Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 10

UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe Ngokomoya

UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe Ngokomoya

INJONGO YESI SAHLUKO

Indlela uYesu aye waluphucula waza walucoca ngayo unqulo lwabantu bakhe, nesizathu soko

1-3. Wenza ntoni uYesu akufika itempile ingcoliswa?

UYESU wayeyihlonela kakhulu itempile eyayiseYerusalem kuba wayekwazi oko ikumelayo. Kaloku kangangexesha elide itempile yayisoloko iyeyona ndawo yonqulo lokwenyaniso emhlabeni. Kodwa ke olo unqulo—unqulo loThixo ongcwele, uYehova—lumele lucoceke yaye lube nyulu. Khawufan’ ucinge indlela awakhathazeka ngayo uYesu xa wafika itempile ingcoliswa ngoNisan 10, 33 C.E. Kwakusenzeka ntoni?—Funda uMateyu 21:12, 13.

2 KwiNtendelezo yeeNtlanga, oosomashishini nabatshintshi bemali ababawayo babeqhatha abantu ababezokwenza imibingelelo kuYehova. * UYesu “waphosa phandle bonke abo babethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali.” (Thelekisa uNehemiya 13:7-9.) Wawagxeka loo madoda ayecingel’ iziqu zawo ngokwenza indlu kaYise “umqolomba wabaphangi.” Ngaloo ndlela uYesu wabonisa ukuba uyayihlonela itempile noko yayikumela. Unqulo lukaYise lwalumele lugcinwe lucocekile!

3 Kumakhulukhulu eminyaka kamva, emva kokuba uYesu enziwe uKumkani onguMesiya, waphinda wacoca itempile—tempile leyo ibandakanya bonke abo bafuna ukunqula uYehova ngendlela eyamkelekileyo namhlanje. Yiyiphi loo tempile?

Ukucocwa ‘Koonyana BakaLevi’

4, 5. (a) Baphuculwa baza bacocwa njani abalandeli bakaYesu abangabathanjiswa ukususela ngo-1914 ukusa ekuqaleni kuka-1919? (b) Ngaba ukucocwa kwabantu bakaThixo kwaphelela apho? Cacisa.

4 Njengoko sifundile kwiSahluko 2 sale ncwadi, emva kokuba uYesu enziwe uKumkani ngo-1914, yena noYise beza kuhlola itempile yokomoya—ilungiselelo lonqulo lokwenyaniso. * Oku kwenza uKumkani waqaphela ukuba amaKristu angabathanjiswa, “oonyana bakaLevi,” kufuneka alungiswe. (Mal. 3:1-3) Ukususela ngo-1914 ukusa ekuqaleni kuka-1919, uYehova onguMcoci, wavumela ukuba abantu bakhe batyhubele kubunzima namagingxigingxi ukuze bacocwe baze baphuculwe. Okuvuyisayo kukuba, abo bathanjiswa baphumela kolo vavanyo lunzima becocekile yaye bekhangele phambili ekubeni ngabaxhasi boKumkani onguMesiya!

5 Ngaba kwagqityeliswa ngoko ukuphuculwa nokucocwa kwabantu bakaThixo? Akunjalo. Kweli xesha lesiphelo, esebenzisa uKumkani onguMesiya, uYehova uye waqhubeka enceda abalandeli bakhe ukuba bahlale becocekile ukuze baqhubeke bekwitempile yakhe yanamhlanje. Kwizahluko ezibini ezilandelayo, siza kufunda ngendlela aye wabacoca ngayo abantu bakhe ukuze baziphathe kakuhle, nendlela aye wayicoca ngayo intlangano yakhe. Okokuqala, makhe sithethe ngokucoceka kokomoya. Kuyalomeleza ukholo lwethu ukucinga ngezinto uYesu azenzileyo—esizibonayo nesingaziboniyo—ukuze ancede abalandeli bakhe bahlale becocekile ngokomoya.

“Zigcineni Nihlambulukile”

6. Imithetho uYehova awayinika amaYuda isinceda njani ukuze sibone ukuba unqulo lokwenyaniso lubandakanya ntoni?

6 Kuthetha ukuthini ukucoceka ngokomoya? Ukuze sikwazi ukuphendula lo mbuzo, makhe sihlolisise amazwi uYehova awawathetha kumaYuda ngaphambi kokuba aphume eBhabhiloni ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo. (Funda uIsaya 52:11.) Eyona njongo yokubuyela kwamaYuda eYerusalem yayikukuphinda akhe itempile aze abuyisele unqulo lokwenyaniso. (Ezra 1:2-4) UYehova wayefuna abantu bakhe bashiye ngasemva nantoni na enento yokwenza nonqulo lwaseBhabhiloni. Qaphela olu thotho lwemithetho awabanika lona: “Ningachukumisi nto ingahlambulukanga,” ‘phumani phakathi kwayo,’ yaye “zigcineni nihlambulukile.” Unqulo lokwenyaniso alumele lungcoliswe lunqulo lobuxoki. Ngoko simele sigqibe ngelithini? Unqulo lokwenyaniso lubandakanya ukuhambela kude lee kwiimfundiso nezithethe zonqulo lobuxoki.

7. UYesu usebenzise liphi ijelo ukuze ancede abalandeli bakhe bacoceke?

7 Kungekudala emva kokuba enguKumkani, uYesu walungiselela ijelo elibonakala ngokucacileyo awayeza kulisebenzisa ukuze agcine abalandeli bakhe becocekile ngokomoya. Elo jelo, likhoboka elithembekileyo neliyingqondi awalimisela ngo-1919. (Mat. 24:45) Wathi ufika loo nyaka, babe aBafundi BeBhayibhile sele beziyekile iimfundiso ezininzi zonqulo lobuxoki. Sekunjalo, kwakusafuneka bacocwe ngakumbi ngokomoya. Esebenzisa ikhoboka lakhe elithembekileyo, ngokuthe ngcembe uKristu uye wakhanyisela abalandeli bakhe ngezithethe nezinto ebekufuneka bahlukane nazo. (IMize. 4:18) Makhe sithethe ngeminye yemizekelo yezi zinto.

Ngaba AmaKristu Amele Ayibhiyozele IKrismesi?

8. Yintoni ekwakusele kukudala aBafundi BeBhayibhile beyamkele ngeKrismesi, kodwa yintoni ababengekaboni mfuneko yayo?

8 Kwakusele kukudala aBafundi BeBhayibhile beyamkele into yokuba iKrismesi inemvelaphi yobuhedeni nokuba uYesu akazange azalwe nge-25 kaDisemba. IMboniselo kaDisemba 1881 yathi: “Bazizigidi abantu abangena ezicaweni besuka kunqulo lobuHedeni. Aba bantu baguquka nje ngomlomo, kuba abefundisi bobuhedeni basuka babizwa ngokuba ngabefundisi bobukristu, neeholide zobuhedeni zathiywa amagama obukristu—iKrismesi yenye yazo.” IMboniselo ka-1883, kumxholo othi: “Wazalwa Nini UYesu?” yenza kwacaca ukuba uYesu wazalwa malunga nasekuqaleni kuka-Oktobha. * Sekunjalo, aBafundi BeBhayibhile babengekaboni mfuneko yakuyeka ukubhiyozela iKrismesi. Yaqhubeka ibhiyozelwa kwanangamalungu entsapho yaseBheteli eBrooklyn. Noko ke, emva ko-1926, izinto zaqalisa ukutshintsha. Kwakutheni?

9. Yintoni abayibonayo aBafundi BeBhayibhile ngeKrismesi?

9 Bathi xa aBafundi BeBhayibhile behlolisisa lo mbandela weKrismesi, babona ukuba imvelaphi nezithethe zayo azimkholisi kwaphela uThixo. Inqaku elithi “Imvelaphi YeKrismesi,” elalikwiThe Golden Age kaDisemba 14, 1927, labonisa ukuba iKrismesi le ngumbhiyozo wabahedeni, kwaye eyona nto iphambili ngayo ziziyunguma nonqulo-zithixo. Eli nqaku lenza kwacaca ukuba uKristu akazange ayalele ukuba kubhiyozelwe iKrismesi, ibe laqukumbela ngelithi: “Kwainto yokuba ibe lihlabathi, iminqweno yethu noMtyholi abaququzelela ukuba ihlale ikho . . . yenza kucace gca ukuba abakhonzi abazinikele ngokupheleleyo kuYehova abamele bayibhiyozele.” Ayimangalisi ke into yokuba intsapho yaseBheteli ingazange iyibhiyozele iKrismesi kuloo Disemba—kwaye zang’ iphinde iyibhiyozele!

10. (a) Yintoni eyabhencwa ngeKrismesi ngoDisemba 1928? (Funda nebhokisi enomxholo othi “ IKrismesi, Imvelaphi Nenjongo Yayo.”) (b) Abantu bakaThixo benziwa njani ukuze baqonde ukuba mdaka kwezinye iiholide nokuba kufuneka bazilahle? (Funda ibhokisi enomxholo othi “ Eyona Nyaniso Ngezinye Iiholide Nemibhiyozo.”)

10 Kunyaka olandelayo, aBafundi BeBhayibhile bafumana inkcazelo eyayibhenca nangakumbi iKrismesi. Kwintetho awayinikela kwiradio ngoDisemba 12, 1928, uMzalwan’ uRichard H. Barber, owayesebenza kwikomkhulu, wabhenca imvelaphi emdaka yale holide. Abantu bakaThixo benza ntoni emva kokuba beve umyalelo ocacileyo ovela kwikomkhulu? Ekhumbula ngexesha yena nentsapho yakhe abayeka ngalo ukubhiyozela iKrismesi, uMzalwan’ uCharles Brandlein wathi: “Ngaba kwakunzima kuthi ukulahla ezo zinto zobuhedeni? Nakanye! . . . Kwakungathi sikhulule impahl’ ezimdaka saza sazilahla.” Ekhumbula into efanayo, uMzalwan’ uHenry A. Cantwell, owathi kamva waba ngumveleli ohambahambayo uthi: “Kwakusivuyisa ukuncama okuthile ukuze sibonise uYehova indlela esimthanda ngayo.” Abalandeli bakaKristu babezimisele ukwenza naluphi na utshintsho ukuze bangabi nanto yakwenza nalo mbhiyozo unemvelaphi yonqulo olumdaka. *Yoh. 15:19; 17:14.

11. Sibonisa njani ukuba siyamxhasa uKumkani wethu onguMesiya?

11 Mhle kakhulu umzekelo waBafundi BeBhayibhile abathembekileyo! Xa sicinga ngomzekelo wabo, senza kakuhle xa sizibuza oku: ‘Ndiyijonga njani imiyalelo esuka kwikomkhulu? Ngaba ndiyayamkela ndize ndiyisebenzise?’ Ukuthobela kwethu kubonisa ukuba simxhasa ngokuzithandela uKumkani wethu onguMesiya, osebenzisa ikhoboka elithembekileyo ukusinika ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.—IZe. 16:4, 5.

Ngaba AmaKristu Amele Awusebenzise Umnqamlezo?

Ibheji enomnqamlezo nesithsaba (Funda isiqendu 12 no-13)

12. Kangangeminyaka emininzi, aBafundi BeBhayibhile babewujonga njani umnqamlezo?

12 Kangangeminyaka emininzi, aBafundi BeBhayibhile babewujonga umnqamlezo njengophawu olwamkelekileyo kubuKristu. Babengafuni ukuwunqula kona, kuba babesazi ukuba unqulo-zithixo alwamkelekanga. (1 Kor. 10:14; 1 Yoh. 5:21) Kwango-1883, iMboniselo yenza kwacaca ukuba “lonke unqulo-zithixo yinto eyenyanyekayo kuThixo.” Sekunjalo, ekuqaleni aBafundi BeBhayibhile babengaboni ntw’ imbi ekusebenziseni umnqamlezo. Ngokomzekelo, babeyinxiba ngebhongo ibheji enomnqamlezo nesithsaba. Kubo, le bheji yayibonisa ukuba, ukuba banyaniseka kude kube sekufeni, baza kufumana isithsaba sobomi. Ekuqaleni kuka-1891, uphawu lomnqamlezo nesithsaba lwaba kwiphepha elingaphandle leMboniselo.

13. Kukuphi ukukhanya okwafunyanwa ngabalandeli bakaKristu ngomnqamlezo? (Funda nebhokisi enomxholo othi “ Uya Ukhanya Ngokukhanya Umbandela Ongokusetyenziswa Komnqamlezo.”)

13 ABafundi BeBhayibhile babeyithanda kakhulu le ibheji inomnqamlezo nesithsaba. Noko ke, ukususela ngasekupheleni kweminyaka yoo-1920, ngokuthe ngcembe abalandeli bakaKristu baye bakhanyiselwa ngombandela womnqamlezo. Ekhumbula indibano eyayiseDetroit, eMichigan, eAmerika ngo-1928, uMzalwan’ uGrant Suiter owathi kamva waba lilungu leQumrhu Elilawulayo, wathi: “Kuloo ndibano kwenziwa kwacaca ukuba ezi bheji aziyomfuneko kwaye azifanelekanga.” Kwiminyaka eyalandelayo, waya ucaciswa ngakumbi lo mbandela. Kwakucace gca ukuba umnqamlezo awunandawo kunqulo olunyulu nolucocekileyo.

14. Abantu bakaThixo benza ntoni ngokukhanya ababesiya bekufumana ngomnqamlezo?

14 Abantu bakaThixo benza ntoni ngokukhanya ababesiya bekufumana ngomnqamlezo? Ngaba zange bavume ukwahlukana nale bheji babeyithanda ngokwenene? ULela Roberts obengumkhonzi kaYehova kangangethuba elide uthi, “Sathi sakuva ukuba umnqamlezo umela ntoni, kwaba lula ukuwulahla.” Omnye udade othembekileyo ongu-Ursula Serenco, ethethela abaninzi wathi: “Saqonda ukuba uphawu esasiluthanda nesasicinga ukuba lubonisa ukufa kweNkosi yethu nokuzinikela kwethu njengamaKristu, lolobuhedeni. Njengokuba isitsho iMizekeliso 4:18, savuya kuba umendo wethu wawusiya ukhanya ngokukhanya.” Abalandeli bakaKristu abathembekileyo babefuna ukungabi nanto yakwenza nezithethe zonqulo lobuxoki!

15, 16. Singabonisa njani ukuba sizimisele ukugcina intendelezo esemhlabeni yetempile kaYehova?

15 Nathi namhlanje sivakalelwa ngendlela efanayo. Siyaqonda ukuba uKristu ebesebenzisa ijelo elaziwayo—ikhoboka lakhe elithembekileyo neliyingqondi—ukuze ancede abantu bakhe bahlale becocekile ngokomoya. Ngenxa yoko, xa sifumana ukutya kokomoya okusilumkisa ngokubhiyozela iiholide nezithethe ezingcoliswe lunqulo lobuxoki, sithobela ngaphandle kwamathandabuzo. Njengabazalwana noodade ababephila ekuqaleni kobukho bukaKristu, sizimisele ukugcina intendelezo esemhlabeni yetempile kaYehova icocekile.

16 Ukutyhubela imihla yesiphelo, uKristu ebeqhubeka esebenza ngendlela engabonakaliyo ukuze akhusele amabandla abantu bakaYehova kwabo bafuna ukuwangcolisa ngokomoya. Ukwenze njani oko? Makhe sibone.

‘Ukwahlulwa Kwabangendawo Kwabangamalungisa’

17, 18. Kumzekeliso wokuthotywa komnatha orhuqwayo, kuthetha ukuthini (a) ukuthotywa komnatha orhuqwayo, (b) “ukuhlanganisa lonke uhlobo lweentlanzi,” (c) ukuqokelelela iintlanzi ezifanelekileyo ezityeni ezintle, (d) nokulahla iintlanzi ezingafanelekanga?

17 UKumkani uYesu Kristu uhlala ewakhusele amabandla abantu bakaThixo emhlabeni wonke. Ngeendlela ezingabonakaliyo, uKristu neengelosi bebeqhubeka besenza umsebenzi wokwahlula. UYesu wawucacisa kakuhle lo msebenzi kumzekeliso womnatha. (Funda uMateyu 13:47-50.) Uthetha ukuthini lo mzekeliso?

Umnatha orhuqwayo umela ukushumayela ngoBukumkani okwenzeka kulwandle olungabantu (Funda isiqendu 18)

18 ‘Ukuthotywa komnatha orhuqwayo elwandle.’ Umnatha orhuqwayo umela ukushumayela ngoBukumkani okwenzeka kulwandle olungabantu. ‘Ukuhlanganisa lonke uhlobo lweentlanzi.’ Iindaba ezilungileyo zitsala abantu bazo zonke iintlobo—abo basebenzela ekubeni ngamaKristu okwenyaniso, kunye nabaninzi abasenokuba bebenomdla ekuqaleni kodwa bengade balumele unqulo lokwenyaniso. *Ukuqokelelela ezintle ezityeni.’ Abo banyanisekileyo baqokelelelwa kumabandla afana nezitya, apho banokunqula uYehova ngendlela ecocekileyo. ‘Kulahlwa iintlanzi ezingafanelekanga.’ Ukutyhubela ixesha lesiphelo, uKristu neengelosi ‘baqhubeka besahlula abangendawo kwabangamalungisa.’ * Ngenxa yoko, abo bangenazintliziyo zifanelekileyo—mhlawumbi bengafuni nokwahlukana neenkolelo okanye izenzo zabo—khange bavunyelwe ukuba bangcolise amabandla. *

19. Uvakalelwa njani ngokuba uKristu eye wakhusela abantu bakaThixo waza wacoca unqulo lokwenyaniso?

19 Ngaba akusomelezi ukwazi ukuba uKumkani wethu uYesu Kristu uyabakhusela abalandeli bakhe? Ngaba akusithuthuzeli kona ukwazi ukuba inzondelelo anayo ngonqulo lokwenyaniso—nangabanquli bokwenyaniso—isavutha njengokuba kwakunjalo xa wayecoca itempile ngoxa wayesemhlabeni? Simbulela kakhulu uKristu ngokuqhubeka kwakhe ecoca abantu bakaThixo nonqulo olunyulu! Singabonisa ukuba siyamxhasa uKumkani noBukumkani bakhe ngokuhambela kude kuyo nantoni na enento yokwenza nonqulo lobuxoki.

^ isiqe. 2 Ukuze ahlawule irhafu yonyaka etempileni, amaYuda atyeleleyo kwakufuneka atshintshe imali yawo ukuze afumane leyo ifunekayo, kwaye abatshintshi bemali babewahlawulisa. Ngaphezu koko, abatyeleli kwakusenokufuneka bathenge nezilwanyana zokunikela. UYesu wababiza aba barhwebi ngokuba ‘ngabaphangi,’ kuba babesenokuba babebiza imali eninzi.

^ isiqe. 4 Abantu bakaYehova abasemhlabeni bamnqula kwintendelezo esemhlabeni yetempile yakhe yokomoya.

^ isiqe. 8 Eli nqaku lathi akunakuthiwa uYesu wazalwa ebusika kuba loo nto “ayivisisani nebali labelusi ababesalusa imihlambi yabo endle.”—Luka 2:8.

^ isiqe. 10 Kwileta awayibhala ngoNovemba 14, 1927, uMzalwan’ uFrederick W. Franz wathi: “Asizukuba nayo iKrismesi kulo nyaka. Intsapho yaseBheteli ivotele ukuba ayifuni ukuba iphinde ibekhona.” Kwiinyanga ezimbalwa kamva, kwileta awayibhala ngoFebruwari 6, 1928, uMzalwan’ uFranz wabhala: “Kancinci kancinci, iNkosi iyasisusa kwizinto ezimdaka ezihamba nentlangano kaMtyholi eyiBhabhiloni.”

^ isiqe. 18 Ngokomzekelo, ngo-2013 bekukho abavakalisi abayi-7 965 954, ngoxa eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu kwakukho abantu abayi-19 241 252.

^ isiqe. 18 Ukwahlulwa kweentlanzi ezifanelekileyo nezingafanelekanga kwahlukile ekwahlulweni kweegusha ezibhokhweni. (Mat. 25:31-46) Ukwahlulwa okanye ukugwetywa kokugqibela kweegusha neebhokhwe kwenzeka ngexesha lembandezelo enkulu ezayo. Kude kube lelo xesha ke, abo bafana neentlanzi ezingafanelekanga basenokubuyela kuYehova baze bangeniswe kumabandla anjengezitya.—Mal. 3:7.

^ isiqe. 18 Ekugqibeleni, abo bangafanelekanga baya kuphoswa kumlilo womfuziselo, omela intshabalalo.