaSathana, yaye amaKristu amele azijonge njani?

20 Njengoko abantu bakaThixo babeqhubeka befunda ngoBukumkani, kwakufuneka bazi kakuhle ukuba kuthetha ukuthini ukunyaniseka kulo rhulumente wasezulwini. Ngo-1922, iMboniselo yachaza ukuba kukho iintlangano ezimbini, ekaYehova nekaSathana. EkaSathana ibunjwa ziinxalenye ezintathu—ezorhwebo, unqulo nemibutho yezopolitiko. Abo banyanisekileyo kuBukumkani bukaThixo obulawulwa nguKristu abafanele balahle ukunyaniseka kwabo ngokubandakanyeka ngendlela engafanelekanga kwenye yezi nxalenye zentlangano kaSathana. (2 Kor. 6:17) Kuthetha ukuthini oko?

21. (a) Ikhoboka elithembekileyo liye labalumkisa njani abantu bakaThixo ngamashishini amakhulu? (b) Ngo-1963 iMboniselo yatyhila ntoni “ngeBhabhiloni Enkulu”?

21 Imfundiso esekelwe eBhayibhileni evela kwikhoboka elithembekileyo iye yaqhubeka ibubhenca ubuqhophololo obuqhubeka kumashishini amakhulu, yaye iye yalumkisa abantu bakaThixo ukuba bangangeni kumgibe wawo ogqugqisileyo wokuthanda ubunewunewu. (Mat. 6:24) Ngokufanayo, iincwadi zethu ziye zaqhubeka ziyibhenca into eyiyo inxalenye yentlangano kaSathana elunqulo. Ngo-1963, iMboniselo yayibeka yacaca into yokuba “iBhabhiloni Enkulu” ayimeli iicawa nje kuphela, kodwa imela lonke unqulo lobuxoki. Njengoko siza kufunda kwiSahluko 10 sale ncwadi, abantu bakaThixo abavela kuwo onke amazwe nabaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo baye bancedwa ‘baphuma kuyo,’ baziyeka zonke izenzo zonqulo lobuxoki.—ISityhi. 18:2, 4.

22. Ngexesha leMfazwe Yehlabathi I, abantu bakaThixo babesiqonda njani isibongozo esikwabaseRoma 13:1?

22 Yintoni enokuthethwa ngemibutho yezopolitiko eyinxalenye yentlangano kaSathana? Ngaba kufanelekile ngamaKristu okwenyaniso ukuya kulwa ezimfazweni nokufak’ isandla kwiingxwabangxwaba zamazwe? Ngexesha leMfazwe Yehlabathi I, aBafundi BeBhayibhile babeqonda ukuba abalandeli bakaKristu abafanele babulale abanye abantu. (Mat. 26:52) Noko ke, kwabaninzi, isibongozo sokuthobela “amagunya awongamileyo” esikwabaseRoma 13:1, sasithetha ukuba bamele babe semkhosini, banxibe iimpahla zamajoni yaye baphathe nezixhobo zokulwa; kodwa xa becelwa ukuba babulale utshaba, bafanele badubule emoyeni.

23, 24. Ngexesha leMfazwe Yehlabathi II sasiwaqonda njani amaRoma 13:1, yaye abalandeli bakaKristu baye bakhokelelwa njani kulwazi oluchanileyo?

23 Xa kwakuqalisa iMfazwe Yehlabathi II ngo-1939, iMboniselo yangena nzulu kumbandela wokungathathi cala. Elo nqaku labonisa ngokucacileyo ukuba amaKristu awamele angenelele nangaluphi na uhlobo kwiimfazwe nakwiingxwabangxwaba zeli hlabathi likaSathana. Olo lwalathiso lwafika kanye ngexesha elifanelekileyo! Ngaloo ndlela abalandeli bakaKristu bakhuselwa kwityala legazi elimanyumnyezi ezadyobheka kulo iintlanga kuloo mfazwe. Noko ke, ekuqaleni kuka-1929, iincwadi zethu zazisithi amagunya awongamileyo ekuthethwa ngawo kwabaseRoma 13:1 yayingengomagunya asemhlabeni, kodwa nguYehova noYesu. Kwakusafuneka indlela echanileyo yokuwuqonda lo mbhalo.

24 Umoya oyingcwele wabakhokelela kanye kuloo ndlela ichanileyo abalandeli bakaKristu ngo-1962, xa amanqaku athetha ngabaseRoma 13:1-7 avela kwiMboniselo kaNovemba 15 nekaDisemba 1Ekugqibeleni, abantu bakaThixo bawazi ukuba uthetha ukuthini umgaqo wokuthobela awathetha ngawo uYesu kumazwi akhe adumileyo athi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Luka 20:25) Ngoku, amaKristu okwenyaniso ayazi ukuba la magunya ongamileyo ngawabantu yaye amele awathobele, kodwa ke, awathotyelwa kuyo yonke into. Xa la magunya efuna singamthobeli uYehova uThixo, senza njengabapostile, abathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” (IZe. 5:29) KwiSahluko 13 nese-14 sale ncwadi, siza kufunda okungakumbi ngendlela abantu bakaThixo abathe babonisa ngayo ukuba abathathi cala.

Likhulu ilungelo esinalo lokufundisa abanye ngethemba lobomi obungunaphakade!

25. Yintoni ekwenza uluxabise ukhokelo lomoya oyingcwele olubangele wabazi uBukumkani bukaThixo?

25 Khawucinge nje ngazo zonke izinto abazifundisiweyo abalandeli bakaKristu ngoBukumkani kule minyaka ilikhulu idluleyo. Siye safunda ukuba baqalisa nini ukulawula uBukumkani bukaThixo ezulwini, nendlela obubaluleke ngayo. Siwazi kakuhle amathemba amabini abanawo abantu abathembekileyo, elasezulwini nelasemhlabeni. Kwakhona, siyakwazi ukunyaniseka kuBukumkani bukaThixo ngoxa sibathobela xa kuyimfuneko oorhulumente babantu. Zibuze, ‘Ngaba bendinokuzazi ezi nyaniso zixabisekileyo ukuba uYesu Kristu ebengancedanga ikhoboka lakhe elithembekileyo ukuba lizazi lize lizifundise?’ Sisikelwe enqatheni nyhani kuba sikhokelwa nguKristu nomoya oyingcwele!

^ isiqe. 3 Ngokutsho kwenye incwadi, igama lesiGrike elithi “ukukhokela” kule vesi lithetha “ukubonisa indlela.”

^ isiqe. 7 Ngaphambili, kwakucingwa ukuba lo mbono wawubonisa umlo phakathi konqulo lwabahedeni baseRoma necawa yamaKatolika.

^ isiqe. 10 NgoJuni 1880, iZion’s Watch Tower yabonisa ukuba i-144 000 yayiza kuba ngamaYuda awayeza kube sele eguqukile ngo-1914. Noko ke, ngasekupheleni kuka-1880, kwakhutshwa inkcazelo esondeleyo kuleyo siye saqhubeka sibambelele kuyo ukususela ngoko.