Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 22

UBukumkani Bufeza Intando KaThixo Emhlabeni

UBukumkani Bufeza Intando KaThixo Emhlabeni

INJONGO YESI SAHLUKO

UBukumkani bufeza zonke izithembiso zikaThixo ngoluntu nangomhlaba

1, 2. (a) Kutheni kunokuba nzima ukukholelwa ukuba iParadesi asilophupha nje? (b) Yintoni enokusinceda sibe nokholo olungagungqiyo kwizithembiso zikaThixo?

UMZALWANA othembekileyo ufika ezintlanganisweni edinwe eyimfe ngumsebenzi wemini. Ebengaphathwanga kakuhle ngumphathi wakhe ofuna yonke into yenziwe ngexesha nangendlela afuna ngayo, ingqond’ ibamb’ iyeka ziingxaki zentsapho yaye umfazi wakhe uyagula. Njengoko kuqalisa ingoma yokuvula, kutsho kuthi qabu kulo mzalwana evuyela ukuba kwiHolo yoBukumkani nabazalwana noodadewabo. Le ngoma ithetha ngethemba leParadesi, yaye amazwi ayo athi makabe nomfanekiso-ngqondweni welo themba, azibone naye ephila apho. Le yingoma ayithandayo, yaye njengoko eyicula nentsapho yakhe, uthuthuzelwa lithemba lekamva.

2 Ngaba wakha wavakalelwa ngale ndlela? Uninzi lwethu lukhe lwavakalelwa kanjalo. Asinakuyiphika kona into yokuba indlela esiphila ngayo kweli hlabathi inokwenza kube nzima gqitha ukukholelwa ukuba iParadesi asilophupha nje. La ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ kwaneli hlabathi siphila kulo, akafani nakancinane neparadesi. (2 Tim. 3:1) Yintoni enokusinceda singayithandabuzi into yokuba ithemba esinalo liyinto yokwenene? Yintoni esenza siqiniseke ukuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kulawula lonke uluntu? Makhe siqwalasele ezinye zeziprofeto zikaYehova abazibona zizaliseka abantu bakhe bamandulo. Emva koko siza kuhlolisisa indlela evuyisa ngayo inzaliseko yazo nezinye namhlanje. Ekugqibeleni, emva kokuba ukholo lwethu lomelezwe ngolo hlobo, siza kuthetha ngentsingiselo yezo ziprofeto kwikamva lethu.

Indlela UYehova Awazizalisekisa Ngayo Izithembiso Zakhe Kwixa Elidluleyo

3. Sisiphi isithembiso esawathuthuzelayo amaYuda awayesekuthinjweni eBhabhiloni?

3 Khawube nomfanekiso-ngqondweni wobomi bamaYuda awayethinjwe eBhabhiloni ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni. Amaninzi akhulela ekuthinjweni njengabazali bawo, yaye apho ubomi babungeyondlwan’ iyanetha. AmaBhabhiloni ayewagculela ngenxa yokholo lwawo kuYehova. (INdu. 137:1-3) Ukutyhubel’ amashumi eminyaka, loo maYuda athembekileyo aliqinisa ithemba lawo elaliqaqambile: UYehova wayethembise ukuba wayeza kubabuyisela kwilizwe labo abantu bakhe. Wathi baya kuphila ubomi obumnandi apho. Wada wafanisa elo lizwe libuyiselweyo lakwaYuda negadi yase-Eden—iparadesi! (Funda uIsaya 51:3.) Ezo zithembiso zabenza baqiniseka abantu bakaThixo ngekamva, zithetha ngezinto ekusenokwenzeka ukuba zazibaxhalabisa. Njani? Khawuphawule ezinye zezinto ekwaprofetwa ngazo.

4. UYehova wawaqinisekisa njani amaYuda ukuba wayeza kuwakhusela kwilizwe lawo?

4 Ukunqabiseka. Loo maYuda ayengazi kubuyela kwiparadesi yokwenene, kodwa kwilizwe elikude ebeliyinkangala kangangeminyaka eyi-70, kangangokuba amanye awo ayengalazi nokulazi. Iingonyama, oodyakalashe, izingwe nezinye izilwanyana ezizingelayo zazixhaphakile kumazwe ekwakuhlalwa kuwo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Intloko-ntsapho yayinokuzibuza oku, ‘Ndiza kumkhusela njani umfazi nabantwana bam? Khona, ndiza kwenza njani ukuze iigusha neenkomo zam zingatyiwa zizilwanyana zasendle?’ Ziingcinga ezazilindelekile kakade ezo. Ngoku khawucinge ngesithembiso sikaThixo esikuIsaya 11:6-9 nendlela esinokuba sasithuthuzela ngayo. (Sifunde.) Ngaloo mazwi amnandi nangumbongo, uYehova wayeqinisekisa amaYuda athinjiweyo ukuba wayeza kuyikhusela imfuyo yawo. Ingonyama yayiza kutya iindiza ngengqiqo yokuba yayingazi kuqwenga iinkomo zawo. Kwakungekho mfuneko yokuba abantu abathembekileyo bakaThixo bankwantyiswe zezi zilwanyana. UYehova wabathembisa ukuba uya kubakhusela kwelo lizwe lakwaYuda, entlango nasemahlathini.—Hez. 34:25.

5. Ziziphi iziprofeto ezanceda amaYuda awayebuya ekuthinjweni aqiniseka ukuba uYehova wayeza kuwanyamekela?

5 Intabalala. Zisenokuba zikho nezinye izinto ezazibaxhalabisa. ‘Ndiza kuyondla ngantoni intsapho yam kwelo lizwe? Siza kuhlala phi? Ndiza kusebenza njani, ngaba loo msebenzi awuzi kufana nalowo wobukhoboka endandiwenza ekuthinjweni?’ UYehova waphefumlela ukuba kuprofetwe ngeempendulo zaloo mibuzo. Wathembisa abantu bakhe abathembekileyo ngemvula, eyayiza kubangela ukuba umhlaba ‘utyebe uze uvelise intabalala’ yesonka. (Isa. 30:23) Wabathembisa ngeendawo zokuhlala nomsebenzi ovuyisayo esithi: “Baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye.” (Isa. 65:21, 22) Babeza kuphila kamnandi gqitha kunendlela ababephila ngayo kwiBhabhiloni yabahedeni. Kodwa kwakuza kuthiwani ngezona ngxaki zabo zinkulu—ezo zabangela ukuba babe sekuthinjweni?

6. Ziziphi iingxaki ezazithwaxa abantu bakaThixo, ibe yintoni uYehova awabathembisa yona?

6 Impilo yokomoya. Kwangaphambi kokuba basiwe ekuthinjweni, ukholo lwabantu bakaThixo lwaluxengaxenga. Ngomprofeti uIsaya uYehova wathi ngabantu bakhe: “Intloko iphela ikwimeko yokugula, nentliziyo yonke ibuthathaka [inesifo].” (Isa. 1:5) Ngokomoya, babeziimfama nezithulu, kuba babezivala iindlebe zabo kwimiyalelo kaYehova, naxa ebakhanyisela babewavala amehlo abo. (Isa. 6:10; Yer. 5:21; Hez. 12:2) Ukuba abathinjwa ababuyiselweyo babeza kuba neengxaki ezifana nezo, yintoni ababenokuqiniseka ngayo? Ngaba babengazi kuphinda balahlwe nguYehova? Isithembiso sikaYehova sabaqinisekisa oku: “Ngaloo mini izithulu ngokuqinisekileyo ziya kuva amazwi encwadi le, yaye esithokothokweni nasebumnyameni kwanamehlo eemfama aya kubona.” (Isa. 29:18) Wayeza kubaphilisa ngokomoya abantu bakhe abaqeqeshekileyo nababeguqukile. Ukuba babeza kuqhubeka bemthobela, wayeza kubakhanyisela ukuze bayibone indlela enika ubomi.

7. Zazaliseka njani izithembiso zikaThixo kubantu bakhe ababethinjiwe, yaye kutheni oku kufanele kulomeleze ukholo lwethu?

7 Ngaba uYehova wazenza izinto awayebathembise zona abantu bakhe? Izinto ezenzekayo zibonisa ukuba wenjenjalo. AmaYuda awabuyela kwilizwe lawo akhuselwa, anentabalala yezinto aza aphila ngokomoya. Ngokomzekelo, uYehova wawakhusela kubamelwane bawo ababezizigantsontso nababebaninzi kunawo. Amarhamncwa asendle awazange ayichukumise nokuyichukumisa imfuyo yawo. Liyinyaniso elokuba, loo maYuda abona inzaliseko engephi yeziprofeto zeparadesi awabhala ngazo amadoda afana noIsaya, uYeremiya noHezekile—kodwa inzaliseko yazo yayibangela imincili ngokwenene yaye kwenzeka kanye le nto babeyifuna abantu bakhe ababephila ngelo xesha. Njengoko sicamngca ngezinto uYehova awazenzela abantu bakhe ngelo xesha, ukholo lwethu luza komelela. Ukuba inzaliseko yokuqala nelinganiselweyo yezo ziprofeto yayibangel’ imincili ngolo hlobo, kuya kuba njani ke xa zizaliseka ngokupheleleyo? Makhe siqwalasele izinto asenzele zona uYehova namhlanje.

Indlela UYehova Aqalise Ngayo Ukuzalisekisa Izithembiso Zakhe Kule Mihla Yethu

8. Namhlanje abantu bakaThixo banandipha ubomi ‘kwilizwe’ elinjani?

8 Abantu bakaYehova abalohlanga lunye, yaye abaphili kwilizwe elinye. Kunoko, ngamaKristu athanjisiweyo aluhlanga lokomoya, “uSirayeli kaThixo.” (Gal. 6:16) Amaqabane awo ‘azezinye izimvu’ awancedisa ‘kwilizwe’ lokomoya, oko kukuthi intlangano kaYehova, ukuze bonke bamnqule ngomanyano. Olo nqulo yindlela abaphila ngayo. (Yoh. 10:16; Isa. 66:8) ‘Lilizwe’ elinjani eli silinikwe nguYehova? Yiparadesi yokomoya. Kweli lizwe, izithembiso zikaThixo ngeemeko ezifana nezase-Eden ziye zazaliseka ngokomoya. Nantsi eminye imizekelo yoku.

9, 10. (a) Isiprofeto esikuIsaya 11:6-9 sizaliseka njani namhlanje? (b) Bubuphi ubungqina bokuba abantu bakaThixo banandipha uxolo?

9 Ukunqabiseka. Kwisiprofeto esikuIsaya 11:6-9, sibona umfanekiso ochulumancisayo wemvisiswano noxolo—phakathi kwezilwanyana zasendle naphakathi kwabantu nezilwanyana zabo zasekhaya. Namhlanje oko kuyazaliseka ngokomoya. Kwivesi 9, sifunda ngesizathu sokuba ezi zidalwa zingayi kwenzakalisa okanye zonakalise: “Ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” Ngaba ‘ukwazi uYehova’ kuyayitshintsha indlela eziphila ngayo izilwanyana? Akunjalo, ngabantu abatshintshwa kukwazi uThixo ongoYena Uphakamileyo nokufunda ukuxelisa iindlela zakhe zoxolo. Yiloo nto namhlanje sibona inzaliseko yeso siprofeto kwiparadesi yethu yokomoya. Xa belawulwa buBukumkani, abalandeli bakaKristu bafunda ukuyeka iimpawu zabo ezibulwanyanarha baze baphile ngoxolo nemvisiswano nabazalwana noodadewabo.

10 Ngokomzekelo, kule ncwadi siye saxubusha ngokungathathi cala kwamaKristu—isizathu esingokweZibhalo esiye sabangela ukuba abantu bakaThixo batshutshiswe. Ngaba ayimangalisi into yokuba kweli hlabathi linogonyamelo, kukho iqaqobana ‘lohlanga’ lwabantu olungafuniyo, nokuba selugrogriswa ngokubulawa, ukufak’ isandla kulo naluphi na uhlobo logonyamelo? Obu bubungqina obumangalisayo nobungenakuphikiswa bokuba abalawulwa boBukumkani bukaMesiya banandipha uxolo olufana nolo luchazwe nguIsaya! UYesu wathi abalandeli bakhe babeya kwaziwa ngokuthandana. (Yoh. 13:34, 35) Ebandleni, ngomonde uKristu usebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuze afundise onke amaKristu anyanisekileyo ukuba abe noxolo, uthando aze athantamise.—Mat. 24:45-47.

11, 12. Yiyiphi indlala ethwaxa ihlabathi namhlanje, sekunjalo, uYehova ubondla ngokuyintabalala njani abantu bakhe?

11 INtabalala. Ihlabathi lifile yindlala yokomoya. IBhayibhile yalumkisa yenjenje: “‘Khangela! Kuza imihla,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘yaye ndiza kuthumela indlala elizweni, kungekhona indlala yesonka, kungekhona ukunxanelwa amanzi, kodwa kube kokokuva amazwi kaYehova.’” (Amosi 8:11) Ngaba nabalawulwa boBukumkani bukaThixo bayafa yindlala? UYehova wachaza indlela ababeza kwahluka ngayo abantu bakhe kwiintshaba zakhe: “Abakhonzi bam baya kudla, kodwa nina niya kulamba. Khangelani! abakhonzi bam baya kusela, kodwa nina niya kunxanwa. Khangelani! Abakhonzi bam baya kuba nemihlali, kodwa nina niya kudana.” (Isa. 65:13) Ngaba uwabonile ezaliseka la mazwi?

12 Amalungiselelo okomoya ahlala equkuqela okwamanzi omlambo oya usiba banzi noya usiba nzulu. Iincwadi zethu ezithetha ngeBhayibhile—izinto ezirekhodiweyo neevidiyo, iintlanganiso zethu neendibano, nawo wonke umbandela okwiWebhsaythi yethu—zonke ezi zinto zifana nezikhukula zamanzi asisondlo sokomoya kweli hlabathi libulawa yindlala yokomoya. (Hez. 47:1-12; Yow. 3:18) Ngaba akukuvuyisi ukubona inzaliseko yezithembiso zikaYehova zokufumana ukutya okuyintabalala imihla ngemihla? Ngaba uyaqiniseka ukuba uzondla rhoqo etafileni kaYehova?

Amabandla ethu asinceda sifunde ngoThixo, luze ukholo lwethu lukhuseleke

13. Usibone sizaliseka njani isithembiso sikaYehova sokuvula amehlo eemfama neendlebe zezithulu?

13 Impilo yokomoya. Namhlanje ihlabathi lizaliswe ziimfama nezithulu zokomoya. (2 Kor. 4:4) Sekunjalo, ehlabathini lonke uKristu uphilisa abantu abaneziphene nabagulayo. Ngaba ukhe wawabona amehlo eemfama evuleka, neendlebe zezithulu zisiva? Ukuba ubone abantu befikelela kulwazi oluchanileyo lwenyaniso yeLizwi likaThixo, bebuphosela kude bonke ubuxoki obuthethwa kunqulo lobuxoki nobubenze iimfama nezithulu, ubone ukuzaliseka kwesi sithembiso: “Ngaloo mini izithulu ngokuqinisekileyo ziya kuva amazwi encwadi le, yaye esithokothokweni nasebumnyameni kwanamehlo eemfama aya kubona.” (Isa. 29:18) Ehlabathini lonke, nyaka ngamnye kuphiliswa amakhulu amawaka abantu ngokomoya. Mntu ngamnye oshiya iBhabhiloni Enkulu aze kunqula nathi kwiparadesi yokomoya ubonisa ukuba izithembiso zikaYehova ziyinyaniso!

14. Bubuphi ubungqina obuya komeleza ukholo lwethu xa sicamngca ngabo?

14 Isahluko ngasinye sale ncwadi siqulethe ubungqina obubambekayo bokuba kweli xesha lesiphelo uKristu ubeke abalandeli bakhe kwiparadesi yokomoya. Masiqhubeke sicamngca ngeendlela ezininzi esisikelelwe ngazo kule paradesi. Njengoko sisenjenjalo, ukholo lwethu kwizithembiso zikaYehova zekamva luya kuqhubeka lusomelela.

“Mabufike UBukumkani Bakho”

15. Yintoni esenza siqiniseke ukuba umhlaba uza kuba yiparadesi?

15 Kwakudala injongo kaYehova yayikukwenza umhlaba wonke ube yiparadesi. Wabeka uAdam noEva eparadesi, waza wabayalela ukuba bazalise umhlaba ngenzala yabo baze banyamekele zonke izidalwa ezisemhlabeni. (Gen. 1:28) Kunoko, uAdam noEva bavukela kunye noSathana, nto leyo eyabangela ukuba yonke inzala yabo iphulukane nokufezeka, ibe nesono ize ife. Loo nto ayizange iyitshintshe injongo kaThixo. Nto nganye ayithethileyo isoloko isenzeka. (Funda uIsaya 55:10, 11.) Ngoko sinokuqiniseka ukuba inzala ka-Adam noEva iya kuwuzalisa umhlaba iweyise, ize inyamekele indalo kaYehova kumhlaba oyiparadesi. Ngelo xesha, oko kwaprofetwa ngexesha lamaYuda awayesekuthinjweni ngokuphila eparadesi kuya kuzaliseka ngokupheleleyo! Khawuqwalasele le mizekelo.

16. IBhayibhile ikuchaza njani ukunqabiseka esiya kukunandipha eParadesi?

16 Ukunqabiseka. Ekugqibeleni, amazwi avuyisayo akuIsaya 11:6-9 aya kuzaliseka ngokupheleleyo. Amadoda, abafazi nabantwana baya kuhamba bekhuselekile kuyo yonke indawo. Akukho sidalwa, enoba ngumntu okanye sisilwanyana, esiya kuboyikisa. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wexesha laxa wonke lo mhlaba uya kuba likhaya lakho, apho unokuqubha emilanjeni, kumachibi naselwandle; unqumle iintaba; uzulazule kumathafa aluhlaza ungoyiki nto. Naxa kusihlwa, awunaxhala lanto. Kuya kuzaliseka amazwi akuHezekile 34:25, apho abantu bakaThixo beya ‘kuhlala ngonqabiseko entlango baze balale emahlathini.’

17. Kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uza kusinika ngokuyintabalala izinto esizifunayo xa kulawula uBukumkani emhlabeni?

17 Intabalala. Yiba nombono wexesha laxa kobe kungasekho ndlala, ukungondleki, okanye abantu abaphila ngendodla. Intabalala yokutya kokomoya okunanditshwa ngabantu bakaThixo namhlanje, bubungqina obungathandabuzekiyo bokuba uKumkani onguMesiya uya kubondla ngeendlela zonke abalawulwa bakhe. Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa ngomkhamo nje omncinane ukuba uya kuzizalisekisa ezi zithembiso, kuba wondla amawaka abantu abalambileyo ngezonka neentlanzi ezimbalwa. (Mat. 14:17, 18; 15:34-36; Marko 8:19, 20) Xa uBukumkani bukaThixo bulawula emhlabeni wonke, iziprofeto ezifana nesi ziya kuzaliseka ngokoqobo: “Uya kuyinika imvula imbewu yakho oyihlwayeleyo emhlabeni, nesonka njengemveliso yomhlaba. Imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini kwidlelo eliphangaleleyo.”—Isa. 30:23.

18, 19. (a) Sithetha ntoni kuwe isiprofeto esikuIsaya 65:20-22? (b) Imihla yethu iya kuba ‘njengemihla yomthi’ ngayiphi ingqiqo?

18 Namhlanje abantu abaninzi abaziboni behlala kwikhaya elihle okanye besenza umsebenzi ohlawula kakuhle nowanelisayo. Kule nkqubo yonakeleyo, abaninzi babila besoma iiyure ezininzi baze bona neentsapho zabo bafumane umvuzo omncinane kakhulu, ngoxa yonke into isiya kwizityebi nabantu ababawayo. Khawucinge ukuba kuya kuba njani xa kuzaliseka esi siprofeto ehlabathini lonke: “Baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye. Kuba njengemihla yomthi iya kuba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.”—Isa. 65:20-22.

19 Kuthetha ukuthini ukuthi imihla yethu iya ‘kuba njengemihla yomthi’? Xa ume kufutshane nomthi omkhulu, ngaba awukhe uzibuze ukuba mdala kangakanani lo mthi—mhlawumbi wabakho ngaphambi kokuba ookhokho bakho bazalwe? Mhlawumbi unokucinga nokuba, ukuba ubunokuhlala ungafezekanga, loo mthi ubuya kuba mdala lee kuwe, uphile ixesha elide kwanasemva kokuba wena sele wafayo. Indlela asithanda ngayo uYehova usiqinisekisa ukuba kwiParadesi ezayo, imihla yethu iya kuba mide size siphile ngoxolo! (INdu. 37:11, 29) Kuza ixesha laxa kwaneyona mithi kudala ikho iya kuphelelwa njengengca, ibekho iphinde ingabikho, ngoxa thina siya kube siphila ngonaphakade!

20. Abalawulwa boBukumkani abanyanisekileyo baya kuba yimiqabaqaba njani?

20 Impilo egqibeleleyo. Namhlanje, wonke umntu ophilayo uyagula aze afe. Ngelivakalayo, sonke sosulelwe sisigulo esingapheliyo, isono. Inye indlela yokusinyanga, lidini lentlawulelo likaKristu. (Roma 3:23; 6:23) Ebudeni boLawulo lwakhe Lweminyaka Eliwaka, uYesu kunye nabo aza kulawula nabo baya kunceda abantu bafumane iingenelo zeli dini, beziphelisa ngokuthe ngcembe zonke izinto ezibangelwe sisono ebantwini. Esi siprofeto sikaIsaya siya kuzaliseka ngokupheleleyo: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’ Abemi belo lizwe baya kuzixolelwa iziphoso zabo.” (Isa. 33:24) Khawucinge ngexesha laxa kungekho mntu ungasoze aphinde abone mfama, isithulu, okanye umntu onesiphene. (Funda uIsaya 35:5, 6.) Akukho sigulo angayi kukwazi ukusiphilisa uYesu—enoba sesasemzimbeni, engqondweni okanye seseemvakalelo. Abalawulwa boBukumkani baya kuba yimiqabaqaba!

21. Kuza kwenzeka ntoni kutshaba ukufa, yaye kutheni sithuthuzela nje esi sithembiso?

21 Noko ke, kuthekani ngomphumo wesono ongaphephekiyo, nodla ngokubangelwa kukugula—ukufa? Olu ‘lutshaba lwethu lokugqibela,’ olubaqengq’ ugodo bonke abantu abangafezekanga. (1 Kor. 15:26) Kodwa ngaba olu tshaba luyamoyisa uYehova? Khawuve ukuba waprofeta wathini uIsaya: “Uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.” (Isa. 25:8) Khawube nomfanekiso-ngqondweni welo xesha! Apho kobe kungasekho mingcwabo, kungekho mangcwaba okanye abantu abalilayo! Ekuphela kweenyembezi oya kuzibona—zezovuyo, njengoko uYehova ezalisekisa isithembiso sakhe sokuvusa abafi! (Funda uIsaya 26:19.) Ekugqibeleni, onke amanxeba abangelwe kukufa aya kuphola.

22. Yintoni eya kwenzeka emva kokuba uBukumkani bukaMesiya bugqibile ukwenza ukuthanda kukaThixo emhlabeni?

22 Iya kuthi iphela iMinyaka Eliwaka bube uBukumkani bugqibile ukwenza ukuthanda kukaThixo emhlabeni, aze uKristu abuyisele iintambo kuYise. (1 Kor. 15:25-28) Abantu abaya kube befezekile ngelo xesha, baya kube bekulungele ukuvavanywa okokugqibela xa uSathana ekhululwa enzonzobileni. Emva koko, uKristu uya kulityumza elo qothaqikili lenyoka kunye nawo onke amahlakani alo. (Gen. 3:15; ISityhi. 20:3, 7-10) Kodwa izinto ziya kubahambela kakuhle bonke abo banyanisekileyo kuYehova. Asiqondi ukuba akho amanye amazwi anokuyichaza kakuhle le nto ngaphezu kwala aphefumlelweyo. Asisithembiso sokuba abanyanisekileyo baya kufumana ‘inkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.’—Roma 8:21.

UBukumkani buza kuzizalisekisa zonke izinto uYehova azithembisileyo ngabantu nomhlaba

23, 24. (a) Kutheni siqinisekile nje ukuba izithembiso zikaThixo ziza kuzaliseka? (b) Wena, uzimisele ukwenza ntoni?

23 Ezo zithembiso azisekelwanga kumathemba, iminqweno okanye amaphupha nje. Izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka nokuba sekumnyam’ entla! Ngoba? Ungawalibali kaloku amazwi kaYesu esithethe ngawo kwisahluko sokuqala sale ncwadi. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuYehova bathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mat. 6:9, 10) UBukumkani bukaThixo abuyontsom’ emini. Buyinto yokwenene! Sithetha nje bulawula ezulwini. Kangangenkulungwane, buye bazizalisekisa izithembiso zikaYehova, ibe loo nto icace gca kuthi bakwibandla lamaKristu. Sinokuqiniseka ke ngoko ukuba zonke izithembiso zikaYehova ziya kuzaliseka xa uBukumkani bukaThixo bufika buze bulawule wonke umhlaba!

24 Siyazi ukuba uBukumkani bukaThixo buza kufika. Siqinisekile ukuba zonke izithembiso zikaYehova ziya kuzaliseka. Ngoba? Kuba UBUKUMKANI BUKATHIXO BUYALAWULA! Nanku umbuzo ngamnye wethu afanele azibuze wona, ‘Ngaba uBukumkani buyandilawula mna?’ Masenze konke okusemandleni ukuze sibonise ukuba siyabuthobela obu Bukumkani, nokuze sizuze ngonaphakade kulawulo lwalo rhulumente ufezekileyo nonobulungisa!