Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 6

Abantu Abashumayelayo—Bazinikela Ngokuzithandela

Abantu Abashumayelayo—Bazinikela Ngokuzithandela

INJONGO YESI SAHLUKO

UKumkani uhlanganisa umkhosi wabashumayeli

1, 2. Nguwuphi umsebenzi omkhulu awaprofeta ngawo uYesu, yaye nguwuphi umbuzo obalulekileyo?

ABALAWULI BEZOPOLITIKO basoloko bethembisa kodwa bangenzi. Kwanabo bafuna ngokwenene ukwenza izinto ezintle basenokungakwazi ukuzenza ezo zinto bazithembisileyo, kodwa yena uKumkani onguMesiya uYesu Kristu, akathembisi aze angenzi.

2 Emva kokuba emiselwe wanguKumkani ngo-1914, uYesu wayesele ekulungele ukuzalisekisa isiprofeto awasenza kwiminyaka eyi-1 900 ngaphambili. Kanye ngaphambi kokuba afe, uYesu waprofeta wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba.” (Mat. 24:14) Inzaliseko yaloo mazwi yayiza kuba yinxalenye yomqondiso wobukho bakhe enguKumkani. Noko ke, umbuzo ngulo: Lo Kumkani wayeza kukwazi njani ukuhlanganisa umkhosi wabantu abaza kushumayela ngokuzithandela kule mihla yokugqibela—ixesha laxa abantu babeza kuba ngabo bangenaxesha lamntu, abangenaluthando nabangafuni nokulubona unqulo? (Mat. 24:12; 2 Tim. 3:1-5) Kunyanzelekile siyazi impendulo yalo mbuzo kuba ibandakanya onke amaKristu okwenyaniso.

3. Yintoni uYesu awayeqiniseke ngayo, yaye yintoni eyayibangela ukuba aqiniseke kangako?

3 Makhe siphinde sihlolisise amazwi esiprofeto sikaYesu. Ngaba amazwi athi “ziya kushunyayelwa” abonisa indlela awayeqiniseke ngayo? Kunjalo kanye! UYesu wayeqinisekile ukuba kwakuza kubakho abantu abaza kumxhasa ngokuzithandela ngemihla yokugqibela. Yintoni eyayibangela ukuba aqiniseke kangako? Wafunda kuYise. (Yoh. 12:45; 14:9) Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, wazibonela indlela uYehova awayeqiniseke ngayo ukuba wayeza kuba nabantu ababeza kumkhonza ngokuzithandela. Makhe sibone indlela uYehova awayibonisa ngayo indlela awayeqiniseke ngayo.

“Abantu Bakho Baya Kuzinikela Ngokuvumayo”

4. Nguwuphi umsebenzi uYehova awamema amaSirayeli ukuba ancedise kuwo, yaye ngaba ancedisa?

4 Khumbula into eyenzekayo xa uYehova wayalela uMoses ukuba akhe umnquba okanye intente olwaluza kunqulela kuyo uhlanga lakwaSirayeli. UYehova wathuma uMoses ukuba ameme bonke abantu ukuze baye kumncedisa kuloo msebenzi. UMoses wathi kubo: ‘Bonke abantliziyo zivumayo mabazise umnikelo kuYehova.’ Benza ntoni abantu? “Baqhubeka . . . beyizisa iminikelo yokuzithandela imiso ngemiso.” Bazisa iminikelo emininzi kangangokuba bade ‘bapheza okanye bayekiswa ke abantu ukuzisa’! (Eks. 35:5; 36:3, 6) AmaSirayeli akazange amdanise uYehova.

5, 6. NgokweNdumiso 110:1-3, uYehova noYesu babelindele ukuba abanquli bokwenyaniso bavakalelwe njani kwimihla yokugqibela?

5 Ngaba uYehova wayelindele ukuba nabantu abamkhonzayo, abaza kusebenza ngokuvumayo kule mihla yokugqibela? Ngokuqinisekileyo! Kwiminyaka engaphezu kweyi-1 000 ngaphambi kokuba uYesu azalwe emhlabeni, uYehova waphefumlela uDavide ukuba abhale ngexesha laxa uMesiya wayeza kuqalisa ukulawula. (Funda iNdumiso 110:1-3.) UYesu, uKumkani omtsha wayeza kuba neentshaba ezaziza kumchasa. Sekunjalo, wayeza kuba nawo nomkhosi owawuza kuma ngakuye. Lo mkhosi wawungazi kunyanzelwa ukuba ukhonze uKumkani. Kwanabancinane kuwo babeza kuzinikela ngokuvumayo, babe yinkitha enokufaniswa namathontsi ombethe xa kuphuma ilanga. *

Abantu abaxhasa uBukumkani ngokuzithandela baninzi njengombethe (Funda isiqendu 5)

6 UYesu wayesazi ukuba isiprofeto esikwiNdumiso 110 sithetha ngaye. (Mat. 22:42-45) Ngoko, wayenesizathu esivakalayo sokuqiniseka ukuba wayeza kuba nabaxhasi abanyanisekileyo ababeza kuzinikela ngokuvumayo kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke. Imbali ibonisa ntoni? Ngaba ngokwenene uKumkani uye wahlanganisa umkhosi wabashumayeli, abazinikele ngokuzithandela kule mihla yokugqibela?

“Ilungelo Lam Nomsebenzi Wam Kukuvakalisa Eso Sigidimi”

7. Emva kokuba emiselwe wanguKumkani, ziziphi izinto ezenziwa nguYesu ukuze alungiselele abalandeli bakhe umsebenzi ababeza kuwenza?

7 Kungekudala emva kokuba emiselwe wanguKumkani, uYesu waqalisa ukubalungiselela umsebenzi omkhulu ababeza kuwenza abalandeli bakhe. Njengoko sifundile kwiSahluko 2, ukususela ngo-1914 ukusa ekuqaleni kuka-1919, wenza umsebenzi wokuhlola nowokucoca. (Mal. 3:1-4) Emva koko, ngo-1919, wamisela ikhoboka elithembekileyo ukuba likhokele abalandeli bakhe. (Mat. 24:45) Ukususela ngelo xesha, elo khoboka lathath’ unyawo ekukhupheni ukutya kokomoya, ngeentetho zeendibano nangeencwadi ezazisoloko zibethelela ingongoma yokuba mKristu ngamnye ufanele ashumayele.

8-10. Iindibano zawenza waba nomfutho njani umsebenzi wokushumayela? Khawuchaze umzekelo. (Funda nebhokisi ethi “ Iindibano Zokuqala Ezafaka Umfutho Kumsebenzi Wokushumayela.”)

8 Iintetho zendibano. ABafundi BeBhayibhile ababenxanelwe ukufundiswa bahlanganisana eCedar Point, eOhio, eMerika, ngo-Septemba 1-8, 1919 kwindibano yabo yokuqala enkulu emva kweMfazwe Yehlabathi I. Kwintetho awayinikela kusuku lwesibini lwendibano, uMzalwan’ uRutherford wathi kubazalwana: “UmKristu osemhlabeni . . . uthunywe ukushumayela ngobukumkani beNkosi.”

9 Eyona mbalasane yale ndibano yaba kwiintsuku ezintathu kamva, xa uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho eyayinomxholo othi, “Intetho Kubasebenzi Abangoowethu,” eyapapashwa kwiMboniselo phantsi komxholo othi, “Evakalisa UBukumkani.” Wathi: “Xa ecingisisa nzulu, ngokuzenzekelayo umKristu uyazibuza, Ndizokwenzani emhlabeni? Yaye impendulo imele ibe yile, iNkosi ngenceba yayo indenze ummeli wayo wokuthwala isigidimi sikaThixo soxolelaniso ehlabathini, yaye ilungelo lam nomsebenzi wam kukuvakalisa eso sigidimi.”

10 Kuloo ntetho ingasoze ilibaleke, uMzalwan’ uRutherford wathi kuza kupapashwa imagazini entsha, iThe Golden Age (ngoku ekuthiwa nguVukani!), eza kusetyenziselwa ukwalathisela abantu kwekuphela kwesicombululo seengxaki zabantu, uBukumkani. Emva koko wabuza ukuba bangaphi abafunayo ukuyisasaza le magazini. Ingxelo eyanikelwa ngaloo ndibano yathi: “Asinawo amazwi okuyichaza indlela abasabela ngayo ababelapho. Kwathi funqu amawaka amathandathu abantu.” * Ngokuqinisekileyo uKumkani wayenabaxhasi ababekulungele ukushumayela ngoBukumkani bakhe.

11, 12. Ngo-1920 yathi iMboniselo umsebenzi awaprofeta ngawo uYesu uza kwenziwa nini?

11 Iincwadi. Ukubaluleka komsebenzi awaprofeta ngawo uYesu—ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani—kwaya kucaciswa ngakumbi kwiiMboniselo. Nantsi eminye imizekelo yeeMboniselo ezisusela ekuqaleni kweminyaka yoo-1920.

12 Sisiphi isigidimi esasiza kuvakaliswa xa kuzalisekiswa uMateyu 24:14? Wawuza kwenziwa nini lo msebenzi? Kwinqaku elithi “Ivangeli YoBukumkani,” iMboniselo kaJulayi 1, 1920 yathi xa ithetha ngesi sigidimi: “Iindaba ezilungileyo ekuthethwa ngazo apha zithetha ngesiphelo sale nkqubo indala nokumiselwa kobukumkani bukaMesiya.” Licacisa ukuba esi sigidimi sasiza kushunyayelwa nini, eli nqaku lathi: “Esi sigidimi simele sivakaliswe ngexesha eliphakathi kwemfazwe yehlabathi [iMfazwe Yehlabathi I] ‘nembandezelo enkulu.’” Yiyo loo nto eli nqaku lathi: “Ngoku lixesha . . . lokuvakalisa iindaba ezilungileyo kubantu beecawa abakude nabakufuphi.”

13. Ngo-1921 iMboniselo yawabongoza njani amaKristu athanjisiweyo ukuba enze umsebenzi wokushumayela ngokuzithandela?

13 Ngaba abantu bakaThixo babeza kunyanzelwa ukuba benze umsebenzi awaprofeta ngawo uYesu? Unotshe! Inqaku leMboniselo kaMatshi 15, 1921 elalinomxholo othi “Yiba Nenkalipho,” labongoza amaKristu athanjisiweyo awayekulangazelela ngokwenene ukuwenza lo msebenzi ukuba ngamnye azibuze lo mbuzo: “Ngaba ukwenza lo msebenzi mkhulu akulolungelo nento endimele ndiyenze?” Eli nqaku lahlabela mgama lenjenje: “Siqinisekile ukuba xa ubona [kulilungelo ukuba nenxaxheba kulo msebenzi] uya kufana noYeremiya. Entliziyweni yakhe ilizwi leNkosi lalifana ‘nomlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni akhe,’ limbongoza ukuba angathuli.” (Yer. 20:9) Olo khuthazo lwalubonisa indlela uYehova noYesu ababeqiniseke ngayo ukuba abaxhasi boBukumkani abanyanisekileyo abasoze babadanise.

14, 15. Ngo-1922, iMboniselo yabongoza amaKristu athanjisiweyo ukuba abaxelele njani abanye ngesigidimi soBukumkani?

14 AmaKristu okwenyaniso ayeza kubaxelela njani abanye ngesigidimi soBukumkani? Inqaku leMboniselo ka-Agasti 15, 1922 elifutshane kodwa elafak’ umfutho nelalinomxholo othi, “Inkonzo Ibalulekile,” labongoza amaKristu athanjisiweyo ukuba ‘ase isigidimi esishicilelweyo ebantwini aze athethe nabo kwindlu ngendlu, enikela ubungqina bokuba ubukumkani bamazulu busondele.’

15 Kucacile ukuba ukususela ngo-1919 ukubheka phambili, uKristu ebesebenzisa ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ukuba lingayeki ukubethelela into yokuba, ilungelo nomsebenzi wamaKristu emhlabeni kukuvakalisa isigidimi soBukumkani. Benza ntoni aBafundi BeBhayibhile bamandulo emva kokuba bekhuthazwe ukuba nabo benze lo msebenzi wokuvakalisa uBukumkani?

“Abathembekileyo Baya Kusebenza Ngokuzithandela”

16. Abanye abadala bavakalelwa njani ngale nto yokuba wonke umntu ufanele aye entsimini?

16 Kwiminyaka yoo-1920 neyoo-1930, abanye babengayiginyi ncam into yokuba bonke abathanjiswa bafanele baye kushumayela. IMboniselo kaNovemba 1, 1927, yachaza into eyenzekayo isithi: “Namhlanje ecaweni [ebandleni] kukho abantu abangabadala . . . abangafuniyo ukukhuthaza abazalwana babo ukuba baye entsimini, nabo phofu bengafuni nokuyibona. . . . Bahlekisa ngelungiselelo lokuya kuvakalisa isigidimi sikaThixo, uKumkani nobukumkani bakhe kwindlu ngendlu.” Eli nqaku laqhubeka lathi: “Ngoku lixesha lokuba abathembekileyo babaphawule abo banjalo baze bangazidibanisi nabo, bazixelele nokuba abasoze baphinde bamisele amadoda anjalo njengabadala.” *

17, 18. Abaninzi ebandleni bavakalelwa njani ngolwalathiso abalufumana kwikomkhulu, yaye izigidi zabantu ziye zasabela njani kule minyaka ingaphezulu kweyi-100 idlulileyo?

17 Okuvuyisayo kukuba, abaninzi ebandleni balwamkela ngomdla omkhulu ulwalathiso oluvela kwikomkhulu. Babona kulilungelo ukuya kuvakalisa isigidimi soBukumkani. IMboniselo kaMatshi 15, 1926, yayichaza ngolu hlobo indlela ababevakalelwa ngayo: “Abathembekileyo baya kusebenza ngokuzithandela . . . baze baxelele abantu ngesi sigidimi.” Abo bathembekileyo benza oko kwaprofetwa kwiNdumiso 110:3, bezibonakalisa ukuba bangabaxhasi abazinikeleyo boKumkani onguMesiya.

18 Kwiminyaka engaphezu kweyi-100 edluleyo, izigidi zabantu ziye zazinikela ngokuzithandela kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Kwizahluko ezimbalwa ezilandelayo, siza kuxubusha ngendlela eziye zashumayela ngayo, izixhobo eziye zasetyenziswa nokuba, iye yayintoni imiphumo. Noko ke, makhe siqale sixubushe ngesizathu sokuba ziye zashumayela ngoBukumkani ngokuzithandela, nakuba ziphila kweli hlabathi labantu abacingela iziqu zabo. Njengoko sifunda ngesi sizathu, senza kakuhle xa sizibuza oku, ‘Kutheni ndixelela abanye ngeendaba ezilungileyo?’

“Qhubekani . . . Nifuna Kuqala UBukumkani”

19. Kutheni siwuthobela umyalelo kaYesu othi “qhubekani . . . nifuna kuqala uBukumkani”?

19 UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘baqhubeke bebufuna kuqala uBukumkani.’ (Mat. 6:33) Kutheni siwuthobela nje lo myalelo? Esona sizathu kukuba siyaqonda ukuba uBukumkani buyeyona nto ibalulekileyo kwinjongo kaThixo. Njengoko sifundile kwisahluko esidlulileyo, umoya oyingcwele uye watyhila iinyaniso ezichulumancisayo ngoBukumkani. Xa inyaniso ingena ezintliziyweni zethu, siziva sinyanzelekile ukuba sibufune kuqala obu Bukumkani.

Njengendoda eyavuya kakhulu yakufumana ubuncwane obufihliweyo, amaKristu avuyiswa kukufumana inyaniso engoBukumkani (Funda isiqendu 20)

20. Umzekeliso kaYesu wobuncwane obufihliweyo ubonisa ukuba abalandeli bakhe babeza kusabela njani kumyalelo wokuqhubeka befuna kuqala uBukumkani?

20 UYesu wayeyazi indlela ababeza kusabela ngayo abalandeli bakhe kumyalelo wokufuna kuqala uBukumkani. Phawula umzekeliso wakhe wobuncwane obufihliweyo. (Funda uMateyu 13:44.) Ngoxa esebenza entsimini, umntu othile ufumana ubuncwane obufihliweyo yaye ngoko nangoko ubona indlela obunexabiso ngayo. Wenza ntoni? “Ngenxa yovuyo analo uyahamba aye kuthengisa ngezinto anazo aze ayithenge loo ntsimi.” Yintoni esiyifundayo thina apha? Xa sifumana inyaniso ngoBukumkani, size siqonde indlela obuxabiseke ngayo, sivuya siza kuncama nantoni na ukuze sibubeke kwindawo efanelekileyo—kwindawo yokuqala ebomini bethu. *

21, 22. Abo banyanisekileyo kuBukumkani babonisa njani ukuba babubeka kwindawo yokuqala? Chaza umzekelo.

21 Abantu ababuxhasa ngokunyanisekileyo uBukumkani abatsho nje ngomlomo ukuba bayabuxhasa, kodwa babonisa nangezenzo ukuba bafuna uBukumkani kuqala. Banikela ngobomi, ubuchule kunye nezinto abanazo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Abaninzi baye bancama izinto ezininzi ukuze bashumayele ixesha elizeleyo. Bonke abo bantu bashumayela ngokuzithandela, baye bazibonela indlela uYehova abasikelela ngayo abo babeka uBukumkani kwindawo yokuqala. Khawufunde lo mzekelo ulandelayo.

22 Ekuqaleni kweminyaka yoo-1920, uAvery noLovenia Bristow babengoovulindlela kumazantsi eMerika. Kwiminyaka kamva, uLovenia ukhumbula oku: “Mna noAvery sayinandipha kakhulu iminyaka esasingoovulindlela ngayo ukususela ngoko. Ngamanye amaxesha sasikhe singabi nayo imali yepetroli nokutya, sibe phofu singazi nokuba iza kuvela phi. Kodwa ke, uYehova wayesoloko esixhasa nokuba sekumnyam’ entla. Ekuphela kwento esayenzayo kukuqhubeka singoovulindlela. Kodwa ke sasisoloko sinazo izinto eziyimfuneko.” ULovenia ukhumbula ngasihlandlo sithile xa babekhonza ePensacola, eFlorida, benemadlana nokutya nje okuncinane. Bafika kwindawo abahlala kuyo kukho iibhegi ezimbini ezinkulu ezinokutya kunye nesibhilivana esibhalwe oku, “IQela lasePensacola liyanithanda.” * Ethetha ngeminyaka ababengoovulindlela ngayo, uLovenia uthi: “UYehova akazange asishiye. Akazange asidanise.”

23. Uvakalelwa njani ngenyaniso yoBukumkani oye wayifumana, yaye uzimisele ukwenza ntoni?

23 Asinakushumayela ngomlinganiselo ofanayo sonke. Iimeko zethu azifani. Noko ke, sonke masazi ukuba sinelungelo lokushumayela iindaba ezilungileyo ngomphefumlo uphela. (Kol. 3:23) Ngenxa yokuba siyithanda inyaniso engoBukumkani esiye sayifumana, sikulungele—yaye sizimisele—ukuncama nantoni na ukuze sizilahle nofele kulo msebenzi. Ngaba nawe uzimisele ngolo hlobo?

24. Kule nkulungwane idluleyo, zintoni eziphambili eziye zafezwa buBukumkani?

24 Kule nkulungwane idluleyo, uKumkani ebezalisekisa amazwi esiprofeto sakhe esikuMateyu 24:14, ibe khange anyanzele mntu ukwenza lo msebenzi. Emva kokuba bephumile kweli hlabathi linabantu abacingela iziqu zabo, abalandeli bakhe baye bashumayela ngokuzithandela. Ukushumayela kwabo iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke kuyinxalenye yomqondiso wokuba, uYesu ukho yaye unguKumkani onamandla, ibe oku kushumayela kuyenye yezona zinto zinkulu ezenziwe buBukumkani kule mihla yokugqibela.

^ isiqe. 5 EBhayibhileni umbethe ubonisa ubuninzi bento.—Gen. 27:28; Mika 5:7.

^ isiqe. 10 Iphecana lesiNgesi elithi To Whom the Work Is Entrusted lathi: Umsebenzi weThe Golden Age kwindlu ngendlu kukutsalela abantu kwisigidimi sobukumkani. . . . Emva kokuba kubekwe isigidimi, kumele kushiywe iThe Golden Age kwikhaya ngalinye, enoba wenziwe umrhumo okanye awenziwanga.” Kangangeminyaka emininzi emva koko, abazalwana bakhuthazwa ukuba bacele abantu benze imirhumo yeThe Golden Age neMboniselo. Ukususela ngoFebruwari 1, 1940, abantu bakaYehova bakhuthazwa ukuba bahambise iimagazini ebantwini baze bafake ingxelo yezo bazihambisileyo.

^ isiqe. 16 Ngelo xesha abadala babevotelwa libandla. Ngoko ibandla lalingawavoteli amadoda awayengayivisisi ncam into yokuya entsimini. Yatshintsha indlela abamiselwa ngayo abadala baza bamiselwa ngendlela kaThixo. Olo tshintsho kuza kuxutyushwa ngalo kwiSahluko 12.

^ isiqe. 20 UYesu waveza ingongoma efanayo kumzekeliso wakhe womrhwebi ohambahambayo oya kufuna iperile yexabiso eliphakamileyo. Uthi akuyifumana, athengise yonke into anayo aze ayithenge. (Mat. 13:45, 46) Le mizekeliso mibini isifundisa nokuba sinokufunda ngenyaniso yoBukumkani ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Abanye bayifumana ngebhaqo; ukanti abanye bayayikhangela. Ingakhathaliseki indlela esiyifumana ngayo, sikulungele ukuzincama ukuze uBukumkani sibubeke kuqala ebomini bethu.

^ isiqe. 22 Ngaloo maxesha amabandla ayebizwa ngokuba ngamaqela.