Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 17

Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani

Kuqeqeshwa Abashumayeli BoBukumkani

INJONGO YESI SAHLUKO

Indlela izikolo zobuthixo eziye zabanceda ngayo abashumayeli boBukumkani ukuze balungele ukuwenza ngokupheleleyo umsebenzi abawunikiweyo

1-3. UYesu wawandisa njani umsebenzi wokushumayela, nto leyo ebangela yiphi imibuzo?

UYESU washumayela kulo lonke elaseGalili kangangeminyaka emibini. (Funda uMateyu 9:35-38.) Watyelela izixeko needolophana ezininzi, efundisa kwizindlu zesikhungu yaye eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Naphi na apho wayeshumayela khona, izihlwele zazithontelana ukuza kuye. UYesu wathi: “Isivuno sikhulu,” ngoko kufuneka abasebenzi abangakumbi.

2 UYesu walungiselela ukwandisa umsebenzi wokushumayela. Njani? Ngokuthumela abapostile bakhe abayi-12 “ukuba baye kushumayela ubukumkani bukaThixo.” (Luka 9:1, 2) Kusenokwenzeka ukuba abapostile babezibuza ukuba baza kuwenza njani lo msebenzi. Ngaphambi kokuba abathume, ngothando uYesu wabanika into awayeyinikwe nguYise osezulwini—uqeqesho.

3 Ngoku kuthi qatha imibuzo emininzi ezingqondweni zethu: Luluphi uqeqesho uYesu awalufumana kuYise? Luluphi uqeqesho awalunika abapostile bakhe? Ngaba nanamhlanje uKumkani onguMesiya uyabaqeqesha abalandeli bakhe ukuze bashumayele kakuhle? Ukuba sithi ewe, ukwenza njani ke oko?

“Ndizithetha Ezi Zinto Kanye Njengoko Ubawo Wandifundisayo”

4. UYesu wafundiswa nini yaye phi nguYise?

4 UYesu akazange ayifihle into yokuba wafundiswa nguYise. Ngexesha lobulungiseleli bakhe, uYesu wathi: “Ndizithetha ezi zinto kanye njengoko uBawo wandifundisayo.” (Yoh. 8:28) Wafundiswa nini yaye phi? Ngokuqinisekileyo waqeqeshwa kanye emva kokuba lo Nyana kaThixo olizibulo edaliwe. (Kol. 1:15) Wachitha iminyaka engenakubaleka ekunye noYise osezulwini, emphulaphula yaye ebona izinto ezenziwa ngulo ‘mYaleli Ozukileyo.’ (Isa. 30:20) Oko kwabangela ukuba uNyana afumane imfundo engenakuthelekiswa nanto kwiimpawu zikaYise, imisebenzi nenjongo yakhe.

5. Yintoni uYise awayifundisa uNyana ngomsebenzi wokushumayela awayeza kuwenza emhlabeni?

5 Kanye ngexesha elifanelekileyo, uYehova wafundisa lo Nyana wakhe ngomsebenzi wokushumayela awayeza kuwenza emhlabeni. Khawucinge ngesiprofeto esichaza ulwalamano lomYaleli Ozukileyo noNyana wakhe olizibulo. (Funda uIsaya 50:4, 5.) Esi siprofeto sithi uYehova wayevusa uNyana wakhe “iintsasa ngeentsasa.” Eli binzana likwenza ube nomfanekiso-ngqondweni katitshala ovusa abafundi ekuseni ukuze abafundise. Enye incwadi yabaphengululi beBhayibhile ithi: “UYehova . . . ufundisa uYesu ngokungathi ngumfundi esikolweni, umfundisa into amele ashumayele ngayo, nendlela amele ashumayele ngayo.” Kweso “sikolo” sasezulwini, uYehova wafundisa uNyana wakhe oko ‘makakuxele noko makakuthethe.’ (Yoh. 12:49) Waphinda wamyalela ngendlela amele afundise ngayo. * Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu walusebenzisa olu qeqesho kubulungiseleli bakhe nasekuqeqesheni abalandeli bakhe ukuze bawenze kakuhle umsebenzi wabo wokushumayela.

6, 7. (a) Luluphi uqeqesho uYesu awalunika abapostile, yaye lwabaxhobisela ntoni? (b) UYesu uye waqiniseka ukuba abalandeli bakhe banamhlanje bafumana luphi uqeqesho?

6 Njengoko kuchaziwe ekuqaleni, luluphi uqeqesho uYesu awalunika abapostile bakhe? Ngokutsho kukaMateyu isahluko 10, wabayalela ngezinto ababemele bazenze xa beshumayela, ezifana nezi: indawo abamele bashumayele kuyo (ivesi 5, 6), isigidimi ababemele bashumayele ngaso (ivesi 7), imfuneko yokuthembela kuYehova (ivesi 9, 10), indlela ababemele bayiqalise ngayo incoko kubaninimzi (ivesi 11-13), into ekwakufuneka bayenze xa bechaswa (ivesi 14, 15), nento ababemele bayenze xa betshutshiswa (ivesi 16-23). * Olo qeqesho lucacileyo awalunika abapostile bakhe lwabaxhobisela ukuba bakhokele kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo ngenkulungwane yokuqala.

7 Kuthekani ngalo mhla wethu? UYesu, uKumkani woBukumkani bukaThixo, uye wanika abalandeli bakhe esona sabelo sibalulekileyo, esokushumayela “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani . . . kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Ngaba uKumkani usiqeqeshile thina ngendlela esimele siwenze ngayo lo msebenzi ubaluleke kangaka? Asikuthandabuzi oko! Esezulwini, uye waqiniseka ukuba abalandeli bakhe baqeqeshwa ngendlela abamele bashumayele ngayo, nangendlela abamele bazisingathe ngayo iimbopheleleko ebandleni.

Kuqeqeshwa Abashumayeli Ukuba Babe Ngabavangeli

8, 9. (a) Yayiyintoni eyona njongo ibalulekileyo yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? (b) Intlanganiso yaphakathi evekini ikuncede njani ukuze ube ngumshumayeli ophum’ izandla?

8 Kwakudala, intlangano kaYehova ibisebenzisa iindibano neentlanganiso zebandla—ezifana neNtlanganiso Yenkonzo—ukuze ibaqeqeshele intsimi abantu bakaThixo. Noko ke, ususela kwiminyaka yoo-1940, abazalwana abakhokelayo abakwikomkhulu balungiselela ukuba kubekho izikolo ezahlukahlukeneyo zokubaqeqesha.

9 ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Njengoko sifundile kwisahluko esidluleyo, esi sikolo saqalisa ukuqhutywa ngo-1943. Ngaba injongo yesi sikolo yayikukuqeqesha nje abafundi ukuba bakwazi ukunikela iintetho ebandleni? Akunjalo. Eyona njongo ibalulekileyo yaso yayikukuqeqesha abantu bakaThixo ukuba bakwazi ukusebenzisa isipho abanaso sokuthetha ukuze badumise uYehova entsimini. (INdu. 150:6) Sasixhobisa bonke abazalwana noodade ababebhalise kuso ukuba babe ngabashumayeli boBukumkani abaphum’ izandla. Ngoku olo qeqesho silufumana kwintlanganiso yaphakathi evekini.

10, 11. Ngoobani abanokubhalisa kwiSikolo SaseGiliyadi, yaye yintoni injongo yezinto ezifundiswa apho?

10 ISikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi. ISikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi saqala ngoMvulo, ngoFebruwari 1, 1943. Sasenzelwe ukuqeqesha oovulindlela nabanye abakhonzi bexesha elizeleyo ukuze babe ngabathunywa bevangeli ababeza kuya kushumayela kwintsimi yehlabathi. Kodwa ukususela ngo-Oktobha 2011, abo bavunyelwa ukuba babhalise ngabasele bekwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo kuphela—oovulindlela abakhethekileyo, abaveleli abahambahambayo nabafazi babo, abakhonza eBheteli nabathunywa bevangeli abangekayi kwesi sikolo.

11 Yintoni injongo yezifundo zeSikolo saseGiliyadi? Elinye igqala lotitshala wesi sikolo lithi: “Kukomeleza ukholo lwabafundi ngokulifundisisa kakuhle iLizwi likaThixo nokubanceda babe neempawu ezifunwa nguThixo ukuze bakwazi ukujamelana neengxaki abaza kudibana nazo kwisabelo sabo. Kwakhona, enye injongo ebalulekileyo yezi mfundiso kukubethelela umnqweno ongakumbi wokushumayela.”—Efe. 4:11.

12, 13. Siye sanceda njani iSikolo SaseGiliyadi kumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini? Nika umzekelo.

12 Siye sanceda njani esi Sikolo saseGiliyadi kumsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini? Ukususela ngo-1943, kuye kwaqeqeshwa abantu abangaphezu kwe-8 500 kuso, * yaye abavangeli abaqeqeshwe kuso baye bathunyelwa kumazwe angaphezu kwayi-170 emhlabeni wonke. Abathunywa bevangeli baye balusebenzisa kakuhle uqeqesho abalufumeneyo, bemisela umzekelo omhle ngenzondelelo yabo yaye beqeqesha nabanye ukuba benze okufanayo. Kwiimeko ezininzi, abathunywa bevangeli baye bakhokela kumsebenzi wokushumayela kwimimandla eneqaqobana labavakalisi boBukumkani.

13 Cinga ngoko kwenzeka eJapan, apho kwakhe kwayekwa ukushumayela ngeMfazwe Yehlabathi II. NgoAgasti 1949, abavakalisi baseJapan babengaphantsi kweshumi. Wathi uphela loo nyaka kwabe kushumayela abathunywa bevangeli ababeqeqeshwe eGiliyadi abayi-13 apho. Emva koko kweza abathunywa abangakumbi. Ekuqaleni, aba bathunywa bashumayela kakhulu kwizixeko ezikhulu; kamva baya nakwezinye iidolophu. Bakhuthaza izifundo zabo nabanye abafundi ukuba babe ngoovulindlela. Yonke imigudu abayenzayo yaba nemiphumo emihle. Sithetha nje, kukho abavakalisi boBukumkani abangaphezu kwe-216 000 eJapan, yaye i-40 pesenti yabo, ngoovulindlela! *

14. Izikolo zobuthixo zibubungqina bantoni? (Funda nebhokisi ethi “ Izikolo Eziqeqesha Abalungiseleli BoBukumkani.”)

14 Ezinye izikolo zobuthixo. ISikolo Senkonzo Yobuvulindlela, iSikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu, neSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga, ziye zanceda abafundi ukuba bayazi ngakumbi iBhayibhile baze bakhuthale kumsebenzi wokushumayela. * Zonke ezi zikolo zibubungqina obungenakuthandabuzwa bokuba uKumkani wethu ubaxhobisa ngokupheleleyo abalandeli bakhe ukuze bawenze kakuhle umsebenzi wokushumayela.—2 Tim. 4:5.

Ukuqeqesha Abazalwana Bawenze Kakuhle Umsebenzi Wabo

15. Amadoda anikwe iimbopheleleko afuna ukuxelisa uYesu ngayiphi indlela?

15 Khawucinge ngesiprofeto sikaIsaya esithetha ngoYesu owayefundiswa nguThixo. Kweso “sikolo,” uNyana wafunda “indlela yokuphendula odiniweyo ngelizwi.” (Isa. 50:4) Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wasebenzisa oko wayekufunde kuYise; wahlaziya abo ‘babebulaleka nababesindwa ngumthwalo.’ (Mat. 11:28-30) Amadoda anikwe iimbopheleleko axelisa uYesu ngokuhlaziya abazalwana noodade. Ngenxa yoko, kuye kwamiselwa izikolo ezahlukahlukeneyo ukuze kuncedwe abazalwana abafanelekayo ukuba babakhonze kakuhle abazalwana babo.

16, 17. Yintoni injongo yeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani? (Funda nombhalo osemazantsi.)

16 ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Iklasi yokuqala yesi sikolo yaba ngoMatshi 9, 1959, eSouth Lansing, eNew York. Kule klasi yathatha inyanga, kwakuye abaveleli abahambahambayo nezicaka zebandla. Kamva, izifundo zaziguqulelwa kwezinye iilwimi, yaye kwaqaliswa ukuqeqesha abazalwana abakulo lonke ihlabathi. *

UMzalwan’ uLloyd Barry ufundisa kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani eJapan, ngo-1970

17 Ithetha ngenjongo yeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani, iNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-1962 yathi: “Kweli hlabathi limaxhaphetshu, umveleli webandla lamaNgqina kaYehova umele abe yindoda elungeleleneyo ukuze aziphe ithuba elaneleyo labo bonke ebandleni nokuze abe luncedo kubo bonke. Kwangaxeshanye, akamele angayikhathaleli intsapho yakhe ngenxa yebandla, kodwa umele abe nengqiqo. Kulo lonke ihlabathi izicaka zebandla ziye zanikwa ilungelo lokuza kuqeqeshwa kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani ukuze zincedwe zenze kanye oko kuthethwa yiBhayibhile.”—1 Tim. 3:1-7; Tito 1:5-9.

18. Yintoni abayizuzayo abantu bakaThixo kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani?

18 Bonke abantu bakaThixo baye bazuza kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. Njani? Xa abadala nezicaka zolungiselelo bekwenza oko bakufunde kwesi sikolo, bayabahlaziya abazalwana noodade kanye njengoYesu. Ngaba akuwathandi amazwi amnandi, indlebe ephulaphulayo okanye ukutyelelwa ngumdala okanye isicaka solungiselelo esikukhathaleleyo? (1 Tes. 5:11) La madoda afanelekayo aluncedo ngokwenene emabandleni!

19. Ziziphi ezinye izikolo ezalathiswa yiKomiti Yokufundisa, yaye zenzelwe ntoni?

19 Ezinye izikolo zobuthixo. IKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo yalathisa ezinye izikolo zokuqeqesha abazalwana abasetyenziswa yintlangano. Ezo zikolo zenzelwe ukunceda aba bazalwana—abadala bebandla, abaveleli abahambahambayo, amalungu eKomiti Yesebe—ukuba bayenze ngendlela efanelekileyo yonke imisebenzi abayinikiweyo. Izifundo ezithatyathwe eBhayibhileni zikhuthaza abazalwana ukuba bahlale bekhuthele enkonzweni baze basebenzise imigaqo yeZibhalo xa besebenza nezimvu zabo ezithandekayo athe uYehova mabazinyamekele.—1 Pet. 5:1-3.

Iklasi yokuqala yeSikolo Sokuqeqesha Izicaka Zolungiselelo esasiseMalawi, ngo-2007

20. Siyintoni isizathu sokuba uYesu athi sonke ‘sifundiswe nguYehova,’ yaye wena uzimisele ukwenza ntoni?

20 Kucacile ukuba uKumkani onguMesiya uye waqiniseka ukuba abalandeli bakhe baqeqeshwa kakuhle. Lonke olo qeqesho lusuka phezulu: UYehova waqeqesha uNyana wakhe, yena uNyana waqeqesha abalandeli bakhe. Ngenxa yoko, uYesu wathi sonke ‘sifundiswe nguYehova.’ (Yoh. 6:45; Isa. 54:13) Masizimisele ukulusebenzisa lonke uqeqesho esilunikwe nguKumkani wethu. Masingaze silibale ukuba eyona njongo yalo lonke olu qeqesho kukusinceda somelele enkonzweni ukuze sibufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bethu.

^ isiqe. 5 Sazi njani ukuba uYise wafundisa uNyana wakhe indlela yokushumayela? Khawucinge ngoku: Xa uYesu wayesebenzisa kakhulu imizekeliso ngoxa efundisa wayezalisekisa isiprofeto esabhalwa kumakhulu eminyaka ngaphambi kokuba azalwe. (INdu. 78:2; Mat. 13:34, 35) Ngokucacileyo, uMbhali weso siprofeto, uYehova, wayazi kwakudala into yokuba uNyana wakhe wayeza kufundisa ngemizekeliso.—2 Tim. 3:16, 17.

^ isiqe. 6 Kwiinyanga kamva, uYesu ‘watyumba abanye abangamashumi asixhenxe waza wabathuma ngababini’ ukuba baye kushumayela waza wabaqeqesha.—Luka 10:1-16.

^ isiqe. 12 Abanye baye kaninzi kwiSikolo saseGiliyadi.

^ isiqe. 13 Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi ngegalelo elenziwe ngabathunywa bevangeli abaqeqeshwe eGiliyadi kwintsimi yehlabathi, funda isahluko 23 sencwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo.

^ isiqe. 14 Isikolo sesibini nesesithathu ziye zathatyathelw’ indawo siSikolo Sabavakalisi BoBukumkani.

^ isiqe. 16 Ngoku bonke abadala bayazuza kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani esithatha amaxesha angafaniyo nesiqhutywa emva kweminyaka embalwa. Ukususela ngo-1984, nezicaka zolungiselelo ziye zaqeqeshwa kwesi sikolo.