Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 13

Abavakalisi BoBukumkani Baya Ezinkundleni

Abavakalisi BoBukumkani Baya Ezinkundleni

INJONGO YESI SAHLUKO

Njengoko uYesu waprofetayo, abantu bakhe bayachaswa ngoorhulumente ngenxa yokuba beshumayela

1, 2. (a) Zenza ntoni iinkokeli zonqulo ngomsebenzi wokushumayela, kodwa benza ntoni abapostile? (b) Kwakutheni ukuze abapostile bangayeki ukushumayela?

KUSANDULA ukudlula iPentekoste ka-33 C.E. Ibandla lamaKristu laseYerusalem liseneenyanga ezimbalwa likho. USathana ubona eli ilixesha elifanelekileyo lokuba alihlasele eli bandla. Ufuna ukulitshabalalisa ngoku lingekabi namava. Engalibazisanga, wenza amaqhinga kangangokuba iinkokeli zonqulo ziyawuvala umsebenzi wokushumayela. Sekunjalo, abapostile bashumayela ngesibindi, yaye amadoda nabafazi abaninzi baba ‘ngamakholwa enkosini.’—IZe. 4:18, 33; 5:14.

Abapostile baba nemihlali “ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe”

2 Bevutha ngumsindo, abachasi bayaphinda bahlasele—ngoku bebaphosa bonke abapostile ngaphaya kwezitshixo. Noko ke, ebusuku ingelosi kaYehova ivula ezo ngcango zejele, yaye abapostile bayashumayela kwakhona! Kwakhona, bayabanjwa baze basiwe kubalawuli, abatyhola abapostile ngelithi baphula umthetho wokuba bangaphindi bashumayele. Bengacengi solalaphi abapostile bathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” Abalawuli abakwazi ukuzibamba ngumsindo kangangokuba bafuna “ukubabulala.” Zisabambene ngolo hlobo, kuvela umfundisi woMthetho ohloniphekileyo, uGamaliyeli, aze alumkise abalawuli esithi: “Kulumkeleni . . . Ukugxuphuleka kwaba bantu, kodwa bayekeni.” Okumangalisayo kukuba, abalawuli bayalithatha icebiso lakhe baze babayeke abapostile bahambe. Enza ntoni loo madoda athembekileyo? Engaphelanga mandla, aqhubeka ‘ngaphandle kokuyekelela efundisa kwaye evakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKristu uYesu.’—IZe. 5:17-21, 27-42; IMize. 21:1, 30.

3, 4. (a) Liliphi icebo uSathana asaqhubeka elisebenzisa ukuze ahlasele abantu bakaThixo? (b) Yintoni esiza kuyifunda kwesi sahluko nakwezibini ezilandelayo?

3 Kwakuqala ngaloo nyaka ka-33 C.E. ukuchotshelwa kwetyala lokuchaswa kwebandla lamaKristu ngabasemagunyeni, yaye kwakungagqibelisi. (IZe. 4:5-8; 16:20; 17:6, 7) Nakweli xesha lethu, uSathana usaphembelela abachasi bonqulo lokwenyaniso ukuba bafak’ umoya ombi kwabasemagunyeni ukuze bavale umsebenzi wethu wokushumayela. Aba bachasi baye batyabeka abantu bakaThixo ngezityholo ezahlukahlukeneyo. Esinye sezo zityholo sesokuba, sibangela udushe. Esinye sesokuba singabavukeli; ukanti esinye sesokuba sihamba sithengisa ezindlini. Ngamaxesha afanelekileyo, abazalwana bethu baye baya kuzithethelela ezinkundleni. Iye yaba yintoni imiphumo? Izigwebo eziye zawiswa yinkundla kumashumi eminyaka edluleyo, zikunceda njani wena namhlanje? Makhe sihlolisise amatyala ambalwa awaxoxwa ezinkundleni, size sibone ukuba aye anceda njani ‘ekuthethelelweni nasekumiselweni ngokusemthethweni kweendaba ezilungileyo.’—Fil. 1:7.

4 Kwesi sahluko, siza kuhlolisisa indlela esiye sawamela ngayo amalungelo ethu okunqula ngokukhululekileyo. Kwizahluko ezibini ezilandelayo, siza kufunda ngamanye amadabi asezinkundleni esiye sawalwa ukuze singabi yonxalenye yeli hlabathi, nokuze siphile ngemithetho yoBukumkani.

Sibangela Udushe—Okanye Singabameli Abanyanisekileyo BoBukumkani BukaThixo?

5. Babanjelwa ntoni abavakalisi boBukumkani ekupheleni kweminyaka yoo-1930, yaye abo bakhokelayo bacinga ngokwenza ntoni?

5 Ekupheleni kweminyaka yoo-1930, kwizixeko nakumaphondo alo lonke elaseMerika kwazanywa ukunyanzela amaNgqina kaYehova ukuba afumane amaphepha-mvume okanye ilayisensi yokushumayela. Nakuba kunjalo, abazalwana bethu abazange bacele zilayisensi. Ilayisensi isenokurhoxiswa, yaye babekholelwa ukuba akukho rhulumente unegunya lokulawula umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani awathi uYesu mawenziwe ngamaKristu. (Marko 13:10) Ngenxa yoko, abavakalisi boBukumkani abaninzi babanjwa. Ngoko, abo bakhokelayo entlanganweni bacinga ngokuyisa enkundleni le nto. Babefuna ukubonisa ukuba uRhulumente uye wamisela imida engekho mthethweni kwilungelo lamaNgqina lokunqula ngokukhululekileyo. Isigqibo esibalulekileyo esenziwa kwityala elaxoxwa ngo-1938 sabangela ukuba kwenziwe izigqibo ezifanayo nakwamanye amatyala afana nalo. Kwenzeka ntoni?

6, 7. Yintoni eyenzekayo kwabakwaCantwell?

6 Ngentsasa yangoLwesibini, ngoAprili 26, 1938, uNewton Cantwell, owayeneminyaka eyi-60; umkakhe, uEsther; noonyana babo uHenry, uRussell noJesse, bonke ababengoovulindlela abakhethekileyo, baya kushumayela kwisixeko saseNew Haven, eConnecticut. Babeqonda ukuba bangangabuyeli ekhaya kangangethuba elithile. Kwakutheni? Kaloku babekhe baphoswa ejele kangangezihlandlo ezininzi, ngoko babecinga ukuba nangoku bangabanjwa. Noko ke, loo nto ayizange ibatyhafise kumnqweno wabo wokushumayela ngoBukumkani. Bafika eNew Haven behamba ngeemoto ezimbini. UNewton wayeqhuba imoto eyayikhwele intsapho neyayineencwadi ezithetha ngeBhayibhile neegramafoni, ngoxa uHenry owayeneminyaka eyi-22 wayeqhuba imoto enesandisi-lizwi. Kwenzeka kanye le nto babeyicinga, kuba kwiiyure nje ezimbalwa bamiswa ngamapolisa.

7 Kwaqala kwabanjwa uRussell owayeneminyaka eyi-18, emva kwakhe yanguNewton noEsther. Eme qelele, uJesse owayeneminyaka eyi-16, wayebukele abazali bakhe nomntakwabo begxagxanyiswa ngamapolisa. Ngelo xesha, uHenry wayeshumayela kwelinye icala ledolophu, ngoko uJesse washiyeka yedwa. Sekunjalo, wathatha igramafoni yakhe waqhubeka eshumayela. UJesse wadlalela amadoda amabini angamaKatolika intshumayelo kaMzalwan’ uRutherford eyayinomxholo othi “Iintshaba.” Ngoxa emamele le ntetho, la madoda aba ligqabi ngumsindo aza afuna ukumbetha uJesse. Ezolile, wawashiya, kodwa kungekudala emva koko wamiswa lipolisa. Ngoko naye wavalelwa. UDade Cantwell, akazange abekwe tyala, kodwa yena uMzalwan’ uCantwell noonyana bakhe babekw’ ityala. Noko ke, bakhululwa ngebheyile kwangolo suku.

8. Kwakutheni ukuze inkundla ifumanise uJesse Cantwell enetyala lokubangela udushe?

8 Kwiinyanga ezimbalwa kamva, ngoSeptemba 1938, intsapho yakwaCantwell yavela enkundleni eNew Haven. UNewton, uRussell noJesse babekw’ ityala lokuhamba becela imali ngaphandle kwemvume. Nakubeni babebhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseConnecticut, uJesse wafunyaniswa enetyala lokuphazamisa uxolo—lokubangela udushe. Kwakutheni? Ngenxa yokuba la madoda mabini angamaKatolika awayemamele intshumayelo kaRutherford, axelela inkundla ukuba laa ntetho yayinyelisa unqulo lwawo yaye yawacaphukisa. Bengasamkeli isigqibo senkundla, abazalwana ababekhokela entlanganweni babhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseMerika—eyona nkundla iphakamileyo kwelo lizwe.

9, 10. (a) INkundla Ephakamileyo yaseMerika yaligweba njani ityala labakwaCantwell? (b) Yintoni esiyifumanayo kweso sigwebo?

9 Ukususela ngoMatshi 29, 1940, iJaji Eyintloko uCharles E. Hughes kunye nezinye iijaji ezisibhozo zaphulaphula izibakala ezazibekwa nguMzalwan’ uHayden Covington, igqwetha lamaNgqina kaYehova. * Xa igqwetha likarhulumente waseConnecticut lathi thaca ezalo izibakala ezibonisa ukuba amaNgqina abangela udushe, enye ijaji yabuza: “Ngaba yinyaniso into yokuba isigidimi esasishunyayelwa nguKristu Yesu sasingathandwa ngexesha lakhe?” Igqwetha likarhulumente lathi: “Yinyaniso leyo, yaye ukuba ndikhumbula kakuhle, iBhayibhile yam ichaza noko kwenzekayo xa uYesu wavakalisa eso sigidimi.” Lingaqondanga, elo gqwetha likarhulumente lafanisa uYesu namaNgqina, yena urhulumente lamfanisa nabo babulala uYesu. NgoMeyi 20, 1940, ngamxhelo-mnye iNkundla yawisa isigwebo esixhasa amaNgqina.

UHayden Covington (ngaphambili), uGlen How (ekhohlo), nabanye bayaphuma emva kokuba boyisile kwidabi lasenkundleni

10 Yintoni eyaphawulekayo ngesigqibo sale Nkundla? Sakhusela ilungelo lokunqula ngokukhululekileyo kulo naliphi na iphondo kwelo lizwe. Ngaphezu koko, iNkundla yafumanisa ukuba akukho nto ibambekayo ebonisa ukuba uJesse unokuphazamisa ‘uxolo nenzolo.’ Ngenxa yoko, eso sigwebo sakubonisa ngokucacileyo ukuba amaNgqina kaYehova akabangeli dushe. Kwathi kanti esi sigwebo sibabeka endaweni entle abakhonzi bakaThixo. Yintoni esiyifumanayo thina kuso? Elinye igqwetha eliliNgqina lithi: “Ilungelo lokunqula ngokukhululekileyo, singoyiki ukubekelwa imiqathango engafanelekanga, libangela ukuba nathi namhlanje sivakalise isigidimi sethemba kubantu abakwiindawo esihlala kuzo.”

Singabavukeli—Okanye Singabavakalisi Benyaniso?

Iphecana iQuebec’s Burning Hate for God and Christ and Freedom Is the Shame of All Canada

11. Liliphi iphulo ababa kulo abazalwana baseKhanada, yaye ngoba?

11 Kwiminyaka yoo-1940, amaNgqina kaYehova eKhanada achaswa ngokukrakra. Ngenxa yoko, ngo-1946, abazalwana bethu baba kwiphulo leentsuku eziyi-16 lokusasaza iphecana. Ngeli phecana lithi Quebec’s Burning Hate for God and Christ and Freedom Is the Shame of All Canada, babevakalisa indlela uRhulumente welo lizwe aye akalisa-so ngayo ilungelo labo lokunqula ngokukhululekileyo. Eli phecana linamaphepha amane labhenca izixholoxholo ezaziphenjelelwa ngabefundisi, ukuphathwa kakubi ngamapolisa nabantu ababehlasela abazalwana bethu abakwiphondo laseQuebec. Lathi, “Amangqina kaYehova asaqhubeka evalelwa ngokungekho mthethweni. Abekwe amatyala amalunga nayi-800 kwiPhondo laseMontreal.”

12. (a) Yintoni eyenziwa ngabachasi xa kwakusasazwa iphecana? (b) Abazalwana babekwa liphi ityala? (Funda nombhalo osemazantsi.)

12 Ngenxa yelo phecana, iNkulumbuso yaseQuebec, uMaurice Duplessis, eyayilala ngengub’ enye neKhadinali yamaKatolika uVilleneuve, yathi “makuliwe ngokungenalusini” namaNgqina. Amatyala abekwa wona akhawuleza aphindaphindeka ukususela kwayi-800 ukusa kwayi-1 600. Omnye udade onguvulindlela uthi, “Izihlandlo esavalelwa ngazo azibaleki.” AmaNgqina awayebhaqwa esasaza elo phecana ayetyholwa ngokusasaza “iincwadi ezikhuthaza ukuvukela urhulumente.” *

13. Ngoobani abokuqala ukubekw’ ityala lokuvukela, ibe yaligweba njani ijaji?

13 Ngo-1947, uMzalwan’ uAimé Boucher, intombi yakhe uGisèle, eneminyaka eyi-18 noLucille oneminyaka eyi-11, baba ngabokuqala ukubekw’ ityala lokuvukela. Babesasaza amaphecana athi Quebec’s Burning Hate kufutshane nefama yabo ekwiinduli ezikumazantsi esiXeko saseQuebec, kodwa kwakungekho nto yayibonisa ukuba babebangela udushe. UMzalwan’ uBoucher wayeyindoda ethobekileyo eyayinyamekela ifama yayo encinane neyayidla ngokuziyela nje edolophini ngehashe layo elirhuqa inqwelo. Sekunjalo, intsapho yakhe yanyamezela ukuxhatshazwa okuchazwe kwelo phecana. Ijaji eyayichophele elo tyala, eyayingafuni nokuwabona amaNgqina, yala ukwamkela ubungqina obubonisa ukuba abakwaBoucher abanatyala. Kunoko, yamkela oko kwakuboniswa ngumtshutshisi esithi eli phecana libangela udushe yaye ngenxa yoko abakwaBoucher banetyala. Ngoko eyona nto yayithethwa yijaji yile: Ukuthetha inyaniso kukwaphula umthetho! UAimé noGisèle bafunyaniswa benetyala lokusasaza iincwadi ezikhuthaza ukuvukela urhulumente, kwanoLucille omncinane wavalelwa iintsuku ezimbini. Abazalwana babhenela kwiNkundla Ephakamileyo yaseKhanada, eyona nkundla iphakamileyo yelo lizwe, neyavumayo ukumamela elo tyala.

14. Yintoni abayenzayo abazalwana baseQuebec ngoxa babetshutshiswa?

14 Ngelo xesha, abazalwana noodadewethu abakhaliphileyo eQuebec, baqhubeka beshumayela isigidimi soBukumkani nakubeni babehlaselwa ngokumasikizi—yaye imiphumo yokushumayela kwabo yayincomeka kakhulu. Kwiminyaka emine emva kokuqalisa kwephulo lokuhambisa iphecana ngo-1946, inani lamaNgqina eQuebec landa ukususela kwayi-300 ukusa kwayi-1 000! *

15, 16. (a) INkundla Ephakamileyo yaseKhanada yaligweba njani ityala lentsapho yakwaBoucher? (b) Olu loyiso labavulela liphi ilungelo abazalwana bethu nabanye?

15 NgoJuni 1950, iNkundla Ephakamileyo yaseKhanada, ebunjwa ziijaji ezisithoba, yachophela ityala lika-Aimé Boucher. Kwiinyanga ezintandathu emva koko, ngoDisemba 18, 1950, isigwebo sale Nkundla saxhasa amaNgqina. Kwakutheni? UMzalwan’ uGlen How, oligqwetha lamaNgqina, wathi iNkundla yavumelana ngesibakala sokuba ukuze kubekho “imvukelo” kufuneka kubekho ugonyamelo okanye iinzame zokubhukuqa urhulumente. Noko ke, eli phecana “lalingaphembeleli mvukelo kodwa lalisebenzisa ilungelo lamaNgqina elisemthethweni lokuthetha ngokukhululekileyo.” UMzalwan’ uHow wongezelela ngelithi: “Ndazibonela ngawam indlela uYehova alubangela ngayo uloyiso.” *

16 Isigqibo seNkundla Ephakamileyo saba luloyiso olubalaseleyo loBukumkani bukaThixo. Olo loyiso lwabangela ukuba kurhoxiswe zonke izizathu zokubakho kwamatyala ayi-122 okusasaza iincwadi ezikhuthaza ukuvukel’ urhulumente waseQuebec awatyatyekwa amaNgqina, ekwakusafuneka exoxiwe. Ukongezelela, isigwebo esawiswa yiNkundla sabangela ukuba bonke abemi baseKhanada nabamanye amazwe babe nelungelo lokuzithetha izinto ezibaxhalabisayo kwindlela urhulumente alawula ngayo. Ngapha koko, loo mpumelelo yakoyisa ukuhlasela kukarhulumete—isixhobo esasisetyenziswa yiCawa yaseQuebec sokuvimba amaNgqina kaYehova inkululeko. *

Singabathengisi—Okanye Singabavakalisi Abanenzondelelo BoBukumkani BukaThixo?

17. Yintoni eye yazanywa ngabanye oorhulumente?

17 NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, abakhonzi bakaYehova banamhlanje ‘abangobathengisi belizwi likaThixo.’ (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 2:17.) Sekunjalo, abanye oorhulumente bazama ukuwubekela imida umsebenzi wokushumayela, ngokubeka imithetho elawula ushishino. Makhe sihlolisise amatyala amabini awaxoxwa enkundleni, amayela nokuba amaNgqina kaYehova angabathengisi okanye angabashumayeli kusini na.

18, 19. Abasemagunyeni eDenmark bazama njani ukuwuthintela umsebenzi wokushumayela?

18 EDenmark. Ngo-Oktobha 1, 1932, waqalisa ukusebenza umthetho obangela ukuba umntu abe netyala xa ethengisa iincwadi ngaphandle kwelayisensi. Sekunjalo, abazalwana bethu abazange benze sicelo salayisensi. Ngosuku olulandelayo, abavakalisi abahlanu bashumayela imini yonke eRoskilde, idolophu ekumgama ongaphezu kweekhilomitha eziyi-30 kwintshona yekomkhulu iCopenhagen. Ekupheleni kolo suku, omnye wabo bavakalisi, u-August Lehmann wavela waduka. Wayebanjiwe, ngenxa yokuthengisa ngaphandle kwelayisensi.

19 NgoDisemba 19, 1932, u-August Lehmann wavela enkundleni. Wathi ebenika abantu iincwadi ezithetha ngeBhayibhile, kodwa akazange avume ukuba ebezithengisa. Inkundla yavumelana naye. Yathi: “Ummangalelwa . . . unayo indlela yokuziphilisa, akakhange afumane mali ngokuhambisa ezi ncwadi yaye ebengafuni yona, endaweni yoko, lo msebenzi awenzayo ubangele ukuba achithe eyakhe imali.” Ixhasa amaNgqina, inkundla yagweba ngelithi umsebenzi kaLehmann “akunakuthiwa ngoworhwebo.” Sekunjalo, iintshaba zabantu bakaThixo zange ziphele mandla ekuwuthinteleni umsebenzi wokushumayela kwelo lizwe. (INdu. 94:20) Umtshutshisi waya kubhena kwiNkundla Ephakamileyo yelo lizwe. Benza ntoni abazalwana bethu?

20. Saba yintoni isigqibo seNkundla Ephakamileyo yaseDenmark, ibe benza ntoni abazalwana bethu?

20 Kwiveki ngaphambi kokuba iNkundla Ephakamileyo imamele elo tyala, amaNgqina aseDenmark athath’ unyawo kumsebenzi wokushumayela. NgoLwesibini, ngo-Oktobha 3, 1933, iNkundla Ephakamileyo yachaza isigqibo sayo. Yavumelana nesaa sigwebo senkundla yokuqala sokuba u-August Lehmann akaphulanga mthetho. Esi sigqibo sasithetha ukuba amaNgqina angaqhubeka eshumayela ngokukhululekileyo. Bebonisa indlela abambulela ngayo uYehova ngolu loyiso, abazalwana noodade baphinda bathi chatha ekushumayeleni. Ukususela ngelo xesha, abazalwana bethu baseDenmark bashumayela ngaphandle kokuphazanyiswa ngabasemagunyeni.

AmaNgqina akhaliphileyo eDenmark kwiminyaka yoo-1930

21, 22. Saba yintoni isigqibo seNkundla Ephakamileyo kwityala likaMzalwan’ uMurdock?

21 EMerika. NgeCawa, ngoFebruwari 25, 1940, omnye uvulindlela, uRobert Murdock Omnci., kunye namanye amaNgqina asixhenxe babanjwa ngoxa babeshumayela eJeannette, idolophu ekufuphi nePittsburgh ePennsylvania. Bamangalelwa ngenxa yokuba bengenalayisensi yokuhambisa iincwadi. Xa babhenayo, iNkundla Ephakamileyo yaseMerika yavuma ukumamela ityala labo.

22 NgoMeyi 3, 1943, iNkundla Ephakamileyo yachaza isigwebo sayo esikhusela amaNgqina. Le Nkundla yayikhaba ngaw’ omane into yelayisensi, isithi ibangela “ukuba angavunyelwa ukunandipha ilungelo lawo elikuMgaqo-siseko.” INkundla yasichitha eso sityholo isithi “sohluth’ ilungelo lawo lokupapasha nelokunqula ngokukhululekileyo.” Echaza imbono yeNkundla, uJaji William O. Douglas wathi umsebenzi wamaNgqina kaYehova “asikokushumayela nje kuphela; ingekokuhambisa iincwadi zonqulo nje kuphela; kodwa zizo zombini.” Waphinda wathi: “Le ndlela anqula ngayo ifana nqwa nezinye iindlela zonqulo . . . njengokudumisa ezicaweni nokushumayela kwiipulpiti.”

23. Izigqibo zamatyala axoxwa ngo-1943 ziye zasinceda njani namhlanje?

23 Esi sigwebo seNkundla Ephakamileyo saba luloyiso olungathethekiyo kubantu bakaThixo. Sasingqina oko thina sikuko ngokwenene—abashumayeli abangamaKristu, kungekhona abathengisi. Kwangolo suku lungasoze lulibaleke luka-1943, amaNgqina kaYehova aphumelela kwiNkundla Ephakamileyo amatyala ayi-12 kwayi-13, aquka netyala nxamnye noMurdock. Ezi zigqibo ziye zasinceda kumatyala akutshanje, apho abachasi bebezama ukulinyathela ngeenyawo ilungelo lethu lokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani esidlangalaleni nakwindlu ngendlu.

“Simele Sithobele UThixo Njengomlawuli Kunabantu”

24. Yintoni esiyenzayo xa urhulumente esiyekisa umsebenzi wethu wokushumayela?

24 Thina bakhonzi bakaYehova, sivuya gqitha xa urhulumente esinika ilungelo lethu elisemthethweni lokushumayela ngoBukumkani ngokukhululekileyo. Sekunjalo, xa urhulumente esiyekisa umsebenzi wethu wokushumayela, asiyeki, kodwa sisebenzisa ezinye iindlela zokushumayela. Njengabapostile, “simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” (IZe. 5:29; Mat. 28:19, 20) Kwangaxeshanye, sibhena ezinkundleni ukuze urhulumente ayeke ukuwuvala umsebenzi wethu. Makhe siqwalasele le mizekelo mibini.

25, 26. Yintoni eyabangela ukuba abazalwana baseNicaragua bafak’ isicelo kwiNkundla Ephakamileyo, ibe yaba yintoni imiphumo?

25 ENicaragua. NgoNovemba 19, 1952, uDonovan Munsterman owayengumthunywa wevangeli nesicaka sesebe waya kwiOfisi Yeembacu ekwikomkhulu iManagua. Wayalelwa ukuba adibane noMphathi waloo ofisi, uArnoldo García. Lo mphathi waxelela uDonovan ukuba onke amaNgqina kaYehova aseNicaragua “awafanele ashumayele ngeemfundiso zawo engafanele enze nemisebenzi yawo yonqulo.” Xa uDonovan embuza isizathu, lo mphathi wathi urhulumente akawanikanga ilungelo lokushumayela yaye atyholwa ngokuba ngamakomanisi. Yayingoobani aba babesityhola? Yayingabefundisi bamaKatolika.

Abazalwana baseNicaragua emva kokuba umsebenzi uvaliwe

26 UMzalwan’ uMunsterman wakhawuleza wabhena kuMphathiswa Wezonqulo nakuMongameli uAnastasio Somoza García, kodwa watsho phantsi. Ngoko abazalwana bazama ezinye iindlela zokushumayela. Bayivala iHolo YoBukumkani, bahlanganisana njengamaqela amancinane baza bawuyeka umsebenzi wokushumayela esitratweni. Into abangazange bayiyeke kukushumayela ngoBukumkani. Kwangaxeshanye, bafak’ isicelo kwiNkundla Ephakamileyo yaseNicaragua sokuba ungavalwa umsebenzi wethu. Amaphephandaba akusasaza ngokubanzi ukuvalwa komsebenzi wethu kwaneso sicelo, ngoko iNkundla Ephakamileyo yavuma ukulichophela elo tyala. Kwaphumela entwenini oko? NgoJuni 19, 1953, iNkundla Ephakamileyo yapapasha isigqibo evumelene ngaso ngamxhelo-mnye esixhasa amaNgqina. Le Nkundla yafumanisa ukuba ukuvalwa komsebenzi wethu kunyhasha ilungelo lethu elikumgaqo-siseko lokuthetha ngokukhululekileyo nelokunqula ngaphandle kwesiphazamiso. Yayalela nokuba urhulumente waseNicaragua ayeke ukuhlupha amaNgqina, izinto zenzeke ngendlela ezazisenzeka ngayo ngaphambili.

27. Yintoni eyabangela ukuba abemi baseNicaragua bangasikholelwa isigqibo seNkundla, ibe abazalwana bethu bayijonga njani impumelelo yabo?

27 Abemi baseNicaragua babengayikholelwa into yokuba iNkundla Ephakamileyo iye yakhusela amaNgqina. Ngelo xesha impembelelo yabefundisi yayiqatsele kangangokuba iNkundla yayikuphepha ukulwa nabo. Yona impembelelo yabasemagunyeni yayinamandla kangangokuba iNkundla yayingafane izichase izigqibo zabo. Abazalwana bethu babeqinisekile ukuba baphumelela ngenxa yokukhuselwa nguKumkani wabo yaye baqhubeka beshumayela.—IZe. 1:8.

28, 29. Kwiminyaka yoo-1980, ziziphi iziganeko ezazingacingelwanga ezenzekayo eZaire?

28 EZaire. Kwiminyaka yoo-1980, amaNgqina aseZaire, ngoku eyiDemocratic Republic of Congo ayeyi-35 000. Ngenxa yokuba umsebenzi woBukumkani wawusiya usanda, isebe lalisakha izakhiwo ezitsha. NgoDisemba 1985, kwindibano yezizwe ngezizwe eyayikwibala lezemidlalo elikwikomkhulu laseCongo iKinshasa, kwakukho iindwendwe eziyi-32 000 ezisuka kumazwe amaninzi ehlabathi. Ngelo xesha zaqalisa ukutshintsha izinto kubakhonzi bakaYehova. Kwenzeka ntoni?

29 UMzalwan’ uMarcel Filteau, umthunywa wevangeli waseQuebec, eKhanada, owayengomnye wabazalwana ababetshutshiswa ngexesha lolawulo lukaDuplessis, wayeseZaire ngelo xesha. Ubalisa into eyenzekayo esithi: “NgoMatshi 12, 1986, abazalwana abakhokelayo banikwa ileta eyayisithi umbutho wamaNgqina kaYehova eZaire awukho mthethweni.” Uxwebhu lokuba umsebenzi wamaNgqina uvaliwe lasayinwa ngumongameli welo lizwe uMobutu Sese Seko.

30. IKomiti yeSebe kwafuneka yenze siphi isigqibo esinzima, yaye yagqiba kwelithini?

30 Ngosuku olulandelayo, iradio yaseZaire yenza esi saziso: “Soze siphinde sive kuthethwa ngamaNgqina KaYehova kwakhona apha.” Ngoko nangoko kwaqalisa intshutshiso. Kwatshatyalaliswa iiHolo ZoBukumkani, abazalwana bethu baphangwa, bavalelwa baza babethwa nokubethwa. Kwanabantwana bamaNgqina babephoswa ngaphaya kwezitshixo. Ngo-Oktobha 12, 1988, urhulumente wohlutha impahla yentlangano, aza amaPolisa nomkhosi wamajoni bahlala kwizakhiwo zesebe. Abazalwana abakhokelayo babhalela uMongameli Mobutu ngesi senzo, kodwa nkqi impendulo. Ngelo xesha iKomiti Yesebe kwafuneka yenze esi sigqibo sinzima, “Ngaba sifanele sibhene kwiNkundla Ephakamileyo okanye sikhe silinde?” UTimothy Holmes, owayengumthunywa wevangeli nomnxibelelanisi weKomiti yeSebe ngelo xesha ukhumbula oku, “Sacela ubulumko nolwalathiso kuYehova.” Emva kokuwuthandazela lo mbandela, ikomiti yabona ukuba elo ayikabi loxesha lokumangala. Kunoko, yaqhubeka inyamekela abazalwana yaye ikhangela iindlela zokuqhubeka nomsebenzi wokushumayela.

“Ngoxa kwakuxoxwa ityala, sazibonela indlela uYehova azitshintsha ngayo izinto”

31, 32. Sisiphi isigqibo esimangalisayo esenziwa yiNkundla Ephakamileyo yaseZaire, yaye sabanceda njani abazalwana?

31 Emva kweminyaka emininzi, ingcinezelo kumaNgqina yayingasekho kangako, yaye amalungelo abantu ayesele ehlonitshwa kwelo lizwe. IKomiti Yesebe yagqiba kwelokuba elo yayilixesha lokubhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseZaire. Yamangalisa into yokuba loo Nkundla ivume ukumamela elo tyala. NgoJanuwari 8, 1993, kwiminyaka engaphantsi kwesixhenxe emva kokuba umongameli esayine uxwebhu olugunyazisa ukuvalwa komsebenzi wethu, iNkundla yathi into eyenziwa ngurhulumente kumaNgqina ayikho mthethweni, ngoko sayekwa saphinda saqhubeka nomsebenzi wethu. Khawucinge nje into eyayithethwa koko! Zibeka ubomi bazo esichengeni, iijaji zakhaba isigqibo sikamongameli ngokwakhe! UMzalwan’ uHolmes uthi: “Ngoxa kwakuxoxwa ityala, sazibonela indlela uYehova azitshintsha ngayo izinto.” (Dan. 2:21) Olu loyiso lwalomeleza ukholo lwabazalwana bethu. Bavakalelwa kukuba uKumkani uYesu uye wakhokela abantu bakhe balazi elona xesha nendlela yokwenza izinto.

AmaNgqina akwiDemocratic Republic of Congo avuyela ukumnqula ngokukhululekileyo uYehova

32 Emva kokuba bevunyelwe abantu bakaThixo ukuba baphinde basebenze, iofisi yesebe yavunyelwa ukuba ibize abathunywa bevangeli, yakhe izakhiwo ezitsha zesebe ize ifumane iincwadi ezivela kwamanye amazwe. * Kubavuyisa ngokwenene abakhonzi bakaThixo abasehlabathini ukubona indlela uYehova alukhusela ngayo unqulo lwabo!—Isa. 52:10.

“UYehova Ungumncedi Wam”

33. Sisiphi isifundo esisifundayo kumadabi aye aliwa ezinkundleni?

33 Oko sikufundileyo ngamadabi aliwe ezinkundleni kubonisa ukuba uYesu usizalisekisile isithembiso sakhe esithi: “Ndiza kuninika umlomo nobulumko, obo xa bebonke abachasi benu bangayi kukwazi ukubuchasa okanye ukubuphikisa.” (Funda uLuka 21:12-15.) Maxa wambi uYehova uye wenza kwakho ooGamaliyeli banamhlanje ukuze akhusele abantu bakhe, waza wabangela ukuba iijaji namagqwetha akhaliphileyo amele inyaniso. Uye wazenza buthuntu izixhobo zabachasi. (Funda uIsaya 54:17.) Inkcaso ayisoze ikwazi ukuwuyekisa umsebenzi kaThixo.

34. Kutheni uloyiso lwethu kumatyala asezinkundleni luphawuleka kangaka, yaye yintoni oluyibonisayo? (Funda nebhokisi ethi “ Uloyiso Oluye Lwabalasela KwiiNkundla Zamatyala Luhambisela Phambili Umsebenzi Wokushumayela.”)

34 Kutheni uloyiso lwethu kumatyala asezinkundleni lumangalisa kangaka? Khawucinge ngoku: AmaNgqina kaYehova ayingobantu bajongelwa phezulu okanye abanempembelelo ebantwini. Asivoti, asixhasi maphulo ezopolitiko okanye sizame ukurhwebesha abezopolitiko. Ngaphezu koko, uninzi lwabo bema ezinkundleni zamatyala ngabantu ‘abangenamfundo nabaqhelekileyo.’ (IZe. 4:13) Ngoko ke, xa sithethela phantsi, kwakungekho nto yayinyanzela iinkundla ukuba zingahambisani nabachasi bethu bonqulo nabezopolitiko zize zibe ngakwicala lethu. Sekunjalo, iinkundla ziye zangakwicala lethu! Ukoyisa kwethu ezinkundleni kubonisa ukuba sihamba “njengabathunywa bakaThixo, sikunye noKristu.” (2 Kor. 2:17) Ngenxa yoko, sikunye nompostile uPawulos sithi: “UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika.”—Heb. 13:6.

^ isiqe. 9 Ityala likaCantwell nxamnye norhulumente waseConnecticut, yayilelokuqala kumatyala ayi-43 awayesalindel’ ukuxoxwa kwiNkundla Ephakamileyo eMerika nawayemelwa nguMzalwan’ uHayden Covington. Wafa ngo-1978. Inkosikazi yakhe uDorothy wakhonza ngokuthembeka de wafa ngo-2015 eneminyaka eyi-92.

^ isiqe. 12 Esi sigwebo sasisekelwe kumthetho owamiselwa ngo-1606. Wawuvumela iijaji ukuba zimbek’ ityala umntu ezivakalelwa kukuba uthethe into ekhuthaza ubutshaba—enoba uthethe inyaniso.

^ isiqe. 14 Ngo-1950, abavakalisi abakwinkonzo yexesha elizeleyo abayi-164 ababekhonza eQuebec—kuquka nabanye abayi-63 ababephumelele eGiliyadi, basamkela ngovuyo isabelo sabo nakubeni babelindelwe yinkcaso ekrakra.

^ isiqe. 15 UMzalwan’ uW. Glen How, wayeligqwetha elinesibindi elawalwa ngobuchule amadabi asenkundleni amaNgqina kaYehova eKhanada nakwezinye iindawo ukususela ngo-1943 ukusa ku-2003.

^ isiqe. 16 Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngeli tyala, funda inqaku elithi “The Battle Is Not Yours, but God’s,” kuVukani! wesiNgesi ka-Aprili 22, 2000, iphepha 18-24.

^ isiqe. 32 Ekugqibeleni amaPolisa emka kwizakhiwo zesebe, kodwa kwakhiwa izakhiwo ezitsha kwenye indawo.