Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 7

Iindlela Zokushumayela—Kusetyenziswa Zonke Iindlela Zokuba Abantu Beve Isigidimi

Iindlela Zokushumayela—Kusetyenziswa Zonke Iindlela Zokuba Abantu Beve Isigidimi

INJONGO YESI SAHLUKO

Abantu bakaThixo basebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokushumayela ukuze isigidimi siviwe ngabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka

1, 2. (a) Yintoni eyenziwa nguYesu ukuze abantu bamve xa ethetha? (b) Bona abalandeli bakaKristu baye bamxelisa njani kule nkalo, yaye ngoba?

ISIHLWELE singqonge uYesu elunxwemeni. Ukhwela isikhephe aze aye kusimisa kudana naso. Kutheni esenjenjalo? Uyazi ukuba amanzi aza kubangela ukuba ilizwi lakhe livakale kuso sonke eso sihlwele size sisive kakuhle isigidimi sakhe.—Funda uMarko 4:1, 2.

2 Kwiminyaka yokuzalwa koBukumkani, abafundi bakaKristu abathembekileyo balandela umzekelo wakhe, basebenzisa iindlela ezintsha zokusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubaphulaphuli abaninzi. Besalathiswa nguKumkani, abantu bakaThixo baye baqhubeka besebenzisa ezi ndlela ngokuvumelana neemeko nobugcisa bale mihla. Sifuna ukuba isigidimi siviwe ngabantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngaphambi kokuba kufike isiphelo. (Mat. 24:14) Khawufunde ngezinye iindlela esiye sazisebenzisa ukuze sifikelele abantu ngesigidimi, enoba bahlala phi na. Cinga ngeendlela onokuluxelisa ngayo ukholo lwabo babeshumayela iindaba ezilungileyo ngemihla yangaphambili.

Ukufikelela Abaphulaphuli Abaninzi

3. Zavakalelwa njani iintshaba zenyaniso ngokusebenzisa kwethu amaphephandaba?

3 Amaphephandaba. UMzalwan’ uRussell nezinxulumani zakhe babepapasha iMboniselo ukususela ngo-1879, besazisa abantu abaninzi ngesigidimi soBukumkani. Noko ke, kubonakala ngathi kwiminyaka engaphambi ko-1914, uKristu ebesenza iindlela zokuba iindaba ezilungileyo ziviwe ngabantu abakwiindawo ezahlukahlukeneyo. Ngo-1903 kwaqalisa iziganeko ezininzi. Ngaloo nyaka, uGqr. E. L. Eaton, owayethethela iqela labefundisi abangamaProtestanti ePennsylvania, wacela uCharles Taze Russell ukuba babe neengxoxo ngeemfundiso zeBhayibhile. Kwileta awayibhalela uRussell, wathi: “Ndicinga ukuba ukuxubusha esidlangalaleni ngemibuzo mna nawe esingavisisaniyo ngayo kuya kubangela ukuba abantu babe nomdla kakhulu.” URussell nezinxulumani zakhe, nabo bacinga ngomdla abantu abaza kuba nawo, baza balungiselela ukuba ezo ngxoxo zibhalwe kwelona phephandaba lalithandwa ngabantu iThe Pittsburgh Gazette. La manqaku eli phephandaba ayethandwa kakhulu, yaye iinyaniso zeBhayibhile ezazicaciswa nguRussell zazibangel’ umdla ebantwini kangangokuba eli phephandaba lathi, veki nganye liza kupapasha iintetho zikaRussell. Loo nto imele ukuba yazonyanyisa ngokwenene iintshaba zenyaniso.

Ngo-1914, amaphephandaba angaphezu kwe-2 000 ebepapasha isigidimi sikaRussell

4, 5. Luluphi uphawu awalubonisayo uRussell, yaye abo bakwizikhundla zembopheleleko banokuwuxelisa njani umzekelo wakhe?

4 Kungekudala aba maninzi amaphephandaba afuna ukupapasha iintetho zikaRussell. Ngo-1908, iMboniselo yanikel’ ingxelo yokuba iintetho zikaRussell zazipapashwa “rhoqo kumaphephandaba alishumi elinanye.” Noko ke, abazalwana abaqheleneyo nomsebenzi wamaphephandaba bacebisa uRussell ukuba xa enokufudusa iiofisi zoMbutho ePittsburgh azise kwisixeko esaziwa kakhulu, maninzi amaphephandaba anokupapasha amanqaku athetha ngeBhayibhile. Emva kokuba ecingisise kakuhle ngeli cebiso nezinye izinto, ngo-1909 uRussell wafudusela iiofisi eBrooklyn, eNew York. Waba yintoni umphumo woko? Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, ezi ntetho zazipapashwa kumaphephandaba amalunga nayi-400, yaye kwakumana kungenelela namanye. Bathi bumiselwa uBukumkani ngo-1914, zabe iintetho zikaRussell namanqaku athetha ngeBhayibhile epapashwa kumaphephandaba angaphezu kwayi-2 000 ngeelwimi ezine!

5 Yintoni ebalulekileyo esiyifundayo apha? Abo banembopheleleko kwintlangano kaThixo namhlanje benza kakuhle xa bexelisa umzekelo kaRussell wokuthobeka. Njani? Xa besenza izigqibo ezibalulekileyo, mabawas’ iso amacebiso abanye.—Funda iMizekeliso 15:22.

6. Iinyaniso ezapapashwa kumaphephandaba zaba naliphi ifuthe komnye umntu?

6 Iinyaniso zoBukumkani ezapapashwa kuloo maphephandaba zabutshintsha ubomi babantu. (Heb. 4:12) Ngokomzekelo, omnye wabantu abaqala ukuva inyaniso kuloo maphephandaba nguOra Hetzel, owabhaptizwa ngo-1917. UOra uthi: “Emva kokuba nditshatile, ndaya kubona umama eRochester, eMinnesota. Ndafika esika amanqaku akwiphephandaba awayeziintetho ezazinikelwa nguRussell. Umama wandixelela ngezinto azifundileyo kuloo manqaku.” UOra wafunda inyaniso waza wayamkela. Waba ngumvakalisi othembekileyo woBukumkani bukaThixo kangangeminyaka engamashumi amathandathu.

7. Yintoni eyabangela ukuba abazalwana abakhokelayo baphinde bahlolisise ukusetyenziswa kwamaphephandaba?

7 Ngo-1916, iziganeko ezibalulekileyo ezibini zabangela ukuba abo bakhokelayo baphinde bakuhlolisise ukusetyenziswa kwamaphephandaba ekusasazeni iindaba ezilungileyo. Esokuqala, yiMfazwe Enkulu eyayisiya iqatsela ngelo xesha neyabangela ukuba kube nzima ukufumana izinto zokuprinta. Ngo-1916, ingxelo eyayiphuma kwisebe lethu eliseBritani elalijongene nokupapashwa kwamanqaku kumaphephandaba yathi: “Sithetha nje iiNtetho zipapashwa kumaphepha angaphezulu nje kwayi-30. Kusenokwenzeka ukuba eli nani lehle ngenxa yokunyuka kwexabiso lephepha.” Isiganeko sesibini yayikukufa kukaMzalwan’ uRussell ngo-Oktobha 31, 1916. Ngoko iMboniselo kaDisemba 15, 1916, yathi: “Ekubeni uMzalwan’ uRussell engasekho, alisoze liphinde liphume inqaku elineentetho [kwiphephandaba].” Nangona kwayekwayo ukupapasha iintetho kumaphephandaba, ezinye iindlela zokushumayela ezasetyenziswayo ezifana ne-“Photo-Drama of Creation,” zaba nempumelelo.

8. Zintoni ezenziwayo xa kwakuveliswa i-“Photo-Drama of Creation”?

8 Imifanekiso eshukumayo. URussell nezinxulumani zakhe basebenza iminyaka emalunga nemithathu besenza i-“Photo-Drama of Creation,” eyakhululwa ngo-1914. (IMize. 21:5) Le Drama, njengoko yayibizwa ngolo hlobo, yayidibanisa imifanekiso eshukumayo, amazwi arekhodiweyo kunye nezilayidi zeglasi ezinemibalabala. Kwakurekhodwa abantu ababesenza imidlalo yeBhayibhile, yaye kwakude kubekho nezilwanyana. Ingxelo eyanikelwa ngo-1913 ithi: “Xa kwakusenziwa umfanekiso oshukumayo webali likaNowa, kwasetyenziswa phantse zonke izilwanyana ezazikomnye umyezo wezilwanyana.” Zona izilayidi zeglasi ezahlukahlukeneyo ezazisetyenziswa apho zazotywa zaza zapeyintwa ngabantu baseLondon, eNew York, eParis nasePhiladelphia.

9. Kwakutheni ukuze kuchithwe ixesha nemali eninzi kusenziwa i-“Photo-Drama”?

9 Kwakutheni ukuze kuchithwe ixesha nemali eninzi kusenziwa i-“Photo-Drama”? Isigqibo esamkelwa kwiindibano zika-1913 sithi: “Indlela eliphumelele ngayo iphephandaba laseMerika ekulungiseni indlela abantu abazibona ngayo izinto, lisebenzisa imifanekiso yoopopayi kwiindaba nakwiimagazini, nendlela ethandwa ngayo ngabantu imifanekiso eshukumayo, yenza sibone ukuba ezi ndlela ziyasebenza ekufundiseni, ngoko nathi njengabantu abashumayelayo nabafundisa iBhayibhile siyabona ukuba sinokufundisa ngendlela ephumelelayo nebangela umdla xa sinokusebenzisa imifanekiso eshukumayo noomatshini bezilayidi.”

Top: Umatshini we-“Photo-Drama”; bottom: Izilayidi zeglasi ze-“Photo-Drama”

10. Yaboniswa kumazwe amangaphi yaza yabonwa ngabantu abangakanani i-“Photo-Drama”?

10 Ngo-1914, le “Photo-Drama” yayiboniswa kwizixeko eziyi-80 yonke imihla. Abantu abamalunga nezigidi ezisibhozo eMerika naseKhanada bawubukela lo mfanekiso. Kwakulo nyaka mnye, yaboniswa eBritani, eDenmark, eFinland, eJamani, eNew Zealand, eNorway, eSweden, eSwitzerland naseOstreliya. Kwakukho nenye eyayingenamifanekiso ishukumayo ekwakulula ukuyipakisha, yona ke le yayiboniswa kwiidolophu ezincinane. Le yona yayibizwa ngokuba yi-“Eureka Drama” yaye kwakungabizi kangako ukuyenza futhi kulula nokuyithutha. Kwathi kusiba ngu-1916, yabe i-“Photo-Drama” ne-“Eureka Drama” sele ziguqulelwe kwisiArmenia, isiDano-Norwegian, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiPolish, isiTaliyane, isiSpanish nesiSwedish.

Ngo-1914, i-“Photo-Drama” yayiboniswa kwiiholo ezigcwele zema ngeembambo

11, 12. I-“Photo-Drama” yaba nefuthe kangakanani komnye umfana, yaye nguwuphi umzekelo awawumiselayo?

11 I-“Photo-Drama” eyayiguqulelwe ngesiFrentshi yamtshintsha umfana ogama linguCharles Rohner owayeneminyaka eyi-18. Uthi: “Ndandiyibukele kwidolophu endihlala kuyo eColmar, eAlsace, eFransi. Yath’ iqala nje, ndathanda indleIa ezazicaciswa ngayo iinyaniso zeBhayibhile.”

12 Oku kwamkhuthaza uCharles kangangokuba wabhaptizwa waza ngo-1922 waba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Esinye sezabelo zakhe zokuqala yayikukubukelisa abantu i-“Photo-Drama” eFransi. UCharles uthi: “Ndandabelwe imisebenzi eyahlukahlukeneyo—ukudlala ivayolini, ukujongana nee-akhawunti kunye neencwadi. Ndacelwa nokuba ndithulise abantu ngaphambi kokuba iqalise i-“Photo-Drama.” Ngexesha lekhefu, sasihambisa iincwadi. Sabela umzalwana okanye udade ngamnye iindawo aza kuzihambisa kuzo apho eholweni zaza zanikwa umntu ngamnye. Xa ungena kwakukho netafile eyayineencwadi.” Ngo-1925, uCharles wacelwa ukuba ayokukhonza eBheteli eBrooklyn, eNew York. Apho wabelwa ukuba abe ngumbhexeshi we-okhestra kwisitishi seradio i-WBBR. Emva kokufunda ngomzekelo kaMzalwan’ uRohner, sinokuzibuza, ‘Ngaba ndikulungele ukwamkela nasiphi na isabelo endisinikwayo ukuze ndincedise ekusasazweni kwesigidimi soBukumkani?’—Funda uIsaya 6:8.

13, 14. Yasetyenziswa njani iradio ukuze kusasazwe iindaba ezilungileyo? (Funda nebhokisi ethi “ Iinkqubo ZeWBBR” nethi “ Indibano Eyaba Sematheni.”)

13 Iradio. Kwiminyaka yoo-1920, ukusebenzisa i-“Photo-Drama” kwaya kusehla, kodwa iradio yaya isiba yeyona ndlela iphambili yokusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngo-Aprili 16, 1922, uMzalwan’ uRutherford wavakala okokuqala kwiradio xa wayethetha eseMetropolitan Opera House ePhiladelphia, ePennsylvania. Kuqikelelwa ukuba ngabantu abayi-50 000 abaphulaphula intetho eyayisithi “Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife.” Emva koko, ngo-1923, kwaba kokokuqala ukuba indibano iviwe kwiradio. Ukongeza kwizitishi zeradio zabanye abantu, abazalwan’ abakhokelayo babona kubhetele ukuba sibe nesethu isitishi seradio esakhiwa eStaten Island, eNew York, saza sabhaliswa ngokusemthethweni ngegama elithi WBBR, yaye saqala ukusebenza ngoFebruwari 24, 1924.

Ngo-1922, kuqikelelwa ukuba ngabantu abayi- 50 000 abaphulaphula intetho eyayisithi “Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife”

14 IMboniselo kaDisemba 1, 1924 yayicacisa injongo yeWBBR. Yathi: “Sikholelwa ukuba ukusasaza isigidimi senyaniso ngeradio kuyeyona ndlela iphumelelayo nengabizi kangako kweziye zasetyenziswa.” Kwakhona yathi: “Ukuba iNkosi ibona kufanelekile ukwakha ezinye izitishi zeradio ukuze kusasazwe inyaniso, iya kusipha imali.” (INdu. 127:1) Uthe egaleleka u-1926, babe abantu bakaYehova sebenezitishi ezintandathu. Ezibini zaziseMerika—iWBBR iseNew York neWORD eyayikufuphi neChicago. Ezinye ezine zazikwiidolophu zaseKhanada, iAlberta, iBritish Columbia, iOntario neSaskatchewan.

15, 16. (a) Iinkqubo zethu zerediyo zabangela ukuba benze ntoni abefundisi baseKhanada? (b) Zazivisisana njani iintshumayelo ezazisasazwa kwirediyo nokushumayela kwindlu ngendlu?

15 Abefundisi beecawa babeyibek’ esweni into yokusasazwa kweenyaniso zeBhayibhile kwiradio. UAlbert Hoffman, owayeqhelene nesi sitishi seradio saseSaskatchewan, eKhanada, wathi: “Abantu baye bebazi aBafundi BeBhayibhile [njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo]. Kwanikelwa iintshumayelo ezazithandwa ngabantu de kwango-1928, xa abefundisi baphembelela abasemagunyeni ukuba bohluthe ilayisensi yazo zonke izitishi zaseKhanada ezazisetyenziswa ngaBafundi BeBhayibhile.”

16 Nakubeni ezo zitishi zazivaliwe eKhanada, iintshumayelo zeBhayibhile zaqhubeka zisasazwa kwizitishi zasekuhlaleni. (Mat. 10:23) Ukuze ziphulaphulwe ngabantu abangakumbi ezo ntshumayelo, iMboniselo neThe Golden Age (ngoku enguVukani!) zazinamagama ezo zitishi zisasaza iinyaniso zeBhayibhile ukuze xa abavakalisi bekwindlu ngendlu bakhuthaze abantu ukuba baphulaphule izitishi ezisetyenziswa kwiindawo abahlala kuzo. Ngaba loo nto yanceda? IBulletin kaJanuwari 1931 ithi: “Iintshumayelo ezisasazwa kwi-radio ziye zabakhuthaza kakhulu abazalwana abashumayela kwindlu ngendlu. Iingxelo esasizifumana e-ofisini zithi abantu abaphulaphula iintshumayelo zikaMzalwan’ uRutherford, bazithabatha ngomdla omkhulu iincwadi esibanika zona.” Yaphinda yathi iradio nomsebenzi wendlu ngendlu “ziindlela ezimbini eshumayela ngazo intlangano yeNkosi.”

17, 18. Nakuba iimeko zaye zatshintsha, irediyo yaqhubeka idlala indima engakanani?

17 Kwiminyaka yoo-1930, intshutshiso yaya iqatsela ngenxa yokusebenzisa kwethu izitishi zeradio zasekuhlaleni. Ngenxa yoko, ngasekupheleni kuka-1937, abantu bakaYehova bakwamkela ukutshintsha kweemeko. Kwehliswa ifuthe ekushumayeleni kusentyenziswa iradio kodwa kwaqiniswa ekushumayeleni kwindlu ngendlu. * Sekunjalo, iradio yaqhubeka inendima ebalulekileyo eyenzayo ekusasazweni kwesigidimi soBukumkani kwimimandla ekwanti okanye engafikelelekiyo ngenxa yezopolitiko. Ngokomzekelo, ngo-1951 ukusa ngo-1991, esinye isitishi seradio eWest Berlin, eJamani, sasidlala iintetho ezithetha ngeBhayibhile ukuze nabo bahlala e-East Germany basive isigidimi soBukumkani. Ukususela ngo-1961 de kwasemva kweminyaka eyi-30, veki nganye isitishi seradio saseSuriname, eMzantsi Merika, sasiba nenkqubo esasaza iinyaniso zeBhayibhile kangangemizuzu eyi-15. Ukususela ngo-1969 ukusa ku-1977, intlangano yayisele irekhode ungcelele lweentetho eziyi-350 olunomxholo othi, “Sonke ISibhalo Siyingenelo,” ezazidlalwa kwizitishi zeradio. Kumaphondo ayi-48 aseMerika zizitishi eziyi-291 ezazidlala ezi nkqubo. Ngo-1996, esinye isitishi saseApia, elikomkhulu laseSamoa ekwiSouth Pacific, veki nganye sasisasaza inkqubo enomxholo othi “Iimpendulo Kwimibuzo Onayo YeBhayibhile.”

18 Njengoko iminyaka yoo-1900 yayifikelela esiphelweni, kwayekwa ukusebenzisa iradio njengeyona ndlela iphambili yokusasaza iindaba ezilungileyo. Noko ke, kuye kwavela obunye ubugcisa bala maxesha obuye babangela kwafikelelwa abantu abaninzi ngendlela engakhange ilindelwe.

19, 20. Yintoni ebangele abantu bakaYehova bavelisa i-jw.org, yaye iye yaba nefuthe elingakanani? (Funda ibhokisi ethi “ JW.ORG.”)

19 I-Intanethi. Ngo-2013, bebengaphezu kwe-2,7 bhiliyoni abantu, abane-intanethi ehlabathini. Ngokolunye uqikelelo, ngabantu abamalunga neebhiliyoni ezimbini abasebenzisa iiselfowuni neetablet ukuze bangene kwi-Intanethi. Eli nani liya linyuka ehlabathini lonke, kodwa kuseAfrika apho inani labantu abasebenzisa i-Intanethi linyuka ngamandla, yaye bangaphezulu kwe-90 miliyoni abantu balapho abayisebenzisayo. Oku kuye kwabangela yatshintsha indlela abantu abayifumana ngayo inkcazelo.

20 Ukususela ngo-1997, abantu bakaYehova baye bayisebenzisa le ndlela yokufikelela abantu abaninzi. Ngo-2013, iWebhsayithi i-jw.org iye yafumaneka ngeelwimi ezimalunga ne-300, yaza imfundiso yeBhayibhile efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-520 yenziwa yakwazi ukuba umntu azikhuphelele yona. Mini nganye, bangaphezu kwe-750 000 abantu abangena kule sayithi, kwaye nyanga nganye, ukongezelela ekubukeleni ividiyo, abantu bazikhuphelela iincwadi ezingaphezu kwe-3 miliyoni, iimagazini eziyi-4 miliyoni nezinto ezirekhodiweyo eziyi-22 miliyoni.

21. Yintoni oyifundileyo kumava kaSina?

21 Le Webhsayithi iye yayindlela enamandla yokusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, nkqu nakumazwe apho singavunyelwayo ukuba sishumayele. Ngokomzekelo, ngo-2013, enye indoda ekuthiwa nguSina yabona i-jw.org yaza yafowunela ikomkhulu eliseMerika ukuze ifumane inkcazelo yeBhayibhile engakumbi. Kutheni imangalisa nje le nto? USina lo liSilamsi yaye uhlala kwilali esemagqagaleni, kwilizwe apho amaNgqina kaYehova angashumayeli ngokukhululekileyo. Ngoko kwenziwa amalungiselelo okuba uSina afundelwe iBhayibhile kabini ngeveki lelinye iNgqina laseMerika. Eso sifundo saqhutywa kunxityelelwana nge-Intanethi.

Ukufundisa Umntu Ngamnye

22, 23. (a) Ngaba iindlela zokushumayela eziye zasetyenziswa ukuze kushunyayelwe kubantu abaninzi ziye zathath’ indawo yokushumayela kwindlu ngendlu? (b) UKumkani uye wayisikelela njani imigudu yethu?

22 Zonke iindlela eziye zasetyenziswa ukuze kufikelelwe abantu abaninzi ngeendaba ezilungileyo, ezifana namaphephandaba, i-“Photo-Drama,” iinkqubo zeradio neWebhsayithi, zazingenzelwanga ukuthath’ indawo yokushumayela kwindlu ngendlu. Abantu bakaYehova bafunda kumzekelo kaYesu, ongazange aphelele nje ekushumayeleni esidlangalaleni, kodwa wayenceda umntu ngamnye. (Luka 19:1-5) Kwakhona uYesu waqeqesha abafundi bakhe ukuba benze okufanayo, waza wabaxelela isigidimi abamele basishumayele. (Funda uLuka 10:1, 8-11.) Njengoko kutshiwo kwiSahluko 6, abo bakhokelayo bebesoloko bekhuthaza umkhonzi ngamnye kaYehova ukuba athethe nomntu ngamnye.—IZe. 5:42; 20:20.

23 Kwiminyaka elikhulu emva kokuzalwa koBukumkani, abavakalisi abangaphezu kwe-7,9 miliyoni baye bakhuthala ekufundiseni abanye ngenjongo kaThixo. Alithandabuzeki elokuba uKumkani uye wazisikelela iindlela esiye sazisebenzisa zokuvakalisa uBukumkani. Njengoko isahluko esilandelayo siza kubonisa, uye wasinceda nangezixhobo ezifunekayo ukuze sisasaze iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga, izizwe neelwimi.—ISityhi. 14:6.

^ isiqe. 17 Ngo-1957, abo bakhokelayo bagqiba ekubeni basivale isitishi sethu sokugqibela, iWBBR eyayiseNew York.