Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 12

Ukulungelelaniselwa Ukukhonza “UThixo Woxolo”

Ukulungelelaniselwa Ukukhonza “UThixo Woxolo”

INJONGO YESI SAHLUKO

UYehova uqhubeka ebalungelelanisa abantu bakhe

1, 2. Luluphi utshintsho olwenziwa kwiMboniselo kaJanuwari 1895, yaye bathini abazalwana?

XA OMNYE uMfundi WeBhayibhile onenzondelelo, uJohn A. Bohnet, wafumana iMboniselo kaJanuwari 1895, wayithanda kakhulu into awayibonayo. Iphepha elingaphandle lemagazini awayifumanayo lalinomfanekiso oqhakrazileyo wenqaba ye-lighthouse evele yodwa kulwandle olundlongondlongo, isitsho ngelitha elalimane liletsheza kwintsunguzi yobumnyama. Isaziso esenziwayo kuyo sasinomxholo othi, “Isinxibo Sethu Esitsha.”

2 Engakwazi ukuzibamba, uMzalwan’ uBohnet wabhalela uMzalwan’ uRussell ileta. Wathi: “Ndivuyiswa kukubona INQABA inxityiswe kakuhle kangaka. Intle.” Nomnye uMfundi WeBhayibhile owayethembekile uJohn H. Brown, wathetha wenjenje ngeli phepha: “Lithi ndijonge. Inqaba imi phezu kwesiseko esiqinileyo, ngoxa simane sintlithwa ngamaza naziinkqwithela.” Utshintsho abazalwana abalubonayo lusenziwa kwiphepha elingaphandle kuloo nyaka yayilelokuqala kodwa yayingazi kuba lelokugqibela. NgoNovemba babona kusenziwa olunye utshintsho olukhulu. Okubangel’ umdla kukuba, nalo olu lwalunento yokwenza nolwandle olulwatyuzayo.

3, 4. Yiyiphi ingxaki eyalungiswa kwiMboniselo kaNovemba 15, 1895, yaye luluphi utshintsho olukhulu olwachazwayo?

3 Inqaku elaphuma kwiMboniselo kaNovemba 15, 1895 zange lifihle makhuba: Kwakukho isaqhwithi esasigxobh’ uxolo nomanyano lwaBafundi BeBhayibhile. Eyona nto babethe phithi yiyo abazalwana yayikukuba ngubani omakakhokele ibandla. Ukuze kuncedwe abazalwana babone eyona nto yayifuneka ukuze kunqandwe olo sukuzwano lwalubangela iyantlukwano, eli nqaku lafanisa intlangano nenqanawa. Emva koko latsho phandle ukuba abo bakhokelayo babohlulekile kukunceda intlangano ilungele ezo nkqwithela. Kwakumele kwenziwe ntoni?

4 Eli nqaku lathi umatiloshe osisilumko uyaqiniseka ukuba kukho abantu abaza kusindisa ubomi yaye bonke abancedisi bakhe bayayazi into abaza kuyenza xa kuvela uqhwithela. Ngoko ke, nabo babekhokela intlangano babefanele baqiniseke ukuba onke amabandla alungele naluphi na uqhwithela olwalunokuvela. Ngenxa yoko, eli nqaku lachaza utshintsho olukhulu. Lathi, “kwibandla ngalinye makukhethwe abadala” abaza ‘kunyamekela umhlambi,’ latsho lisithi loo nto mayenzeke ngoko nangoko.—IZe. 20:28.

5. (a) Kutheni sinokuthi ukumiselwa kwabadala kwaba lilungiselelo elafika kanye ngexesha? (b) Yiyiphi imibuzo eza kuphendulwa?

5 Oko kumiselwa kwabadala kokuqala, kwathi kanti linyathelo elibalulekileyo kwindlela yokukhokela ibandla. Kwanceda abazalwana bakwazi ukutyhubela kwezo zaqhwithi ezavuswa yiMfazwe Yehlabathi I. Kumashumi eminyaka emva koko, ukuphuculwa kwentlangano kwanceda abantu bakaThixo bakwazi kakuhle ukumkhonza uYehova. Sisiphi isiprofeto seBhayibhile esasithethe ngolu tshintsho? Luluphi utshintsho okhe walubona lusenzeka entlanganweni? Lukuncede njani?

“Ndiya Kumisela Uxolo Lube Ngabaveleli Bakho”

6, 7. (a) Sithetha ukuthini isiprofeto esikuIsaya 60:17? (b) Ukukhankanywa ‘kwabaveleli nabaphathi’ kubonisa ntoni?

6 Njengoko siye safunda kwiSahluko 9, uIsaya waprofeta wathi uYehova uza kubasikelela abantu bakhe ngokubenza babe baninzi. (Isa. 60:22) Noko ke, uYehova wathembisa ukwenza okungakumbi. Kwakweso siprofeto wathi: “Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide, esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi; yaye ndiya kumisela uxolo lube ngabaveleli bakho nobulungisa bube ngabaphathi bakho.” (Isa. 60:17) Esi siprofeto sithetha ukuthini? Sisebenza njani kuthi namhlanje?

Akutshintshwa into ebingalunganga ize yenziwe ntle, kunoko kuphuculwa into ebisel’ intle kakade

7 Isiprofeto sikaIsaya sithetha ngokuphuculwa kwezinto. Kodwa, qaphela ukuba apha akutshintshwa into ebingalunganga ize yenziwe ntle, kunoko kuphuculwa into ebisel’ intle kakade. Xa ubeka igolide endaweni yobhedu, uyaphucula. Ngoko ke, ngesi siprofeto, uYehova uchaza ukuba uza kuyiphucula imeko yabantu bakhe ngokwamanqanaba. Yintoni kanye le iza kuphuculwa? Ngokukhankanya ‘abaveleli nabaphathi,’ uYehova wayebonisa ukuphuculwa kwendlela abantu bakhe ababenyanyekelwa nababelungelelaniswa ngayo.

8. (a) Ngubani obangela inkqubela echazwe kwisiprofeto sikaIsaya? (b) Yintoni thina esiyizuzayo kwezi nguqu? (Funda nebhokisi ethi “ Wakwamkela Ngokuthobeka Ukulungiswa.”)

8 Ngubani obangela le nkqubela? UYehova uthi: “Ndiya kuzisa igolide . . . ndizise isilivere, . . . ndiya kumisela uxolo.” Ngokwenene, ukuphuculwa kwendlela yokukhokela ibandla kuye kwabangelwa nguYehova ngokwakhe, kungekhona abantu. Ukususela oko uYesu waba nguKumkani, uYehova uye wasebenzisa lo Nyana wakhe ukuze azise le mpucuko. Yintoni thina esiyizuzayo kwezi nguqu? Esi sibhalo sikwathi le mpucuko iza kubangela ‘uxolo nobulungisa.’ Njengoko silwamkela ukhokelo lukaThixo size senze utshintsho, kuye kugqube uxolo nokuthanda ubulungisa phakathi kwethu, kuze oko kusenze sikhonze uYehova owachazwa ngumpostile uPawulos ngokuthi ‘nguThixo woxolo.’—Fil. 4:9.

9. Sisiphi isisiseko socwangco nomanyano esiyingenelo ebandleni, yaye kutheni?

9 UPawulos waphinda wathi ngoYehova: “UThixo unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo.” (1 Kor. 14:33) Qaphela ukuba uPawulos akathelekisi isidubedube nocwangco, kodwa usithelekisa noxolo. Kutheni? Khawucinge ngale nto: Ucwangco alusoloko lubangela kubekho uxolo. Ngokomzekelo, amajoni aya emfazweni elungelelanisiwe, kodwa oko kulungelelaniswa kokomlo kungekhona uxolo. Ngenxa yoko, thina maKristu, sifuna ukuhlala sisazi le ngongoma: Nantoni na eyenziwayo, enoba ingenziwa ngocwangco kangakanani, ukuba ayisekelwanga kuxolo, iza kupatyalaka nakanjani na. Ngokwahlukileyo koko, uxolo lukaThixo lubangela kubekho ucwangco oluhlala luhleli. Ngenxa yoko, siyixabisa gqitha into yokuba intlangano yethu ikhokelwa yaye iphuculwa ‘nguThixo onika uxolo’! (Rom. 15:33) Uxolo oluvela kuThixo luba sisiseko socwangco oluyingenelo nomanyano oluchukumisayo esilunandiphayo kumabandla ethu asehlabathini lonke.—INdu. 29:11.

10. (a) Luluphi utshintsho oluye lwenzeka phambili phaya? (Funda ibhokisi ethi “ Indlela Eye Yaphuculwa Ngayo Indlela Yokukhokela.”) (b) Yiyiphi imibuzo eza kuxutyushwa?

10 Ibhokisi ethi “ Indlela Eye Yaphuculwa Ngayo IndlelaYokukhokela” isichazela ngotshintsho olwaba luncedo nolwazisa ulungelelwano kwintlangano yethu phambili phaya. Kodwa luluphi utshintsho lokususa ‘ubhedu ubeke igolide’ uYehova aye walwenza kutshanje esebenzisa uKumkani wethu? Utshintsho oluye lwenziwa kwindlela yokukhokela ibandla, luye lwaluqinisa njani uxolo nomanyano kumabandla asehlabathini lonke? Olo tshintsho lukuncede njani wakhonza ‘uThixo woxolo’?

Indlela UKristu Alikhokela Ngayo Ibandla

11. (a) Ukuhlolisiswa kweZibhalo kwabangela ukuba kuqondwe ntoni? (b) Yintoni abazalwana bequmrhu elilawulayo abazimisela ukuyenza?

11 Ukususela ngo-1964 ukusa ku-1971, iqumrhu elilawulayo laye lavelela iphulo lokuhlolisisa iBhayibhile ngenyameko. Phakathi kwezinto ezazifunwa, yayiyindlela elalisebenza ngayo ibandla lamaKristu enkulungwane yokuqala. * Mayela nendlela yokukhokela intlangano, kwafunyaniswa ukuba ngenkulungwane yokuqala amabandla ayesalathiswa ngamaqumrhu abadala endaweni yomdala omnye okanye umveleli. (Funda kwabaseFilipi 1:1; 1 Timoti 4:14.) Xa loo ngongoma yaqondwa kakuhle, iqumrhu elilawulayo labona ukuba likhokelwa nguKumkani uYesu ekuphuculeni indlela yokwalathisa intlangano yabantu bakaThixo, yaye abo bazalwana bequmrhu elilawulayo bazimisela ukwenza izinto ngendlela kaKumkani. Bakhawuleza benz’ iinguqu kwintlangano ukuze izinto zenziwe ngendlela evisisana nelungiselelo labadala elichazwe eZibhalweni. Zeziphi ezinye zeenguqu ezenziwayo ekuqaleni kweminyaka yoo-1970?

12. (a) Luluphi utshintsho olwenziwayo kwiqumrhu elilawulayo? (b) Khawuchaze indlela iQumrhu Elilawulayo elilungelelaniswe ngayo namhlanje. (Funda ibhokisi ethi “ Indlela IQumrhu Elilawulayo Eliyinyamekela Ngayo Imisebenzi YoBukumkani.” )

12 Utshintsho lokuqala lwenziwa kwiqumrhu elilawulayo. Ngelo xesha, eli qela labazalwana abathanjisiweyo lalibunjwa ngamalungu asixhenxe equmrhu labalathisi beWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania. Kwathi ke ngo-1971, kwandiswa amalungu equmrhu elilawulayo awayeyi-7 aba yi-11, yaye ukususela ngoko, ayengasabizwa njengequmrhu labalathisi. Kwakungekho lungu lizibona lingaphezulu kwelinye, yaye baqalisa ukutshintshana ngokuba ngusihlalo ngokulandelelana kwamagama abo.

13. (a) Luluphi utshintsho oluye lwahlala luhleli ukususela ngo-1932 ukusa ku-1972? (b) Yintoni eyenziwa liQumrhu Elilawulayo ngo-1972?

13 Utshintsho olulandelayo lwaluchaphazela amabandla. Njani? Ukususela ngo-1932 ukusa ku-1972, ibandla lalivelelwa ngumzalwana omnye, yaye loo mzalwana wayebizwa ngokuba ngumalathisi wenkonzo de kwango-1936. Emva koko, kwathiwa sisicaka sebandla, waza ekugqibeleni wabizwa ngokuba ngumveleli webandla. Abo bazalwana bamiselweyo babewunyamekela ngenzondelelo umhlambi ngeemfundiso zeBhayibhile. Umveleli webandla wayesenza izigqibo engathethanga nezinye izicaka zebandla. Noko ke, ngo-1972, iQumrhu Elilawulayo lalungiselela ukwenza utshintsho olungasoze lulibaleke. Luluphi olo tshintsho?

14. (a) Liliphi ilungiselelo elaqalisa ukusebenza ngo-Oktobha 1, 1972? (b) Umnxibelelanisi wequmrhu labadala uwathobela njani amazwi akwabaseFilipi 2:3?

14 Kunokuba ibandla livelelwe ngumzalwana omnye, kwamiselwa abanye abazalwana abafanelekayo ngokweZibhalo ukuba babe ngabadala. Xa bebonke, babeza kubumba iqumrhu labadala elaliza kuvelela ibandla. Eli lungiselelo laqalisa ukusebenza ngo-Oktobha 1, 1972. Namhlanje, umnxibelelanisi wequmrhu labadala akazijongi njengobalulekileyo kunabanye, kodwa “njengomncinane.” (Luka 9:48) Aba bazalwana bathobekileyo bayintsikelelo kakhulu kubazalwana abasehlabathini lonke!—Fil. 2:3.

Ngokucacileyo, ngobulumko uKumkani wethu uye wanika abalandeli bakhe abelusi abafanelekayo kanye ngexesha elifanelekileyo

15. (a) Ukubakho kwequmrhu labadala emabandleni kuye kwanaziphi iingenelo? (b) Yintoni ebonisa ukuba uKumkani wethu wenza ngobulumko?

15 Ilungiselelo lokuba iimbopheleleko zebandla zibe semagxeni equmrhu labadala lelona lisebenza kakuhle. Cinga ngezi ndlela zintathu liye lanceda ngazo: Okokuqala, liye lanceda bonke abadala ukuba bahlale bekhumbula ukuba iNtloko yebandla nguYesu, enoba baneembopheleleko ezingakanani na. (Efe. 5:23) Okwesibini, iMizekeliso 11:14 ithi: “Kukho usindiso ebuninzini babacebisi.” Njengoko abadala behlanganisana xa kukho into efuna ukulungiswa ebandleni, baze baphulaphule amacebiso omdala ngamnye, batsho bakwazi ukwenza izigqibo ezivisisana nemigaqo yeBhayibhile. (IMize. 27:17) UYehova uyazisikelela izigqibo abazenzayo, nto leyo ebangela ukuba izinto zihambe kakuhle ebandleni. Okwesithathu, ngenxa yokuba isiya isanda imfuneko yokuvelelwa nokwaluswa kwamabandla, ukubakho kwabazalwana abangakumbi abafanelekayo kuye kwaluncedo entlanganweni. (Isa. 60:3-5) Khawucinge ngoku—inani lamabandla asehlabathini liye landa ukususela kwangaphezu kwayi-27 000 ngo-1971 ukuya kutsho kwangaphezu kwayi-113 000 ngo-2013! Ngokucacileyo, ngobulumko uKumkani wethu uye wanika abalandeli bakhe abelusi abafanelekayo kanye ngexesha elifanelekileyo.—Mika 5:5.

“Ukuba Ngumzekelo Kumhlambi”

16. (a) Nguwuphi umsebenzi abadala abajongene nawo? (b) ABafundi BeBhayibhile basijonga njani isibongozo sikaYesu esithi, ‘yalusa izimvu zam’?

16 Kungekudala emva kokuba kukho aBafundi BeBhayibhile, abadala babesele beyiqonda imbopheleleko abanayo yokunceda amanye amaKristu ukuba kungabikho nto iwenza ayeke ukukhonza uThixo. (Funda eyabaseGalati 6:10.) Ngo-1908, inqaku leMboniselo lathetha ngesi sibongozo sikaYesu: “Yalusa amatakane am ezimvu.” (Yoh. 21:15-17) Eli nqaku laxelela abadala oku: “Kubaluleke kakhulu ukuba into ethe iNkosi masiyenzele umhlambi ibe yeyona ibalulekileyo ezintliziyweni zethu, sikujonge njengelungelo elikhulu ukondla nokunyamekela abalandeli beNkosi.” Ngo-1925, iMboniselo yagxininisa ukubaluleka kokuba ngabelusi ngokukhumbuza abadala oku: “Ibandla lelikaThixo, . . . yaye uya kubaphendulisa bonke abo abanike imbopheleleko yokukhonza abazalwana babo.”

17. Abaveleli baye bancedwa njani bakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi wokwalusa?

17 Intlangano kaYehova iye yabanceda njani abadala baphucula indlela abalusa ngayo ukuze esikhundleni ‘sentsimbi kubekho isilivere’? Ngokubaqeqesha. Ngo-1959, kwaqalisa iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sabaveleli. Kwenye iklasi kwafundiswa ngombandela owawunomxholo othi, “Ukuba Nomdla Kubavakalisi.” Abo bazalwana bakhokelayo bakhuthazwa ukuba “benze ucwangciso abaza kulusebenzisa ukuze batyelele abavakalisi emakhayeni abo.” Kuloo klasi kwaboniswa iindlela ezahlukahlukeneyo zokwenza loo matyelelo abe ngawakhayo. Ngo-1966 kwaqaliswa iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani esiphuculiweyo. Kule iklasi, kwafundwa umbandela owawunomxholo othi “Ukubaluleka Komsebenzi Wokwalusa.” Yiyiphi eyona nto yabalaseliswayo apho? Abo bakhokelayo “bafanele bawunyamekele ngothando umhlambi kaThixo ngoxa bengakutyesheli ukunyamekela ezabo iintsapho nokuya entsimini.” Kule minyaka idluleyo, kuye kwaqhutywa izikolo zabadala ezingakumbi. Ukuqhubeka kwentlangano kaYehova nolu qeqesho, kuphumele entwenini? Namhlanje emabandleni amaKristu, kukho amawaka abazalwana abangabelusi.

ISikolo Sobulungiseleli SoBukumkani kwiiPhilippines, ngo-1966

18. (a) Nguwuphi umsebenzi onzima oye wanikwa abadala? (b) Kutheni uYehova noYesu bebathanda kangaka abadala abasebenza nzima?

18 UYehova uye wasebenzisa uYesu uKumkani ukuze kubekho abadala abaza kwenza umsebenzi onzima. Nguwuphi loo msebenzi? Ngowokukhokela izimvu zikaThixo kwelona xesha linzima kwimbali yabantu. (Efe. 4:11, 12; 2 Tim. 3:1) UYehova noYesu babathanda gqitha abadala abasebenza nzima kuba aba bazalwana bathobela isibongozo esikwiZibhalo esithi: ‘Waluseni umhlambi kaThixo eniwunyamekelayo, ngokuzithandela nangentumekelelo, nibe yimizekelo emhlambini.’ (1 Pet. 5:2, 3) Makhe siqwalasele iindlela ezimbini kwezininzi abelusi abangamaKristu abayimizekelo ngayo kwizimvu, nendlela ababa negalelo ngayo kuxolo novuyo emabandleni.

Indlela Abelusi Abawalusa Ngayo Umhlambi Namhlanje

19. Uvakalelwa njani ngabadala abashumayela nathi entsimini?

19 Okokuqala, abadala basebenza nabavakalisi. Umbhali weVangeli uLuka wathi ngoYesu: “Wahambela kwizixeko ngezixeko nakwiidolophana ngeedolophana, eshumayela yaye evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo. Kwaye abalishumi elinesibini babekunye naye.” (Luka 8:1) Kanye njengoYesu owayeshumayela nabapostile bakhe, nabadala namhlanje bashumayela namanye amaKristu entsimini. Bayazi ukuba ngokwenza ngale ndlela, benza kubekho umoya omhle ebandleni. Abavakalisi bathini ngabadala abanjalo? UJeannine, udade oneminyaka engaphaya kweyi-80, uthi: “Ukusebenza nomdala entsimini kundivulela ithuba lokuba ndincokole naye ndize ndimazi ngakumbi.” USteven, umzalwana oneminyaka engaphaya kweyi-30, uthi: “Xa umdala esebenza nam kwindlu ngendlu, ndivakalelwa kukuba ufuna ukundinceda. Ukuncedwa ngolo hlobo kuyandonwabisa.”

Njengokuba umalusi eyikhangela imvu elahlekileyo, nabo abadala bazama kangangoko ukukhangela abo baye baphola

20, 21. Abadala banokumxelisa njani umalusi okumzekeliso kaYesu? Zekelisa. (Funda ibhokisi ethi “ Utyelelo Lweveki Nganye Olunemiphumo Emihle.”)

20 Okwesibini, intlangano kaYehova iye yaqeqesha abadala ukuba baxhalabe ngabo baye bayeka ukuya kwiintlanganiso. (Heb. 12:12) Kutheni abadala befanele babancede abavakalisi abaye baphola, yaye bafanele babancede njani? Iimpendulo zale mibuzo zifumaneka kumzekeliso kaYesu ongomalusi nemvu elahlekileyo. (Funda uLuka 15:4-7.) Xa umalusi eqaphela ukuba kukho imvu elahlekileyo, uyikhangela ngokungathi yiyo yodwa anayo. Namhlanje abadala abangamaKristu bawulandela njani umzekelo walo malusi? Kanye njengokuba imvu elahlekileyo ixabisekile kulo malusi, abo baye baphola bahlala bexabisekile kubadala. Bamjonga umntu opholileyo njengemvu elahlekileyo, hayi uncanyelweni. Ukongezelela, njengokuba umalusi egqiba kwelokuba “ahambe aye kuyifuna de ayifumane,” nabo abadala batsiba kuqala ukuya kufuna baze bancede abo baye baphola.

21 Wenza ntoni umalusi okumzekeliso akuyifumana imvu yakhe? Uyifunqula ngothando, ‘ayibeke emagxeni akhe,’ aze ayibuyisele emhlambini. Ngokufanayo, amazwi omdala athethwa ngothando nasuk’ entliziyweni anokumphakamisa lowo upholileyo aze amncede abuyele ebandleni. Yiloo nto kanye eyenzekayo komnye umzalwana waseAfrika onguVictor, owayekayo ukuya ezintlanganisweni. Uthi: “Kuloo minyaka isibhozo ndipholile, abadala baqhubeka bezama ukundinceda.” Yintoni eyona yamchukumisayo? Uthi: “Ngenye imini kwafika uJohn, umdala endandikunye naye kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, wandibonisa iifoto esasizifote sisesikolweni. Zanditsho ndakhumbula uvuyo endandinalo ndisakhonza uYehova.” Emva kotyelelo lukaJohn, uVictor wabuyela ebandleni. Ngoku, uVictor unguvulindlela kwakhona. Liyinene elokuba, abadala abakhathalayo baba negalelo elikhulu kuvuyo lwethu.—2 Kor. 1:24. *

Ukuphuculwa Kwendlela Yokukhokela Kuqinisa Umanyano Kubantu BakaThixo

22. Ubulungisa noxolo, ziluqinisa njani umanyano kwibandla lamaKristu? (Funda nebhokisi ethi “ Kwasikhwankqisa Oku.”)

22 Njengokuba bekukhe kwatshiwo ngaphambili, uYehova waprofeta ukuba kwakuza kugquba ubulungisa noxolo kubantu bakhe. (Isa. 60:17) Zombini ezi mpawu ziyaluqinisa umanyano ebandleni. Ngaziphi iindlela? Kumba wobulungisa, uThixo wethu nguYehova mnye.” (Dut. 6:4) Akawaphathi ngendlela eyahlukileyo amabandla akumazwe awahlukahlukeneyo. Imilinganiselo yakhe yobulungisa iyafana kuwo onke amabandla asemhlabeni, ‘amabandla abo bangcwele.’ (1 Kor. 14:33) Ngenxa yoko, xa ibandla lisebenzisa imilinganiselo kaThixo, liyakhula. Kumba woxolo, uKumkani wethu ufuna ukuba singapheleli nje ekunandipheni uxolo, kodwa ‘sidale uxolo.’ (Mat. 5:9) Ngenxa yoko, ‘sisukela izinto ezisingisa eluxolweni.’ Xa kuvel’ ingxaki phakathi kwethu, siba ngabokuqala ukuyilungisa. (Rom. 14:19) Ngokwenjenjalo, sibangela ukuba kubekho uxolo nomanyano kumabandla esikuwo.—Isa. 60:18.

23. Yintoni esivuyisayo namhlanje thina bakhonzi bakaYehova?

23 NgoNovemba 1895, xa iMboniselo yathetha ngelungiselelo labadala lokuqala, abazalwana abanembopheleleko bathetha ngomnqweno onyanisekileyo ababenawo. Wawuyintoni loo mnqweno? Babenqwenela yaye bethandazela ukuba eli lungiselelo litsha lentlangano lincede abantu bakaThixo “bakhawuleze bamanyane elukholweni.” Xa sikhangela kumashumi eminyaka edluleyo, sivuyiswa kukubona ukuba indlela uYehova awuphucule ngayo ngokuthe ngcembe umsebenzi wokukhokela, esebenzisa uKumkani wethu, iye yayomeleza indlela esimnqula ngokumanyene ngayo. (INdu. 99:4) Ngenxa yoko, namhlanje bonke abantu bakaYehova abasehlabathini bavuyiswa kukuhamba ‘ngomoya ofanayo, kumanyathelo afanayo,’ yaye bekhonza ‘uThixo woxolo’ “ngaxhatha linye.”—2 Kor. 12:18; funda uZefaniya 3:9.

^ isiqe. 11 Izinto ezafunyaniswa kolo phando zapapashwa kwincwadi ethi Aid to Bible Understanding.

^ isiqe. 21 Funda inqaku elithi “Abadala—‘Abasebenzi Abangamadlelane Ukuze Sibe Novuyo,’” kwiMboniselo kaJanuwari 15, 2013, iphepha 27-31.