Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 9

Imiphumo Yokushumayela—“Amasimi . . . Amhlophe Ukuze Kuvunwe”

Imiphumo Yokushumayela—“Amasimi . . . Amhlophe Ukuze Kuvunwe”

INJONGO YESI SAHLUKO

UYehova uye wabangela imbewu yenyaniso yoBukumkani yahluma

1, 2. (a) Yintoni eyadida abafundi? (b) Kukuphi ukuvuna awayethetha ngako uYesu?

ABAFUNDI badidekile. UYesu usandul’ ukuthi kubo: “Phakamisani amehlo enu nize nibone amasimi, ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.” Bajonga kwicala uYesu alatha kulo, bona babona amasimi angekho mhlophe kodwa aseluhlaza—mbala lowo obonisa ukuba irhasi isandul’ ukuntshula. Basenokuba bazibuza ukuba ‘kuphi oku kuvuna’ athetha ngako? ‘Kuseza kudlul’ iinyanga nje, ngaphambi kokuba kuvunwe.’—Yoh. 4:35.

2 Noko ke, apha uYesu akathethi ngokuvuna okuqhelekileyo. Endaweni yoko, usebenzisa eli thuba ukufundisa abafundi bakhe izifundo ezibini ezibalulekileyo eziphathelele uhlobo lokuvuna awayethetha ngalo—ukuvunwa kwabantu. Ziziphi ezo zifundo? Ukuze uzive, makhe siwuhl’ amahlongwane lo mbandela ngokweenkcukacha.

Ukuhlatywa Kwekhwelo, Nesithembiso Sovuyo

3. (a) Yintoni esenokuba yabangela uYesu athi: “Amasimi . . . amhlophe ukuze kuvunwe”? (Funda umbhalo osemazantsi.) (b) UYesu wayicacisa njani eyona nto awayeyithetha?

3 UYesu wawathetha la mazwi kubafundi bakhe ngasekupheleni konyaka ka-30 C.E., kufutshane nedolophu yamaSamariya, iSikare. Ngoxa abafundi bakhe babesaye kuloo dolophu, uYesu washiyeka ngasequleni apho washumayela inyaniso kwibhinqa elayifumana ngokukhawuleza ingongoma yemfundiso yakhe. Xa abafundi bebuya, eli bhinqa lathi ngqee ukuya esixekweni ukuze lixelele abamelwane balo izinto ezimangalisayo elalisandul’ ukuziva. Izinto elazithethayo zabangel’ umdla kubamelwane, ibe abaninzi kubo benjenjeya ukuya kuYesu. Mhlawumbi kungeso sihlandlo kanye apho uYesu wathi xa ephosa amehlo akhe phayaa wabona isihlwele samaSamariya sisiza—wathi: ‘Bonani amasimi, ukuba amhlophe ukuze avunwe.’ * Ukuze uYesu abonise ukuba wayengathethi ngokuvuna okuqhelekileyo kodwa okwabantu, kwintetho yakhe watyatyadula wenjenje: “Umvuni sele . . . ehlanganisa isiqhamo sobomi obungunaphakade.”—Yoh. 4:5-30, 36.

4. (a) Ziziphi izifundo ezibini eziphathelele ukuvuna awathetha ngazo uYesu? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?

4 Ziziphi ezi zifundo zibini ziphathelele ukuvuna uYesu awathetha ngazo? Esokuqala, kukuba lo msebenzi ungxamisekile. Xa wathi “amasimi . . . amhlophe ukuze kuvunwe” wayehlab’ ikhwelo lokuba abafundi bakhe benze okuthile. Ukuze abonise umkhamo wokungxamiseka kwalo msebenzi, uYesu wathi: “Umvuni sele efumana umvuzo.” Ayinene loo mazwi, kuba ukuvuna kwakusele kuqalile—eli yayingeloxesha lokurhuq’ iinyawo! Esesibini, abasebenzi banovuyo. UYesu wathi abahlwayeli nabavuni ‘baba nemihlali kunye.’ (Yoh. 4:35b, 36) Kanye njengokuba noYesu waba nemihlali xa wabona ‘abaninzi kumaSamariya . . . bekholwa kuye,’ nabafundi babeza kuba nemihlali nyhani njengoko babeza kuzilahlela nofele kumsebenzi wokuvuna. (Yoh. 4:39-42) Le ngxelo ibalulekile kuthi kuba ibonisa into eyenzekayo kweli xesha lokuvuna liyimbali. Kuqale nini ukuvuna kule mihla yethu? Ngoobani abawenzayo lo msebenzi? Kuye kwaphumela entwenini oku?

UKumkani Wethu Ukhokela Owona Msebenzi Mkhulu Wokuvuna Owakha Wenziwa

5. Ngubani okhokelayo kumsebenzi wokuvuna owenziwa emhlabeni wonke, yaye umbono kaYohane ubonisa njani ukuba lo msebenzi ungxamisekile?

5 Kumbono awawunika umpostile uYohane, uYehova utyhila indlela athe wabela ngayo uYesu ukuba akhokele kumsebenzi wokuvunwa kwabantu owenziwa emhlabeni wonke. (Funda iSityhilelo 14:14-16.) Kulo mbono, uYesu uboniswa enesithsaba nerhengqa. ‘Isithsaba segolide esisentlokweni kaYesu’ singqina ukuba uyalawula njengoKumkani. ‘Irhengqa elibukhali elisesandleni sakhe’ libonisa indima ayidlalayo yokuba nguMvuni. Xa uYehova wasebenzisa ingelosi esithi, “isivuno somhlaba sivuthwe ngokupheleleyo,” wayebethelela ukuba umsebenzi ungxamisekile. “Lifikile ilixa lokuvuna”—eli ayiloxesha lokurhuq’ iinyawo! Esakuva umyalelo kaThixo othi “lifake irhengqa lakho,” uYesu uyalifaka aze avune umhlaba—ngamany’ amazwi, abantu basemhlabeni bayavunwa. Lo mbono ubangel’ imincili uyasikhumbuza nathi ukuba “amasimi . . . amhlophe ukuze kuvunwe.” Ngaba lo mbono uyasinceda sikwazi ukulibona ixesha oqalise ngalo umsebenzi wokuvuna? Ewe!

6. (a) Laqala nini ‘ixesha lokuvuna’? (b) Kwaqaliswa nini ‘ukuvunwa komhlaba’? Cacisa.

6 UYesu onguMvuni, wayesele enguKumkani ngo-1914, kuba kumbono kaYohane okwiSityhilelo isahluko 14 ubonwa ethwele isithsaba (vesi 14). (Dan. 7:13, 14) Ethubeni, emva kokumiselwa kwakhe, uYesu uyalelwa ukuba aqalise ukuvuna (vesi 15). Ukulandelelana kweziganeko kubonwa nakumzekeliso kaYesu wokuvunwa kwengqolowa, apho athi: “Ukuvuna kukupheliswa kwenkqubo yezinto.” Ngoko, ixesha lokuvuna laqala ngaxeshanye nelokupheliswa kwenkqubo yezinto, ngo-1914. Kamva, ‘phakathi ngexesha lokuvuna,’ kwaqaliswa ukuvuna. (Mat. 13:30, 39) Xa sikhangela emva, siyabona ukuba ukuvuna kwaqalisa kwiminyaka embalwa emva kokuba uYesu enguKumkani. Ngo-1914 ukusa ekuqaleni kuka-1919, uYesu waqala wacoca abalandeli bakhe abathanjisiweyo. (Mal. 3:1-3; 1 Pet. 4:17) Kamva, ngo-1919, kwaqaliswa ‘ukuvunwa komhlaba.’ Engaphozisanga maseko, uYesu wasebenzisa ikhoboka elithembekileyo elalisandul’ ukumiselwa ukuba lincede abazalwana bethu babone ukungxamiseka komsebenzi wokushumayela. Khawuve oko kwenzekayo.

7. (a) Luluphi uhlolisiso olwanceda abazalwana babona ukungxamiseka komsebenzi wokushumayela? (b) Abazalwana bethu bakhuthazwa ukuba benze ntoni?

7 NgoJulayi 1920, iMboniselo yathi: “Emva kokuhlolisisa iZibhalo, kubonakala ngathi inkonzo [intlangano] inikwe ilungelo elingathethekiyo lokushumayela ngobukumkani.” Ngokomzekelo, isiprofeto sikaIsaya sanceda abazalwana baqonda ukuba iindaba ezilungileyo zoBukumkani zifanele zishunyayelwe emhlabeni wonke. (Isa. 49:6; 52:7; 61:1-3) Babengenalo nofifi lokuba iza kwenzeka njani loo nto, kodwa bathemba uYehova ukuba uza kubabonis’ indlela. (Funda uIsaya 59:1.) Bathi bakuqonda ukuba lo msebenzi ungxamisekile, abazalwana bakhuthazwa ukuba bazilahlele nofele kumsebenzi wokushumayela. Basabela njani?

8. Ngo-1921, abazalwana baqonda ziphi iinkalo ezimbini ngomsebenzi wokushumayela?

8 NgoDisemba 1921, iMboniselo yenza esi saziso: “Lo ibingunyaka woonyaka; baninzi abantu abaye beva iindaba ezilungileyo kulo nyaka kunawo nawuphi na omnye.” Le magazini yongezelela yenjenje: “Usemninzi umsebenzi omele wenziwe . . . Masiwenze ngentliziyo enemihlali.” Phawula indlela abazalwana abaziqonda ngayo izinto ezimbini ezabethelelwa nguYesu kubapostile bakhe ngomsebenzi wokushumayela: Umsebenzi ungxamisekile, yaye abasebenzi banemihlali.

9. (a) Ngo-1954, yathini iMboniselo ngomsebenzi wokuvuna, yaye kwakutheni ukuze itsho? (b) Abavakalisi baye banda kangakanani ehlabathini kule minyaka iyi-50 idluleyo? (Funda isicangca esinomxholo othi “ Ulwando Ehlabathini Lonke.”)

9 Kwiminyaka yoo-1930, emva kokuba abazalwana beqondile ukuba isihlwele esikhulu sezinye izimvu sasiza kuyamkela inyaniso yoBukumkani, kwathiwa chatha apha ekushumayeleni. (Isa. 55:5; Yoh. 10:16; ISityhi. 7:9) Yaphumela phi loo nto? Inani labo babeshumayela ngoBukumkani landa lisuka kubantu abayi-41 000 ngo-1934 ukusa kwabayi-500 000 ngo-1953! IMboniselo kaDisemba 1, 1954, yayinyanisile xa yathi: “Sincedwe ngumoya kaYehova namandla eLizwi lakhe ukuze sikwazi ukwenza lo msebenzi ungaka wokuvuna.” *Zek. 4:6.

 

ULWANDO EHLABATHINI LONKE

Ilizwe

1962

1987

2013

EOstreliya

15 927

46 170

66 023

EBrazil

26 390

216 216

756 455

EFransi

18 452

96 954

124 029

EItali

6 929

149 870

247 251

EJapan

2 491

120 722

217 154

EMexico

27 054

222 168

772 628

ENigeria

33 956

133 899

344 342

KwiiPhilippines

36 829

101 735

181 236

EMerika

289 135

780 676

1 203 642

EZambia

30 129

67 144

162 370

 

UKWANDA KWEZIFUNDO ZEBHAYIBHILE

1950

234 952

1960

646 108

1970

1 146 378

1980

1 371 584

1990

3 624 091

2000

4 766 631

2010

8 058 359

Iziphumo Zokuvuna—Zachazwa Ngemizekeliso

10, 11. Kumzekeliso wekhozo lwemostade kubalaseliswa ziphi iinxalenye zokukhula kwale mbewu?

10 Kwimizekeliso yakhe engoBukumkani, uYesu wayichaza ngobuciko imiphumo yomsebenzi wokuvuna. Makhe sithethe ngomzekeliso wekhozo lwemostade kunye nowegwele. Ngoku siza kuhlolisisa ngokukhethekileyo indlela eye yazaliseka ngayo kwixesha lesiphelo.

11 Umzekeliso wekhozo lwemostade. Indoda ethile ityala imbewu yemostade. Le mbewu iyakhula ibe ngumthi, zize iintaka zakhele emasebeni awo. (Funda uMateyu 13:31, 32.) Kulo mzekeliso, kubalaseliswa ziphi iinxalenye zokukhula kwale mbewu? (1) Le mbewu ikhula ngendlela emangalisayo. ‘Olona khozo luncinane kunazo zonk’ iimbewu ezikhoyo’ lukhula lube ngumthi ‘onamasebe amakhulu.’ (Marko 4:31, 32) (2) Le mbewu iza kukhula nakanjani na. ‘Xa le mbewu ihlwayelwe iyakhula.’ UYesu akathi, “Isenokukhula.” Hayi khona, uthi: ‘Iyakhula.’ Iyakhula noba sele kumnyam’ entla. (3) Lo mthi utsala iindwendwe ezithile, ezifika zihlale kuwo. ‘Iintaka zezulu ziyafika’ zize ‘zifumane indawo yokuhlala phantsi komthunzi wawo.’ Ezi nxalenye zintathu zidibana njani nokuvunwa kwabantu namhlanje?

12. Umzekeliso wekhozo lwemostade ungena njani kumsebenzi wokuvuna owenziwa namhlanje? (Funda isicangca esinomxholo othi “ Ukwanda Kwezifundo ZeBhayibhile.”)

12 (1) Ukukhula: Lo mzekeliso ubalaselisa ukuhambela phambili kwesigidimi soBukumkani nokukhula kwebandla lamaKristu. Ukususela ngo-1919, abasebenzi abakhutheleyo besivuno baye bahlanganiselwa kwibandla lamaKristu elicociweyo. Ngelo xesha, babembalwa kodwa bakhula ngokukhawuleza. Eneneni ukususela ekuqaleni kweminyaka yoo-1900 bebekhula ngendlela emangalisayo. (Isa. 60:22) (2) Isiqinisekiso: Ukukhula kwebandla lamaKristu bekunganqandeki. Nakuba le mbewu incinane ibicinezelwa ngamatye entshutshiso iye yaqhubeka ikhula idudula yonk’ into ephambi kwayo. (Isa. 54:17) (3) Indawo yokuhlala: “Iintaka zezulu” eziye zakhela emthini zimela izigidi zabantu abakumazwe ayi-240 abaye bayamkela inyaniso yoBukumkani ngokuthi babe yinxalenye yebandla lamaKristu. (Hez. 17:23) Bafumana imfundiso yeBhayibhile, ukuhlaziyeka nokhuseleko.—Isa. 32:1, 2; 54:13.

Umzekeliso wembewu yemostade usifundisa ukuba bakhuselekile abo bakwibandla lamaKristu (Funda isiqendu 11, 12)

13. Umzekeliso wegwele ubalaselisa ziphi iinkalo zokukhula?

13 Umzekeliso wegwele. Emva kokuba ibhinqa lifake igwele kwintlama, iyanyuka. (Funda uMateyu 13:33.) Ziziphi iinkalo zokukhula ezichazwe kulo mzekeliso? Makhe sithethe ngezimbini. (1) Ukukhula kubangela utshintsho. Igwele liyanwenwa “de intlama iphela” inyuke (2) Ukukhula kuyanwenwa. Igwele linyusa yonke intlama ‘yemilinganiselo emithathu emikhulu yomgubo.’ Ezi nkalo zimbini zingena njani kumsebenzi wokuvuna owenziwa kule mihla yethu?

14. Umzekeliso wegwele ungena njani kumsebenzi wokuvuna owenziwa namhlanje?

14 (1) Utshintsho: Intlama imela inyaniso yoBukumkani, yaye intlama imela bonke abantu. Kanye njengoko igwele liyitshintsha intlama xa lifakiwe, nenyaniso yoBukumkani iyazitshintsha iintliziyo zabantu abayamkelayo. (Roma 12:2) (2) Ukunwenwa: Ukunwenwa kwegwele kumela ukunwenwa kwenyaniso yoBukumkani. Igwele liyanwenwa. Ngokufanayo, inyaniso yoBukumkani iye yanwenwa yaya kutsho “nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Kwakhona, le nkalo yomzekeliso ikwabonisa nokuba inyaniso yoBukumkani iya kufikelela nakwiindawo ovalwe kuzo umsebenzi wethu, nangona kusenokungaqatshelwa ukuba bakho abantu abashumayelayo kuzo.

15. Aye azaliseka njani amazwi akuIsaya 60:5, 22? (Funda ibhokisi ethi “ UYehova Ubangele Kwenzeka,” nethi “ ‘Indlela Omncinane’ Aye Waba ‘Luhlanga Olunamandla Ngayo,’”.)

15 Kwiminyaka eyi-800 ngaphambi kokuba uYesu athethe ngale mizekeliso, uYehova wasebenzisa uIsaya ukuba athethe amazwi acacileyo, achaza kusengaphambili umkhamo owawuza kwenziwa ngawo umsebenzi wokuvuna kule mihla yethu nemihlali owawuza kuyibangela. * UYehova uthetha ngabantu abangena bethontelana kwintlangano yakhe ‘bevela kude.’ Ebhekisa ‘kumfazi,’ oye namhlanje wamelwa ngamaKristu athanjisiweyo asesemhlabeni, uthi: “Uya kubona uze ngokuqinisekileyo ukhazimle, yaye okunene intliziyo yakho iya kugubha ize yande, ngenxa yokuba indyebo yolwandle iya kuzizisa kuwe; bona kanye ubuncwane beentlanga buya kuza kuwe.” (Isa. 60:1, 4, 5, 9) Achane ucwethe ke la mazwi! Namhlanje, imihlali ibhalwe ebusweni koomakadenetha abangabakhonzi bakaYehova, njengoko bebona abavakalisi boBukumkani abakumazwe abo besanda ukuya kutsho kumawaka.

Kutheni Abakhonzi BakaYehova Benesizathu Sokuvuya

16, 17. Chaza isizathu sibe sinye esibangela ‘umhlwayeli nomvuni babe nemihlali kunye’? (Funda nebhokisi enomxholo othi “ Indlela Amaphecana Amabini Aye Azifikelela Ngayo Iintliziyo Kummandla WeAmazon.”)

16 Khumbula ukuba uYesu wathi kubapostile bakhe: ‘Umvuni ufumana umvuzo yaye uhlanganisa isiqhamo sobomi obungunaphakade, khon’ ukuze umhlwayeli nomvuni babe nemihlali kunye.’ (Yoh. 4:36) Ngoko ke, siba nayo njani ‘imihlali kunye’ kumsebenzi wokuvuna owenziwa ehlabathini lonke? Ngeendlela ezininzi. Makhe sithethe ngezintathu.

17 Eyokuqala, siba nemihlali njengoko sibona indima edlalwa nguYehova kulo msebenzi. Xa sishumayela inyaniso yoBukumkani, sityala imbewu. (Mat. 13:18, 19) Xa sinceda umntu abe ngumlandeli kaKristu, sivuna isiqhamo. Sonke siba novuyo olungathethekiyo njengoko sibukele uYehova esenza izinto ezimangalisayo, ebangela inyaniso yoBukumkani “ihlume ize ikhule ibe nde.” (Marko 4:27, 28) Enye imbewu esiyihlwayelayo intshula kamva ize ivunwe ngabanye. Usenokuba uye waweva amava afana nakaJoan, udade waseBritani owabhaptizwa kwiminyaka eyi-60 eyadlulayo. Wathi: “Ndiye ndadibana nabantu abaye bathi kum ndatyala imbewu kwiintliziyo zabo xa ndandibashumayeza kwiminyaka eyadlulayo. Ndingazi, amanye amaNgqina abaqhubela izifundo zeBhayibhile baze baba ngabakhonzi bakaYehova. Ndinemihlali xa kanti imbewu endayityalayo yakhula yaza yavunwa.”—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 3:6, 7.

18. Sisiphi isizathu esibangela uvuyo esichazwe kweyo-1 kwabaseKorinte 3:8?

18 Eyesibini, sihlala singabasebenzi abanovuyo xa sisoloko sikhumbula amazwi kaPawulos athi: “Umntu ngamnye uya kwamkela owakhe umvuzo ngokokusebenza kwakhe.” (1 Kor. 3:8) Umvuzo ufumaneka ngokusebenza, kungekhona ngokweziqhamo zomsebenzi. Achwayitisa gqitha loo mazwi, ngokukodwa kwabo bashumayela kwintsimi enabantu abangenamdla kangako! Emehlweni kaThixo, iNgqina ngalinye elishumayela ngentliziyo yonke ‘lithwala isiqhamo esininzi,’ ngoko ke, linesizathu sokuvuya.—Yoh. 15:8; Mat. 13:23.

19. (a) Isiprofeto sikaYesu esikuMateyu 24:14 sidibana njani novuyo esinalo? (b) Yintoni esimele singayilibali xa singaphumeleli ekwenzeni abantu babe ngabafundi?

19 Eyesithathu, siyavuya kuba umsebenzi esiwenzayo uzalisekisa isiprofeto. Khawuphawule impendulo kaYesu xa abafundi bakhe bambuza oku: “Sixelele, ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso wobukho bakho nowokupheliswa kwenkqubo yezinto?” Wabaxelela ukuba enye inkalo yaloo mqondiso yayiza kuba ngumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Ngaba wayethetha ngomsebenzi wokwenza abafundi? Akunjalo. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina.” (Mat. 24:3, 14) Ngenxa yoko, ukushumayela ngoBukumkani—ukuhlwayelwa kwembewu—yinxalenye yalo mqondiso. Ngoko ke, njengokuba sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, siyazi ukuba enoba asiphumeleli ekwenzeni abantu babe ngabafundi, siyaphumelela ekunikeleni ‘ubungqina.’ * Kungakhathaliseki ukuba basabela njani abantu, siba nenxaxheba ekuzalisekiseni isiprofeto sikaYesu yaye sinebhongo ngokuba ‘ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo.’ (1 Kor. 3:9) Esi sisizathu esibangela ukuba sivuye.

“Ukususela Ekuphumeni Kwelanga Kuse Ekutshoneni Kwalo”

20, 21. (a) Aye azaliseka njani amazwi akuMalaki 1:11? (b) Ngenxa yalo msebenzi wokuvuna, yintoni ozimisele ukuyenza, yaye kutheni?

20 Ngemihla yabapostile, uYesu wabanceda babona ukuba umsebenzi wokuvuna umele wenziwe ngokungxamisekileyo. Ukususela ngo-1919 ukuya phambili, uYesu uye wanceda abafundi bakhe bale mihla ukuba bawenze lo msebenzi ngendlel’ efanayo. Abantu bakaThixo baye basabela kakuhle kule nkalo, kuba baye baqinisa kumsebenzi wokushumayela. Eneneni, kuye kwacaca gca ukuba umsebenzi wokuvuna awunakuthinteleka. Kanye njengokuba umprofeti uMalaki wachaza kwangaphambili ukuba namhlanje umsebenzi wokushumayela wenziwa “ukususela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo.” (Mal. 1:11) Nangoku, ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, ukusuka empuma ukusa entshona, abahlwayeli nabavuni basebenza kunye yaye banemihlali—kungakhathaliseki ukuba bahlala phi na. Sivuka ngonyezi senze lo msebenzi de litshone—siwenza ngokungxamisekileyo.

21 Xa sikhangel’ emva kule minyaka iyi-100 idluleyo size sibone indlela elithe iqela elincinane labakhonzi bakaThixo lakhula ngayo lwaba ‘luhlanga olunamandla,’ iintliziyo zethu ziyaxhumaxhuma luvuyo ‘zize zande.’ (Isa. 60:5, 22) Akwaba olo vuyo nokuthanda kwethu uYehova, “iNkosi yesivuno,” kungabangela ngamnye wethu ukuba aqhubeke encedisa de ugqitywe lo msebenzi owakha wabaluleka—umsebenzi wokuvuna!—Luka 10:2.

^ isiqe. 3 Amazwi kaYesu ‘angamasimi amhlophe,’ asenokuba ayebhekisela kwimiwunduzo emhlophe ekusenokwenzeka ukuba yayinxitywe ngamaSamariya awayewabona esiza.

^ isiqe. 9 Ukuze wazi okungakumbi ngaloo minyaka nangeyalandelayo, siyakukhuthaza ukuba ufunde incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, kwiphepha 425-520, apho kuthethwa ngoko kuye kwaphunyezwa kumsebenzi wokuvuna ukususela ngo-1919 ukusa ku-1992.

^ isiqe. 15 Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngesi siprofeto sichulumancisayo, funda Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu II, iphepha 303-320.

^ isiqe. 19 Le nyaniso ibalulekileyo yayisele iqondwa ngaBafundi BeBhayibhile bamandulo. IZion’s Watch Tower kaNovemba 15, 1895, yathi: “Ukuba sinokuqokelela intwana nje yengqolowa, kuya kunikelwa ubungqina kuyo inyaniso. . . . Bonke aba bantu banokushumayela ivangeli.”