Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 8

Izixhobo Zokushumayela—Ukuvelisa Iincwadi Eziza Kusetyenziswa Kwintsimi Yehlabathi

Izixhobo Zokushumayela—Ukuvelisa Iincwadi Eziza Kusetyenziswa Kwintsimi Yehlabathi

INJONGO YESI SAHLUKO

UYehova uqhubeka esinika izixhobo esizidingayo ukuze sifundise umntu ngamnye kuzo zonke iintlanga, izizwe neelwimi

1, 2. (a) Ngenkulungwane yokuqala, yintoni eyancedayo ukuze kusasazwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iindawo ezazilawulwa ngamaRoma? (b) Bubuphi ubungqina esinabo obubonisa inkxaso kaYehova kule mihla yethu? (Funda ibhokisi enomxholo othi “ Iindaba Ezilungileyo Ngeelwimi Ezingaphaya Kwe-670.”)

IINDWENDWE ezazityelele eYerusalem zamangaliswa yinto ezayibonayo. AmaGalili ayethetha iilwimi zasemzini ngokutyibilikayo, yaye isigidimi asidluliselayo sabachulumancisa abo babelapho. KwakungePentekoste ka-33 C.E., abafundi babefumene isipho sokukwazi ukuthetha ngeelwimi ezahlukahlukeneyo nto leyo eyayingqina ukuba uThixo wayenabo. (Funda iZenzo 2:1-8, 12, 15-17.) Iindaba ezilungileyo abazishumayelayo ngaloo mini zeviwa ngabantu ababeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo, nezathi kamva zazalisa zonke iindawo ezazilawulwa ngamaRoma.—Kol. 1:23.

2 Namhlanje, abantu bakaThixo abathi ngommangaliso bathethe iilwimi ezahlukahlukeneyo. Noxa kunjalo, isigidimi soBukumkani siye saguqulelwa ngeelwimi ezingaphezulu kwe-670, ezizodlula lee ezo zenkulungwane yokuqala. (IZe. 2:9-11) Abantu bakaThixo baye bavelisa iincwadi ezininzi kakhulu ngeelwimi ezininzi kangangokuba isigidimi soBukumkani siye saya kuzo zonke iikona zomhlaba. * Nako oku kungqina ukuba uYehova usebenzisa uKumkani uYesu Kristu ukwalathisa umsebenzi wokushumayela. (Mat. 28:19, 20) Njengoko sihlolisisa ezinye iindlela esiye sazisebenzisa kule minyaka iyi-100 idluleyo ukuze kwenziwe lo msebenzi, qaphela indlela uKumkani aye waqhubeka esiqeqesha ngayo ngokuthe ngcembe ukuze sibe nomdla ebantwini naye wasikhuthaza ngayo ukuze sibe ngabafundisi beLizwi likaThixo.—2 Tim. 2:2.

UKumkani Uxhobisa Abakhonzi Bakhe Ukuze Batyale Imbewu Yenyaniso

3. Kutheni sisebenzisa izixhobo ezahlukahlukeneyo kumsebenzi wokushumayela?

3 UYesu wafanisa “ilizwi lobukumkani” nembewu, waza wafanisa intliziyo yomntu nomhlaba. (Mat. 13:18, 19) Kanye njengokuba umlimi esenokusebenzisa izixhobo ezahlukahlukeneyo ukuze avunguze umhlaba uze ulungele ukutyalwa, abantu bakaYehova baye basebenzisa izixhobo ezahlukahlukeneyo eziye zabanceda balungisa iintliziyo zezigidi zamkele isigidimi soBukumkani. Ezinye zezo zixhobo ziye zasebenza okwexeshana, kodwa zona iincwadi neemagazini, ziye zaqhubeka zisenza umsebenzi oncomekayo. Ngokwahlukileyo kwizixhobo ezininzi ekuye kwathethwa ngazo kwisahluko esisuka kuso eziye zasetyenziswa ukuze kufikelelwe abantu abaninzi, zonke izixhobo ekuthethwa ngazo apha ziye zanceda abavakalisi boBukumkani bathetha nabantu ubuso ngobuso.—IZe. 5:42; 17:2, 3.

Kwenziwa iigramafoni nezixhobo zomculo, eToronto, eKhanada

4, 5. Zazisetyenziswa njani iigramafoni, kodwa yintoni ezazingakwazi ukuyenza?

4 Iintetho ezirekhodiweyo. Kwiminyaka yoo-1930 ukuya kweyoo-1940, abavakalisi babedlalela abantu iintetho ezirekhodiweyo zeBhayibhile ngeegramafoni ekulula ukuziphatha. Ntetho nganye yayidlala imizuzu emihlanu. Maxa wambi ezi ntetho zaziba nemixholo emifutshane efana nethi “UThixo Oneziqu Ezithathu,” “Intlambululo-miphefumlo” nothi “UBukumkani.” Babesenza njani ukuze badlale ezi ntetho? UMzalwan’ uClayton Woodworth Omnci., owabhaptizwa eMerika ngo-1930 wathi: “Ndandiphatha igramafoni encinane engathi yisutkheysi, enengalo enenaliti ekwakufuneka ndiyibeke kanye kwindawo efanelekileyo ukuze izokudlala kakuhle. Ndandisithi xa ndifika emzini ndiyivule ndize ndinkqonkqoze. Xa umninimzi evula umnyango, ndandiye ndithi, ‘Ndikuphathele isigidimi esibalulekileyo endingathanda ukukudlalela sona.’” Wayeye athini umninimzi? UMzalwan’ uWoodworth uthi: “Amaxesha amaninzi wayevuma ukuphulaphula. Ngamanye amaxesha abantu babendimbakrazel’ ucango ebusweni. Abanye babecing’ ukuba ndithengisa iigramafoni.”

Ngo-1940, kwakusele kurekhodwe iintetho ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kweziyi-90 kwaza kwarekhodwa amacwecwe angaphezu kwemiliyoni

5 Ngo-1940, kwakusele kurekhodwe iintetho ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kweziyi-90 yaye kwakusele kwenziwe amacwecwe angaphezu kwesigidi. UJohn E. Barr, owayenguvulindlela eBritani ngelo xesha nowaba lilungu leQumrhu Elilawulayo kamva wathi: “Kwiminyaka yoo-1936 ukusa kweyoo-1945, ndandingohlukani negramafoni. Sasingumtya nethunga. Ukuva ilizwi likaMzalwan’ uRutherford emnyango kwakukhuthaza ngokwenene; kwakuba ngathi uhamba nawe. Sekunjalo, igramafoni yayingakwazi ukuzifikelela kakuhle iintliziyo zabantu.”

6, 7. (a) Amakhadi aneentshumayelo ayenceda njani kodwa ayenaziphi iingxaki? (b) UYehova uye wawabeka njani “amazwi emilonyeni yethu”?

6 Amakhadi aneentshumayelo. Ekuqaleni kuka-1933, abavakalisi bakhuthazwa ukuba basebenzise amakhadi aneentshumayelo kumsebenzi wendlu ngendlu. Eli khadi lilingana nekhadi lokufaka ingxelo yentsimi. Lalinesigidimi seBhayibhile esifutshane, lichaza nencwadi ethetha ngeBhayibhile umninimzi awayenokuzifumanela yona. Umvakalisi wayesuka nje anike umninimzi eli khadi aze amcele alifunde. ULilian Kammerud, owathi kamva waba ngumthunywa wevangeli ePuerto Rico naseArgentina uthi: “Ndakuthanda ukusebenzisa la makhadi.” Ngoba? Lo dade uthi: “Sasingengomaciko sonke, ngoko andinceda ndakwazi ukuqal’ incoko.”

Ikhadi elineentshumayelo (ngesiTaliyane)

7 UMzalwan’ uDavid Reusch, owabhaptizwa ngo-1918, wathi: “Amakhadi aneentshumayelo abanceda abazalwana kuba babembalwa ababecinga ukuba bangakwazi ukuthetha into evakalayo.” Noxa kunjalo, ukusebenzisa la makhadi kwakuneengxaki zako. UMzalwan’ uReusch wathi: “Ngamanye amaxesha sasidibana nabantu ababecinga ukuba asikwazi ukuthetha. Eneneni, abaninzi kuthi babengengomachule ekuthetheni. Kodwa uYehova wayesilungiselela ukuba sibe ngabavakalisi bakhe. Kungekudala wayeza kubeka amazwi emilonyeni yethu ngokuthi asifundise indlela yokusebenzisa iZibhalo kwindlu ngendlu. Oku kwenziwa ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo esaqaliswa ngeminyaka yoo-1940.”—Funda uYeremiya 1:6-9.

8. Yintoni onokuyenza ukuze uvumele uKristu akuqeqeshe?

8 Iincwadi. Ukususela ngo-1914, abantu bakaYehova baye bavelisa iincwadi ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kwe-100 eziye zathetha ngemixholo yeBhayibhile. Ezinye zezo ncwadi zazenzelwe ukuqeqesha abavakalisi ukuze babe ngabashumayeli abaphum’ izandla. UAnna Larsen, waseDenmark, owaba ngumvakalisi kangangeminyaka eyi-70 wathi: “UYehova uye wasinceda ngeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nangezinye iincwadi sangabavakalisi abakwaziyo ukufikelela iintliziyo. Ndikhumbula ukuba incwadi yokuqala kwezo yayisithi Theocratic Aid to Kingdom Publishers, eyakhululwa ngo-1945. Yalandelwa yethi “Equipped for Every Good Work,” eyakhululwa ngo-1946. Ngoku sinencwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, eyakhululwa ngo-2001.” Ngokuqinisekileyo, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo neencwadi ezihamba naso ziye zadlal’ indima ebalulekileyo njengoko uYehova eye wasenza “sakufanelekela ngokwaneleyo ukuba ngabalungiseleli.” (2 Kor. 3:5, 6) Ngaba ubhalisile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? Ngaba uya nencwadi ethi iSikolo Sobulungiseleli kwiintlanganiso veki nganye uze uyityhile xa umveleli wesikolo ethetha ngoko kubhalwe kuyo? Ukuba kunjalo, uya kuba uvumela uKristu akuqeqeshe ukuze ube ngumfundisi ophum’ izandla.—2 Kor. 9:6; 2 Tim. 2:15.

9, 10. Iincwadi ziye zafeza yiphi indima kumsebenzi wokutyala nowokunkcenkceshela imbewu yenyaniso?

9 Kwakhona, uYehova uye wasinceda ngokuba nentlangano eyenza iincwadi ezinceda abavakalisi bakwazi ukucacisa iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko. Eyona ncwadi yayizifikelela ngokwenene iintliziyo zabantu yethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade. Yaqala ukupapashwa ngo-1968 yaye impumelelo yayo yabonakala zisuka nje. UBulungiseleli BoBukumkani bukaNovemba 1968 bathi, “Incwadi ethi iNyaniso iye yafunwa kakhulu kangangokuba ngoSeptemba isebe elenza iincwadi eBrooklyn liye lasebenza ixesha elingakumbi.” Obo Bulungiseleli batyatyadula bathi: “NgoAgasti kukhe kwakho ixesha apho incwadi iNyaniso ibinee-oda ezingaphaya kwesigidi esinesiqingatha kunebezikho esitokhweni!” Ngo-1982, bekusele kupapashwe iikopi zale ncwadi ezingaphaya kwe-100 miliyoni ngeelwimi eziyi-116. Ngenxa yale ncwadi, kwiminyaka eyi-14 esusela ngo-1968 ukusa ku-1982, kongezeleleka abavakalisi boBukumkani abangaphezulu kwesigidi. *

10 Ngo-2005, kwakhululwa incwadi efundisa ngeBhayibhile eyaba semagqabini ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ziikopi ezimalunga ne-200 miliyoni ezisele zipapashiwe, ngeelwimi eziyi-256! Yiyiphi impumelelo eye yanayo? Kwiminyaka nje esixhenxe, ukususela ngo-2005 ukusa ku-2012, bamalunga ne-1,2 miliyoni abantu abaye bangabavakalisi beendaba ezilungileyo. Kwakhona, kwakuloo minyaka, liye lanyuka inani lezifundo esiziqhubayo, lisuka kubantu abayi-6 miliyoni laya kutsho kwabangaphezu kwe-8,7 miliyoni. Akuthandabuzeki ukuba uYehova uyayisikelela imigudu yethu yokutyala nokunkcenkcesha imbewu yenyaniso yoBukumkani.—Funda eyo-1 kwabaseKorinte 3:6, 7.

11, 12. Ngokwezibhalo ezibonisiweyo, chaza abantu ezibhalelwe bona iimagazini zethu?

11 IiMagazini. Ekuqaleni, abona bantu yayibhalelwa bona iMboniselo ‘yayingumhlambi omncinane,’ abo ‘banobizo lwasezulwini.’ (Luka 12:32; Heb. 3:1) Ngo-Oktobha 1, 1919, intlangano kaYehova yakhulula enye imagazini, le yona yayenzelwe uwonkewonke. Loo magazini yathandwa kakhulu ngaBafundi BeBhayibhile nabantu ngokubanzi kangangokuba kangangeminyaka emininzi yayiyeyona yayihanjiswa kakhulu kuneMboniselo. Ekuqaleni loo magazini yayibizwa ngokuba yiThe Golden Age. Ngo-1937, igama layo latshintshwa yaba yiConsolation. Yaza ngo-1946, yanguVukani!

12 Ukutyhubela iminyaka, imbonakalo yeMboniselo nekaVukani! iye yatshintsha, kodwa yona injongo khange itshintshe—ukubhengeza uBukumkani bukaThixo nokunceda abantu bayikholelwe iBhayibhile. Namhlanje, iMboniselo inohlelo lokufundisa nelikawonkewonke. Uhlelo lokufundisa lenzelwe “abendlu,” ngamanye amazwi, “umhlambi omncinane” ‘nabezinye izimvu.’ * (Mat. 24:45; Yoh. 10:16) Uhlelo lukawonkewonke lenzelwe ngokukhethekileyo abo bangekayazi inyaniso kodwa abamhlonelayo uThixo neBhayibhile. (IZe. 13:16) UVukani! yena wenzelwe abantu abanolwazi oluncinane ngeBhayibhile nangoThixo oyinyaniso, uYehova.—IZe. 17:22, 23.

13. Yintoni oyifumanisa ikumangalisa ngeemagazini zethu? (Jonga ibhokisi enomxholo othi “ Ukupapasha Okophul’ Izikeyi.”)

13 Ekuqaleni konyaka ka-2014, nyanga nganye kwaveliswa ooVukani! abangaphaya kwe-44 miliyoni neeMboniselo ezimalunga ne-46 miliyoni. UVukani! wayeguqulelwa ngeelwimi ezimalunga neziyi-100, iMboniselo ngeelwimi ezingaphaya kwe-200, nto leyo eyayisenza ezi magazini zibe zezona ziguqulelwe zaza zasasazwa kakhulu emhlabeni! Nakubeni zingako izinto eziye zaphunyezwa, ayimele isimangalise loo nto. Ezi magazini zinesigidimi uYesu awathi siza kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo.—Mat. 24:14.

14. Yintoni esithe ngenzondelelo sayikhuthaza, yaye kutheni?

14 IBhayibhile. Ngo-1896, uMzalwan’ uRussell nezinxulumani zakhe balitshintsha igama lombutho ababewusebenzisela ukupapasha iincwadi ukuze ube negama elithi iBhayibhile; wabizwa ngokuba yiWatch Tower Bible and Tract Society. Olo tshintsho lwalufanelekile kuba iBhayibhile ibisoloko isesona sixhobo siphambili ekusasazeni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (Luka 24:27) Ngokuvisisana neli gama lombutho osemthethweni, abakhonzi bakaThixo baye ngenzondelelo basasaza iBhayibhile baza bakhuthaza ukuba ifundwe. Ngokomzekelo, sisebenzisa oomatshini bethu, ngo-1926 saprinta iThe Emphatic Diaglott, inguqulelo yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike eyaveliswa nguBenjamin Wilson. Ekuqaleni kuka-1942, saprinta saza sasasaza iikopi eziyi-700 000 zeBhayibhile ebizwa ngokuba yiKing James Version. Kwiminyaka emibini emva koko, saqalisa ukuprinta iAmerican Standard Version, esebenzisa igama likaYehova kwiindawo eziyi-6 823. Ngo-1950, besisele sisasaze iikopi ezingaphezu kwe-250 000.

15, 16. (a) Yintoni oyithandayo ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha? (Jonga ibhokisi enomxholo othi “ Kukhawuleziswa Umsebenzi Wokuguqulela IiBhayibhile.”) (b) Ungenza njani ukuze uvumele uYehova akufikelel’ intliziyo?

15 Ngo-1950 kwakhululwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epheleleyo yakhululwa ngo-1961. Le nguqulelo izukisa uYehova ngokubuyisela igama lakhe kwiindawo ezifanelekileyo kwizibhalo zesiHebhere. Kwakhona, igama likaThixo livela izihlandlo eziyi-237 kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Ukuze kuqinisekwe ukuba ichanile yaye ifundeka lula kangangoko kunokwenzeka, iye yahlaziywa izihlandlo eziliqela, yaye okokugqibela ihlaziywe ngo-2013. Kwango-2013 njalo, kuye kwapapashwa iikopi ezingaphezu kwe-201 miliyoni zale Nguqulelo Yehlabathi Elitsha epheleleyo okanye inxalenye yayo ngeelwimi eziyi-121.

16 Baye bathini abanye emva kokuba befunde iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwabo? Enye indoda engumNepali yathi: “Kangangeminyaka, besinenguqulelo yesiNepali ebekunzima ukuyiqonda kuba inesigama sakudala. Kodwa ngoku siyiqonda bhetele iBhayibhile kuba inesigama sanamhlanje.” Xa elinye ibhinqa laseCentral African Republic laqalisa ukufunda inguqulelo yesiSango, lichiphiza lathi, “Olu lulwimi oluthethwa yintliziyo yam.” Njengeli bhinqa, ngamnye kuthi unokumvumela uYehova amfikelel’ intliziyo ngokufunda iLizwi lakhe yonk’ imihla.—INdu. 1:2; Mat. 22:36, 37.

Ukuba Noxabiso Ngoqeqesho Nangezi Zixhobo

17. Yintoni onokuyenza ukuze ubonise ukuba uyazixabisa izixhobo noqeqesho olufumanayo, yaye ukuba uyayenza loo nto, iya kuphumela phi?

17 Ngaba uyazixabisa ezi zixhobo noqeqesho esiqhubeka silufumana kuKumkani uYesu Kristu? Ngaba uyazibekela ixesha lokufunda iincwadi zentlangano kaThixo, yaye ngaba uyazisebenzisa ukuze uncede abanye? Ukuba uyazenza ezo zinto, uya kuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uDade Opal Betler, owabhaptizwa ngo-Oktobha 4, 1914. Wathi: “Kangangeminyaka, mna nomyeni wam [uEdward] besisebenzisa igramafoni namakhadi aneentshumayelo. Sasishumayela kwindlu ngendlu sisebenzisa iincwadi, iincwadana neemagazini. Sasisiya kumaphulo size sihambise izigidimi eziprintiweyo. Kamva saqeqeshwa ukuze sikwazi ukubuyela nokuqhuba izifundo kumakhaya abantu abanomdla. Ubomi bethu babuxakekile kodwa sonwabile.” UYesu wathembisa ukuba abalawulwa bakhe babeza kuxakeka ngumsebenzi wokutyala nokuvuna begcoba kunye. Izigidi ezifana no-Opal ziyabungqina ubunyani beso sithembiso.—Funda uYohane 4:35, 36.

18. Liliphi ilungelo esinalo?

18 Abantu abaninzi abangekabi ngabo abakhonzi bakaKumkani banokucinga ukuba abantu bakaThixo ‘abanamfundo yaye ngabantu nje abaqhelekileyo.’ (IZe. 4:13) Kodwa khawucinge! UKumkani uye wenza abantu abaqhelekileyo baziinkunzi-malanga kumsebenzi wokuvelisa iincwadi eziye zazezona ziguqulelwe zaza zasasazwa kakhulu embalini! Okubaluleke nangakumbi kukuba, uye wasiqeqesha waza wasikhuthaza ukuba sisebenzise ezi zixhobo zokusasaza iindaba ezilungileyo kubantu bazo zonke iintlanga. Kulilungelo elingathethekiyo ukusebenza noKristu ekutyaleni imbewu yenyaniso nokwenza abafundi!

^ isiqe. 2 Kule minyaka ilishumi idluleyo, abantu bakaYehova baye bavelisa iincwadi ezingaphezu kwe-20 bhiliyoni ezinceda abantu bayazi iBhayibhile. Ukongezelela koko, sineWebhsayithi i-jw.org, ekungena kuyo abantu abangaphezu kwe-2,7 bhiliyoni abaneIntanethi.

^ isiqe. 9 Nazi ezinye zeencwadi eziye zafundisa inyaniso yeBhayibhile, Uhadi LukaThixo (eyaveliswa ngo-1921), “UThixo Makabe Nenyaniso” (eyaveliswa ngo-1946), Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni (eyaveliswa ngo-1982), nethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade (eyaveliswa ngo-1995).

^ isiqe. 12 Funda iMboniselo kaJulayi 15, 2013, iphepha 23, isiqendu 13, ecacisa ukuba ngoobani “abendlu.”