Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 15

Silwela Ukunqula Ngokukhululekileyo

Silwela Ukunqula Ngokukhululekileyo

INJONGO YESI SAHLUKO

Indlela uKristu aye wabanceda ngayo abalandeli bakhe ukuze balwele ilungelo labo lokwamkelwa nokukhuselwa ngumthetho nelokuthobela imithetho kaThixo

1, 2. (a) Yintoni ebonisa ukuba ungumlawulwa woBukumkani bukaThixo? (b) Kutheni kuye kwafuneka ukuba ngamanye amaxesha amaNgqina kaYehova alwele ilungelo lawo lokunqula?

NGABA ungumlawulwa woBukumkani bukaThixo? Ngokuqinisekileyo, xa uliNgqina likaYehova unguye! Yintoni ke ebonisayo ukuba unguye? Ayilopasi okanye ezinye iimpepha zikarhulumente, kodwa yindlela omnqula ngayo uYehova uThixo. Unqulo lokwenyaniso aluphelelanga nje kwinto oyikholelwayo kuphela, luquka nokuthobela imithetho yoBukumkani bukaThixo. Indlela esinqula ngayo ibonakala kuzo zonke iinkalo zobomi bethu; indlela esikhulisa ngayo iintsapho zethu, nokhetho esilwenzayo kwezonyango.

2 Ihlabathi esiphila kulo alisoloko liyihlonela imithetho esiyibekelweyo njengabalawulwa boBukumkani bukaThixo. Abanye oorhulumente baye bazama ukusibekela imida kwindlela esiyithobela ngayo le mithetho, ngeliny’ ixesha bade bazamele ukuba singayithobeli kwaphela. Ngamany’ amaxesha, kuye kwafuneka ukuba abalandeli bakaKristu balwele inkululeko yokuphila ngemithetho yoBukumkani bukaMesiya. Iyasothusa ke loo nto? Ayisothusi. Kaloku nabanquli bakaYehova ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile babesoloko besilwela inkululeko yabo yokunqula uYehova.

3. Kwafuneka balwele ntoni abantu bakaThixo ngemihla kaKumkanikazi uEstere?

3 Ngokomzekelo, ngemihla kaKumkanikazi uEstere, abantu bakaThixo kwaye kwafuneka balwele ubomi babo. Kwenzeka ntoni? INkulumbuso ekhohlakeleyo uHaman yacebisa ukumkani wamaPersi uAhaswerosi ukuba awacim’ igama onke amaYuda awayehlala kummandla olawulwa ngulo Kumkani, kuba ‘imithetho yawo yayahlukile kweyabo bonke abanye abantu.’ (Estere 3:8, 9, 13) Ngaba uYehova wabalahla abalandeli bakhe? Nakanye, wasikelela uEstere noMordekayi xa baya kucela kukumkani wamaPersi ukuba akhusele abantu bakaThixo.—Estere 9:20-22.

4. Siza kuthetha ngantoni kwesi sahluko?

4 Ngaba kusenjalo nangala maxesha ethu? Njengoko sesifundile kwizahluko ezidlulileyo, ngamanye amaxesha amagunya ehlabathi aye awachasa amaNgqina kaYehova. Kwesi sahluko siza kuthetha ngezinye zeendlela oorhulumente abaye bazama ngazo ukumisela umda kwindlela esinqula ngayo. Siza kuqwalasela ezi zinto zintathu: (1) ilungelo lethu lokuba nentlangano nelokunqula ngendlela esifuna ngayo, (2) inkululeko yokukhetha unyango olusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile, (3) nelungelo labazali lokukhulisa abantwana babo ngemithetho kaYehova. Kwinto nganye, siza kubona indlela abalawulwa abathembekileyo boBukumkani bukaMesiya abaye bazama ngayo ngandlela zonke ukukhusela amalungelo abo njengabalawulwa boBukumkani bukaThixo, nendlela uYehova aye wabasikelela ngayo.

Silwela Ukwamkelwa Nokukhuselwa Ngumthetho Nokufumana Inkululeko Esifaneleyo

5. Ukwamkelwa nokukhuselwa ngoorhulumente kuwanceda njani amaKristu okwenyaniso?

5 Ngaba sidinga ukwamkelwa nokukhuselwa ngoorhulumente abangabantu ukuze sinqule uYehova? Unotshe, kodwa ukwamkelwa nokukhuselwa ngurhulumente kwenza kube lula ukunqula—ngokomzekelo, siyakwazi ukudibana kwiiHolo zethu zoBukumkani nakwezeeNdibano ngokukhululekileyo, ukuprinta nokuthunyelelwa iincwadi zeBhayibhile ngamanye amazwe, nokushumayela iindaba ezilungileyo kubamelwane bethu ngaphandle kweziphazamiso. Kumazwe amaninzi, amaNgqina kaYehova abhaliswe ngokusemthethweni yaye anqula ngokukhululekileyo njengabantu bezinye iinkolo. Kwenzeka ntoni ke xa oorhulumente bezama ukuphazamisana nelungelo lethu lokwamkelwa nokukhuselwa ngumthetho nelokufumana inkululeko esifaneleyo?

6. AmaNgqina kaYehova aseOstreliya afumana ziphi iingxaki ekuqaleni koo-1940?

6 EOstreliya. Ekuqaleni koo-1940, irhuluneli yaseOstreliya yathi iinkolelo zethu azihambisani neenzame zemfazwe. Ngoko wavalwa umsebenzi wethu. AmaNgqina ayengakwazi ukudibana nokushumayela ngokukhululekileyo, iingcango zaseBheteli zavalwa, neeHolo zoBukumkani zathinjwa. Kwakungavumelekanga nokuphatha iincwadi zethu zeBhayibhile. Emva kokunqula emfihlekweni kangangeminyaka eliqela, ekugqibeleni amaNgqina aseOstreliya afumana isiqabu. NgoJuni 14, 1943, iNkundla Ephakamileyo yaseOstreliya yawabuyisela inkululeko yawo.

7, 8. Balisa ngomlo wenkululeko yokunqula abazalwana baseRashiya abaye bawulwa kangangeminyaka.

7 ERashiya. Umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavalwa ngamaKomanisi, kodwa ade abhaliswa ngokusemthethweni ngo-1991. Emva kokwahlulwa kweSoviet Union, saye samkelwa ngokusemthethweni saza sakhuselwa yiRussian Federation ngo-1992. Kungekudala, abanye abachasi—ngokukodwa abo babengabeCawa yamaOthodoki yaseRashiya—bacatshukiswa kukuba sasisiya sisiba baninzi ngokukhawuleza. Abachasi bafaka izityholo ezintlanu ezilandelelanayo nxamnye namaNgqina kaYehova phakathi kuka-1995 no-1998. Kuzo zonke ezo zityholo umtshutshisi zange awafumanise enalo nelincinci ityala. Ngo-1998 aba bachasi bangayekeleliyo bafaka isimangalo esithi amaNgqina kaYehova aphazamisana nabahlali. Ekuqaleni amaNgqina aphumelela, kodwa abachasi babhena, baza ke baphumelela ngoMeyi 2001. Eli tyala laphinda lachotshelwa ngo-Oktobha waloo nyaka, oko kwaphelela kwisigqibo esathathwa ngo-2004 sokuba umbutho osemthethweni wamaNgqina eMoscow uvalwe.

8 Kwalandela intshutshiso engathethekiyo. (Funda eyesibini kuTimoti 3:12.) AmaNgqina aqalisa ukugculelwa nokuxhatshazwa. Iincwadi zethu zohluthwa; kwabekwa imithetho engqongqo eyenza ukuba ukurenta nokwakha izindlu zokunqula kube nzima kakhulu. Khawufan’ ucinge intlungu ababekuyo abazalwana noodadewethu phantsi kwezo ngcinezelo! Ngo-2001 amaNgqina ayefake isicelo kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu (iEuropean Court of Human Rights [ECHR]) ukuba makhe liphinde lijongwe eli tyala, aza afaka inkcazelo eyongezelelekileyo kule Nkundla ngo-2004. Ngo-2010, iECHR yabona ukuba isizathu sokuba iRashiya iwuvale umsebenzi wamaNgqina kukungafunwa konqulo lwawo yaza yafikelela kwisigqibo sokuba iinkundla ezingezantsi ziye zagweba ngendlela engafanelekanga, ekubeni kwakungekho nto ibonisa ukuba amaNgqina aphule umthetho. Le Nkundla yongezelela yathi, ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina kukuwajongela phantsi amalungelo awo asemthethweni yaza yabuyisela inkululeko yawo yokunqula. Nangona amagosa aseRashiya engakhange asithobele isigqibo se-ECHR, loo mpumelelo iyabakhuthaza abantu bakaThixo kwelo lizwe.

UTitos Manoussakis (Funda isiqendu 9)

9-11. EGrisi, abantu bakaYehova baye bayilwela njani inkululeko yokunqula kunye, yaye iye yayintoni imiphumo?

9 EGrisi. Ngo-1983, uTitos Manoussakis, waqasha igumbi eHeraklion eCrete, ukuze iqela elincinane lamaNgqina kaYehova lihlanganisane khona. (Heb. 10:24, 25) Kungekudala emva koko, umfundisi wamaOthodoki wamangalela amaNgqina kuba enqulela kwelo gumbi. Kwakutheni? Esona sizathu awayenaso kukuba nje amaNgqina ayeneenkolelo ezahlukileyo kwezamaOthodoki! Abatshutshisi baqhubeka neso simangalo besithi uTitos Manoussakis namanye amaNgqina amathathu zizaphuli-mthetho. Aba bazalwana bohlwaywa ngokuhlwawula imali baza kwakhona baphoswa ngaphaya kwezitshixo iinyanga ezimbini. Njengabalawulwa boBukumkani bukaThixo, amaNgqina abona ukuba eso sigqibo sasiyinyathela ngeenyawo inkululeko yawo yokunqula, ngoko amangala kwiinkundla zasekuhlaleni, aza ekugqibeleni afaka isicelo kwi-ECHR.

10 Ekugqibeleni, ngo-1996, i-ECHR yenza isigqibo ebabengazange basilindele abachasi bonqulo olunyulu. Le Nkundla yathi “namaNgqina kaYehova aphantsi ‘kweenqulo ezaziwayo’ njengoko kubhaliwe kumthetho waseGrisi,” yaye izigqibo ezenziwe ziinkundla ezingezantsi “zaziyinyhasha ngokungqalileyo inkululeko yawo yonqulo.” Yatyatyadula yathi, kwakungekho sezandleni zorhulumente waseGrisi “ukugqiba ekubeni iinkolelo zonqulo okanye indlela ezichazwa ngayo ezo nkolelo ifanelekile kusini na.” Izigwebo ezabekwa nxamnye namaNgqina zarhoxiswa, aza abuyiselwa inkululeko yawo yokunqula!

11 Ngaba olo loyiso lwazilungisa izinto eGrisi? Okubuhlungu kukuba akunjalo. Ngo-2012, lade lagwetywa ityala elifana neli elaxoxwa iminyaka eyi-12 eKassandreia, eGrisi. Eli ityala lantyontyelwa ngubhishophu wamaOthodoki. IBhunga Lesizwe, inkundla ephakamileyo yaseGrisi, lema ngakwicala labantu bakaThixo kweli ityala. Kwesi sigqibo lacaphula kumgaqo-siseko waseGrisi, othetha kanye ngesiqinisekiso senkululeko yokunqula, laza lagxeka nesityholo ahlala ebekwa sona amaNgqina kaYehova sokuba alunqulo olungaziwayo. Le Nkundla yaqhubeka yathi: “Iinkolelo ‘zamaNgqina kaYehova’ ziyaziwa, ngoko unqulo lwawo luyaziwa.” Ibavuyisa kakhulu abazalwana noodade bebandla elincinane laseKassandreia into yokuba bekwazi ngoku ukuba neentlanganiso kwiHolo yabo yoBukumkani.

12, 13. EFransi, abachasi baye basebenzisa liphi iqhinga ‘lokuyila inkathazo ngommiselo okanye ngomthetho,’ kodwa yaba yintoni imiphumo?

12 EFransi. Abanye abachasi babantu bakaThixo baye basebenzisa iqhinga ‘lokuyila inkathazo ngommiselo okanye ngomthetho.’ (Funda iNdumiso 94:20.) Ngokomzekelo, kwiminyaka yoo-1990, amagosa erhafu eFransi ahlola iingxelo zemali zombutho osemthethweni wamaNgqina kaYehova, iAssociation Les Témoins de Jéhovah (ATJ). Umphathiswa wezemali wachaza esona sizathu sokuhlolwa kwezi ngxelo: “Ukuhlolwa kweengxelo zemali zalo mbutho kungaphumela ekuvalweni kwawo okanye ubekwe ityala lokwaphula umthetho . . . , nto leyo enokubangela ukuba umsebenzi wawo ume.” Nangona kungazange kufunyaniswe nyawo lwemfene kwezo ngxelo, amagosa erhafu afuna i-ATJ ihlawule irhafu eninzi ngendlela engaqhelekanga. Ukuphumelela kwawo kwakuthetha ukuba kwakuza kufuneka abazalwana benze sigqibo sokuba ivalwe iofisi yesebe baze bathengise izakhiwo zayo ukuze bahlawule le nkuntyula yemali yerhafu. Le yayiyingxaki enkulu, kodwa abantu bakaThixo abazange banikezele. AmaNgqina enza konke okusemandleni ukuze angakuvumeli ukuxhatshazwa, ekugqibeleni ngo-2005 afaka isimangalo kwi-ECHR.

13 Le Nkundla yawisa isigwebo sayo ngoJuni 30, 2011. Yaqiqa ngelithi, ngenxa yelungelo lokunqula ngokukhululekileyo, uRhulumente akakwazi, ngaphandle kweemeko ezingaphephekiyo, ukugqiba ekubeni iinkolelo zonqulo okanye indlela ezichazwa ngayo ifanelekile kusini na. Yongezelela ngelithi: “Ukufunwa irhafu engaka . . . kwakunokubangela ukuba lo mbutho ungakwazi ukufumana ezinye izinto ezibalulekileyo ukuze umsebenzi wawo uqhubeke kakuhle, nto leyo eyayinokwenza ukuba ungakwazi ukufumana inkululeko yawo yokwenene yokunqula.” Le Nkundla yema ngakwicala lamaNgqina kaYehova ngokupheleleyo! Abantu bakaYehova bavuyiswa kakhulu kukuba urhulumente waseFransi wayibuyisa yonke loo mali yerhafu, kwaye inochatha. Ngokomyalelo weNkundla, kwabuyiswa nazo zonke izinto zesebe ezazithinjiwe.

Unokuqhubeka ubathandazela abazalwana noodadewenu abasentlungwini yokuxhatshazwa ngumthetho

14. Wena, ungancedisa njani ukulwela inkululeko yethu yokunqula?

14 NjengoEstere noMordekayi bamandulo, namhlanje abantu bakaYehova balwela inkululeko yokumnqula ngendlela abayalele ngayo. (Estere 4:13-16) Ngaba nawe ungancedisa? Ewe. Unokuqhubeka ubathandazela abazalwana noodadewenu abasentlungwini yokuxhatshazwa ngumthetho. Imithandazo enjalo ingaluncedo kakhulu kubazalwana noodadewethu abafumana ubunzima nentshutshiso. (Funda uYakobi 5:16.) Ngaba uYehova uyayiphendula imithandazo enjalo? Uloyiso lwethu ezinkundleni bubungqina bokuba ngokwenene uyayiphulaphula!—Heb. 13:18, 19.

Sinenkululeko Yokukhetha Unyango Oluvumelana Neenkolelo Zethu

15. Yintoni abamele bayikhumbule abantu bakaThixo ngegazi?

15 Njengoko besesifundile kwiSahluko 11, abalawulwa boBukumkani bukaThixo bafumana umyalelo ocacileyo oseZibhalweni wokuba bangalisebenzisi kakubi igazi, nto leyo exhaphakileyo namhlanje. (Gen. 9:5, 6; Lev. 17:11; funda iZenzo 15:28, 29.) Nangona singalwamkeli utofelo-gazi, thina neentsapho zethu sifuna olona nyango luphezulu lunokufumaneka, kuphela nje ukuba alukho nxamnye nemithetho kaThixo. Ezona nkundla ziphakamileyo zamazwe amaninzi ziye zayamkela into yokuba abantu banelungelo lokukhetha okanye ukwala iintlobo ezithile zonyango ngokwezazela zabo nangokweenkolelo zabo. Sekunjalo, kwamanye amazwe abantu bakaThixo baye bagculelwa kanobom ngenxa yoku. Nantsi eminye imizekelo.

16, 17. Yintoni eyothusa udade waseJapan ngonyango awalufumanayo, yona imithandazo yakhe yaphendulwa njani?

16 EJapan. UMisae Takeda, inkosikazi eneminyaka eyi-63 yaseJapan, yayiza kutyandwa. Njengomlawulwa woBukumkani bukaThixo onyanisekileyo, wayibek’ elubala kugqirha wakhe into yokuba angatofelwa gazi. Nakuba kunjalo, emva kweenyanga ezimbalwa wothuka gqitha kukuva ukuba waye watofelwa igazi xa wayetyandwa. Eziva ethotyiwe yaye eqhathiwe, uDade Takeda wamangalela oogqirha nesibhedlele ngoJuni 1993. Ukholo lwalo dade uthobekileyo nozilungeleyo lwalungagungqi. Kangangexesha elingaphaya kweyure, wazithethelela enkundleni eyayizel’ imi ngeembambo, nangona wayengenampilo. Yayikokokugqibela evela enkundleni kuba emva kwenyanga wasweleka. Ngaba ukuba nokholo nokuba nesibindi kwakhe akusikhuthazi? UDade Takeda wathi wayeqhubeka ebongoza uYehova ukuba amsikelele kulo mlo. Wayeqinisekile ukuba imithandazo yakhe yayiza kuphendulwa. Yaphendulwa ke?

17 Kwiminyaka emithathu eswelekile uDade Takeda, iNkundla Ephakamileyo yaseJapan yema ngakwicala lakhe—isitsho ukuba kwakuphosakele ukumtofela igazi ekubeni wayethe angalitofelwa. Isigqibo esawiswa ngoFebruwari 29, 2000, sathi “ukuzenzela izigqibo” kwimicimbi elolo hlobo “lilungelo lomntu ngamnye elifanele lihlonelwe.” Siyambulela uDade Takeda ngokuyilwela ngokungagungqiyo inkululeko yakhe yokuzikhethela indlela yokunyangwa ngokuqhutywa sisazela esiqeqeshwe yiBhayibhile, kuba ngoku amaNgqina eJapan afumana unyango ngaphandle kokoyikela ukuba angatofelwa igazi.

UPablo Albarracini (Funda isiqendu 18 ukuya ku-20)

18-20. (a) Inkundla yezibheno yaseArgentina yalimela njani ilungelo lomntu lokungatofelwa gazi, ihlonipha oko kubhalwe kwikhadi lakhe legazi? (b) Singabonisa njani ukuba sithobela ulawulo lukaKristu kumba wegazi?

18 EArgentina. Abalawulwa boBukumkani bamele bazilungiselele njani iimeko zaxa kunokufuneka bazithethelele, kodwa bengekho zingqondweni? Ngokusoloko siphethe amakhadi ethu egazi. Wenza kanye loo nto uPablo Albarracini. NgoMeyi 2012, wakhuthuzwa waza wadutyulwa izihlandlo ezininzi. Wabalekiselwa esibhedlele engekho zingqondweni, ngoko ke, wayengazukwazi ukuzithethelela xa kufuneka atofelwe igazi. Sekunjalo, wayeliphethe ikhadi legazi awalizalisa kwiminyaka emine eyadlulayo. Nangona imeko yakhe yayimaxongo yaye abanye oogqirha bevakalelwa kukuba ukuze aphile, ufanele atofelwe igazi, abasebenzi basesibhedlele babekulungele ukwenza oko kubhalwe kwikhadi lakhe legazi. Noko ke, uyise kaPablo, owayengeloNgqina likaYehova, wafumana isigunyaziso enkundleni sokutshintsha isigqibo sonyana wakhe.

19 Igqwetha elimela umfazi kaPablo lakhawuleza lafak’ isibheno. Kwiiyure nje ezimbalwa, inkundla yezibheno yasikhaba isigqibo senkundla engezantsi yaza yagweba ngelithi makuhlonelwe oko kubhalwe kwikhadi legazi lesigulana. Uyise kaPablo wabhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseArgentina. Noko ke, le nkundla yathi “akuthandabuzeki ukuba uPablo walisayina esezingqondweni futhi eyazi into ayenzayo yaye ililungelo lakhe elo.” Kwakhona yathi: “Wonke umntu omdala nokwaziyo ukuzenzela izigqibo, unelungelo lokuyalela kusengaphambili ukuba anyangwe njani, yaye usenokuvuma okanye ale ukunyangwa ngendlela ethile . . . Ugqirha umele ayamkele le miyalelo.”

Sowulizalisile ikhadi lakho legazi?

20 UMzalwan’ uAlbarracini waye waphila. Yena nomkakhe iyabavuyisa into yokuba waye walizalisa ikhadi legazi. Ngokuthatha elo nyathelo lincinane—kodwa libalulekileyo—wabonisa ukuba uyaluthobela ulawulo lukaKristu phantsi koBukumkani bukaThixo. Ngaba wena nentsapho yakho senilisayinile ikhadi legazi?

UApril Cadoreth (Funda isiqendu 21 ukuya ku-24)

21-24. (a) Kwenzeka njani ukuba iNkundla Ephakamileyo yaseKhanada yenze isigqibo esibalulekileyo ngabantwana nokutofelwa igazi? (b) Esi sigqibo singabakhuthaza njani abakhonzi bakaYehova abaselula?

21 EKhanada. Ngokuqhelekileyo, iinkundla ziyalamkela ilungelo abazali abanalo lokukhethela abantwana babo olona nyango luphezulu. Ngamanye amaxesha, iinkundla zide zigwebe ngelithi izigqibo zonyango ezenziwe ngumntwana osele ekwazi ukuzenzela izigqibo zimele zihlonelwe. Kwaba njalo ke kuApril Cadoreth. Xa wayena-14, uApril walaliswa esibhedlele ngenxa yokuba wayesophela ngaphakathi. Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambili, waye wazalisa ikhadi lakhe legazi, elaligunyazisa ukuba angalitofelwa igazi nokuba sekumnyam’ entla. Ugqirha owayenyanga uApril akazange asihlonele isigqibo sakhe, waza wafuna isigunyaziso senkundla sokuba amtofele igazi. Ngenkani watofelwa iibhegi ezintathu zegazi. Kamva oko kutofelwa kwakhe wakufanisa nokudlwengulwa.

22 UApril nabazali bakhe baya kumangala enkundleni. Emva kweminyaka emibini, eli tyala lada laya kufika kwiNkundla Ephakamileyo yaseKhanada. Nangona uApril engazange akwazi ukutshintsha umgaqo-siseko, iNkundla yambuyisela iindleko awazichitha emthethweni yaza yakhupha isigwebo esixhasa yena nabanye abantwana abasele bekwazi ukuzenzela izigqibo, abafuna ukusebenzisa ilungelo labo lokugqiba ngonyango abalufunayo. Yathi: “Kumba wonyango, abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-16 bafanele bayekwe bachaze izimvo zabo ngohlobo oluthile lokunyanga, nto leyo eza kubonisa ukuba bayakwazi ukuzicingela nokuzenzela izigqibo.”

23 Eli tyala libalulekile kuba iNkundla Ephakamileyo yayichaza ilungelo labantwana abakwaziyo ukuzenzela izigqibo elikumgaqo-siseko. Ngaphambi kwesi sigwebo, ezinye iinkundla zaseKhanada zazisuka zibagqibele abantwana abangaphantsi kweminyaka eyi-16 ngendlela yokunyanga ezivakalelwa kukuba iza kubanceda. Emva kwesi sigwebo, inkundla yayingazukwazi ukusuka nje igunyazise indlela yokunyanga engqubanayo neminqweno yomntwana oneminyaka engaphantsi kweyi-16, ingakhange imnike ithuba lokubonisa ukuba mdala ngokwaneleyo ukuba angazenzela izigqibo.

“Ndiyavuya kuba ndiye ndenza okuthile ukuze kuzukiswe igama likaThixo nokubonisa ukuba uSathana lixoki.”

24 Ngaba lo mlo weminyaka emithathu waba yinkcitha xesha? Ngokutsho kuka-April, “Akunjalo!” Ngoku unguvulindlela yaye usempilweni. Uthi: “Ndiyavuya kuba ndiye ndenza okuthile ukuze kuzukiswe igama likaThixo nokubonisa ukuba uSathana lixoki.” Amava ka-April abonisa ukuba abantwana bethu banokuba nesibindi sokubonisa ukuba bangabalawulwa abanyanisekileyo boBukumkani bukaThixo.—Mat. 21:16.

Sinelungelo Lokukhulisa Abantwana Bethu Ngemithetho KaYehova

25, 26. Kuye kwenzeke ntoni ngamanye amaxesha abazali beqhawule umtshato?

25 UYehova unike abazali umsebenzi wokukhulisa abantwana ngemithetho yakhe. (Dut. 6:6-8; Efe. 6:4) Lo ngumsebenzi onzima, kodwa xa kuqhawulwe umtshato, uye ube nzima nangakumbi. Iimbono zabazali ngendlela yokukhulisa abantwana ziye zingqubane ngokupheleleyo. Ngokomzekelo, umzali oliNgqina unokufuna ukukhulisa umntwana ngemithetho yamaKristu, ngoxa yena ongeloNgqina enokungayifuni loo nto. Kakade ke, umzali oliNgqina umele azi ukuba nangona uqhawulo-mtshato lunokulonakalisa ulwalamano lwabazali, kodwa umele ayihlonele into yokuba bobabini basengabazali bomntwana.

26 Umzali ongeloNgqina usenokufaka isicelo enkundleni sokuba abantwana bahlale naye ukuze bakhulele kunqulo lwakhe. Abanye bade bathi ukubakhulisa njengamaNgqina kaYehova kuyacinezela. Bangade bathi abantwana abavunyelwa ukuba babhiyozele usuku lwabo lokuzalwa neeholide, yaye abazukuvunyelwa ukuba bathiwe igazi xa kunokwenzeka lifuneke. Okuvuyisayo kukuba, iinkundla ezininzi zikhathalele intlalo-ntle yomntwana, endaweni yokuzikhathaza ngento yokuba unqulo lomzali omnye luyacinezela okanye akunjalo. Khawuve le mizekelo.

27, 28. Yathini iNkundla Ephakamileyo yaseOhio xa yayijongene nesimangalo sokuba umntwana okhuliswa eliNgqina likaYehova uyacinezelwa?

27 EMerika. Ngo-1992, iNkundla Ephakamileyo yase-Ohio, yayijongene nesimangalo sotata ongeloNgqina owayesithi ukukhuliswa konyana wakhe njengeNgqina likaYehova kwakuza kumcinezela. Inkundla engezantsi yamngqinela, yaza yathi ngulo tata omele akhulise lo mntwana. Yathi uJennifer Pater, umama walo mntwana angamana esiya kumbona, kodwa angaze “amdibanise nakancinane neemfundiso zamaNgqina kaYehova nangayiphi na indlela.” Lo myalelo wawubanzi, kangangokuba wawunokude ucaciswe ngokuba uDade Pater wayengavumelekanga ukuthetha ngeBhayibhile nonyana wakhe uBobby, nokumfundisa imilinganiselo yokuziphatha! Khawufan’ ucing’ indlela awayevakalelwa ngayo! UJennifer wayexhelek’ emphefumlweni, kodwa uthi wafunda ukuba nomonde nokulindela kuYehova. Uthi, “UYehova wayesoloko enam.” Igqwetha lakhe, lincediswa yintlangano kaYehova, labhena kwiNkundla Ephakamileyo eOhio.

28 Le nkundla yasikhaba isigqibo senkundla engezantsi, isithi “abazali banelungelo elibalulekileyo lokufundisa abantwana babo, loo nto iquka nokuthetha nabo ngendlela yokuziphatha nangeenkolelo zabo.” Yaqhubeka yathi ukuba bukhona ubungqina bokuba iinkolelo zamaNgqina kaYehova zinokumenzakalisa emzimbeni okanye engqondweni umntwana, inkundla engezantsi yayingenalo ilungelo lokungavumi ukuba umntwana ahlale nomzali wakhe ngenxa yonqulo. Le nkundla ayizange ifumane bungqina bokuba iinkolelo zamaNgqina zinokumenzakalisa umntwana emzimbeni nasengqondweni.

Iinkundla ziye zanika abazali abangamaKristu ilungelo lokuhlala nabantwana babo

29-31. Kwenzeka njani ukuba udade waseDenmark aphulukane nelungelo lokuhlala nentombi yakhe, kodwa yathini iNkundla Ephakamileyo yaseDenmark?

29 EDenmark. UAnita Hansen wazibona esengxakini efanayo xa lowo wayengumyeni wakhe wafaka isicelo enkundleni sokuba intombi yabo eneminyaka esixhenxe uAmanda ihlale naye. Nangona ngo-2000 le nkundla yalinika uDade Hansen ilungelo lokuhlala noAmanda, Utata ka-Amanda wabhena kwinkundla ephakamileyo, yaza yasikhaba isigqibo senkundla yokuqala, yathi nguye omele ahlale noAmanda.Yaqiqa ngelithi, kuba abazali beneenkolelo ezingqubanayo, kungcono ibe ngutata ohlala nale ntwazana. Ngaloo ndlela, wabe uyaphulukana nokuhlala nentombi yakhe uDade Hansen, kuba nje eliNgqina likaYehova!

30 Kuyo yonke le ngxaki, uDade Hansen wayexheleke kangangokuba ngamany’ amaxesha wayede angazi ukuba athandazele ntoni. Uthi: “Kodwa amazwi akumaRoma 8:26 no-27 ayendikhuthaza ngokwenene. Ndandisoloko ndisiva ngathi uYehova uyandiva. Amehlo akhe ayehlala endijongile ibe wayehlala enam.”—Funda iNdumiso 32:8; Isaya 41:10.

31 UDade Hansen wabhena kwiNkundla Ephakamileyo yaseDenmark. Kwisigwebo sayo, le Nkundla yathi: “Isigqibo sokuba umntwana umele ahlale nabani simele senziwe emva kokuba kuye kwahlolisiswa eyona nto iza kunceda umntwana.” Yongezelela yathi, kumele kujongwe nendlela umzali ngamnye acombulula ngayo iingxabano, kungekhona “iimfundiso nemithetho yamaNgqina kaYehova.” Kwathi xibilili kuDade Hansen xa iNkundla yambona engoyena mzali ukufanelekelayo ukuhlala noAmanda.

32. INkundla yaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yabakhusela njani abazali abangamaNgqina ukuze bangacalucalulwa?

32 Kumazwe awahlukahlukeneyo aseYurophu. Ngamanye amaxesha, iingxwaba-ngxwaba zokuba abantwana bamele bahlale nabani ziye azaphelela nje kwezona nkundla ziphakamileyo zelizwe. Zide zaya kufika nakwiNkundla yaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Kumatyala amabini, le Nkundla yavuma ukuba iinkundla ezingezantsi zazingabaphathi ngendlela efanayo abazali abangamaNgqina nabo bangengawo, ngenxa nje yonqulo lwabo. Yathi: “Isigqibo esenziwe kuphela ngenxa yokuba unqulo lwabazali lungafani asamkelekanga,” yatsho isithi olo lucalucalulo. Eziva exolile omnye umama owancedwa sesi sigqibo wathi, “Ibindixhela umphefumlo into yokutyholwa ngokwenzakalisa abantwana bam, ndakuba ndizama kangaka ukubanika eyona nto ibafaneleyo—ukubakhulisa njengamaKristu.”

33. Abazali abangamaNgqina bangawusebenzisa njani umgaqo okwabaseFilipi 4:5?

33 Kakade ke, abazali abangamaNgqina abamangalelwa ngenxa yokufundisa abantwana babo imilinganiselo yeBhayibhile bazama kangangoko ukuba nengqiqo. (Funda kwabaseFilipi 4:5.) Njengoko bezazi ukuba bafanele bakhulise abantwana babo ngendlela kaThixo, bamele bayamkele nento yokuba nomzali ongeloNgqina usengumzali naye. Umzali oliNgqina umele ayithathe njengento ebaluleke kangakanani into yokukhulisa abantwana bakhe?

34. Umzekelo wamaYuda emihla kaNehemiya ungabanceda njani abazali abangamaKristu?

34 Umzekelo wemihla kaNehemiya usinika impendulo. AmaYuda asebenza nzima elungisa yaye ephinda esakha iindonga zeYerusalem. Ayesazi ukuba ukwenza loo nto kwakuza kukhusela wona neentsapho zawo kwiintlanga eziziintshaba ezaziwangqongile. Ngenxa yeso sizathu, uNehemiya wawabongoza: “Nize nilwele abazalwana benu, oonyana benu neentombi zenu, abafazi benu namakhaya enu.” (Neh. 4:14) Loo maYuda azijul’ ijacu esilwela iintsapho zawo. Nanamhlanje, abazali abangamaNgqina kaYehova benza konke okusemandleni abo ukuze bakhulisele abantwana babo enyanisweni. Bayazi ukuba abantwana babo bangqongwe ngumoya wehlabathi esikolweni nalapho bahlala khona. Loo moya ungade ungene nasemakhayeni abo ngenxa yezinto ezifana noomabonwakude neeselfowuni. Bazali, ningaze niyilibale into yokuba nimele nizijul’ ijacu nisilwela oonyana neentombi zenu ukuze zikhule zisoyika uYehova.

Qiniseka Ukuba UYehova Uyaluxhasa Unqulo Lokwenyaniso

35, 36. Zintoni aye akwazi ukuzenza amaNgqina kaYehova ngenxa yokulwela amalungelo abo, ibe wena yintoni ozimisele ukuyenza?

35 Ngokuqinisekileyo uYehova uye wazisikelela iinzame zentlangano yakhe yanamhlanje kumlo wokunqula ngokukhululekileyo. Ngokulwela amalungelo abo, abantu bakaThixo baye ngandlel’ ithile bashumayela enkundleni nakubantu ngokubanzi. (Roma 1:8) Enye into esivuyisayo kukuba olu loyiso luye lwanceda kwathethelelwa namalungelo abantu abangengomaNgqina. Sekunjalo, njengabantu bakaThixo, asizami kutshintsha umthetho; singazami nokuzithethelela. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, amaNgqina kaYehova alwela amalungelo awo ezinkundleni ukuze ahambisele phambili unqulo olunyulu.—Funda kwabaseFilipi 1:7.

36 Simele singaze sisijongele phantsi isifundo esisifunde kwabo baye balwela inkululeko yokunqula uYehova! Nathi ngokunjalo, simele sihlale sithembekile kuYehova, siqinisekile ukuba uyawuxhasa umsebenzi wethu, kwaye uza kuqhubeka esinika amandla ukuze senze ukuthanda kwakhe.—Isa. 54:17.