Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Bavakalisi BoBukumkani Esibathandayo:

MASITHI ulilungu lentsapho yaseBheteli eBrooklyn, yaye kungentsasa yangoLwesihlanu ngo-Oktobha 2, 1914. Uhleli kwitafile owabelwe kuyo, ulinde ukuba uMzalwan’ uC. T. Russell afike. Ngequbuliso uthi gqi kumnyango weholo yokutyela. Njengesiqhelo, uyema kancinane, aze abulise intsapho yaseBheteli ngehlombe esithi “Molweni nonke.” Kodwa ngoku endaweni yokuba aye kuhlala etafileni yakhe, uqhwaba izandla aze enze esi saziso sivuyisayo: “AmaXesha Eentlanga aphelile; liphelile ixesha lookumkani bazo!” Awukwazi ukuzibamba—sekulithuba ukhangele phambili kweli xesha! Kunye nayo yonke intsapho yaseBheteli, emva kweso saziso nitsho ngentswahla yezandla.

Sekudlule amashumi eminyaka ukususela oko uMzalwan’ uRussell wenza esi saziso sichulumancisayo. Yintoni efezwe buBukumkani ukususela ngoko? Ininzi kakhulu! Ngobu Bukumkani, uYehova ebeqhubeka ebacoca yaye ebaqeqesha abantu bakhe, ababengamawaka ambalwa ngo-1914, kodwa abangaphaya kwezigidi ezisixhenxe ezinesiqingatha sithetha nje. Wena, lukuncede kangakanani olu qeqesho?

Namhlanje sisoloko sisiva abazalwana bethu besithi, “Inqwelo kaYehova yasezulwini ihamba ngesantya esiphezulu!” ibe bachan’ ucwethe. Noko ke, eyona nto ibalulekileyo yile, ukususela ngo-1914, le nqwelo yasezulwini, efuzisela intlangano kaYehova, ibisoloko ibaleka ngesantya esiphezulu, njengoko uza kubona xa ufundisisa le ncwadi. Befuna ukuba iindaba ezilungileyo zifikelele kulo lonke ihlabathi, abavakalisi boBukumkani baye basebenzisa iindlela ezintsha ezahlukahlukeneyo zokushumayela, ezifana namaphephandaba, izibhengezo eziphathwa ngabavakalisi, imifanekiso, amakhadi okunikel’ ubungqina, iigramafoni, iiradio, nkqu neIntanethi.

Ekubeni uYehova ewusikelela lo msebenzi, ngoku sipapasha iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ezinik’ umdla ngeelwimi ezingaphezu kwe-670, yaye sizisasaza ebantwini ngaphandle kwexabiso. Amatsha-ntliziyo azinikeleyo aye ancedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani, iiHolo zeNdibano nezakhiwo zamasebe, kumazwe afumileyo nangathathi-ntweni. Xa kusehla intlekele, abazalwana noodade abanothando bayeka yonke into baye kunceda kuloo mimandla, bebonisa ukuba ngokwenene ‘bangabazalwana abazalelwe ixesha lokubandezeleka.’—IMize. 17:17.

Maxa wambi, abefundisi nabanye abachasi baye ‘bayila inkathazo ngommiselo okanye ngomthetho,’ kodwa komelez’ ukholo ukubona ukuba amaxesh’ amaninzi, inkcaso yabo iye yabangela ukuba ‘kuhanjiselwe phambili iindaba ezilungileyo.’—INdu. 94:20; Fil. 1:12.

Sinelungelo elikhulu lokunxulumana nani, ekubeni sonke ‘siyimpahla yendlu’ kaKristu. Ningaze niyithandabuze nakancinane into yokuba sinithanda ngokwenene. Sinqwenela ukuba le ncwadi inincede nilixabise ngakumbi ilifa lenu lokomoya.—Mat. 24:45.

Sininqwenelela impumelelo,

Abazalwana benu,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova