Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngasekhohlo: Ekupheleni kweminyaka yee-1930 udade waseAlabama, eMerika, umamele intetho kaMzalwan’ uRutherford; ngasekunene: ESwitzerland

ICANDELO 1

Inyaniso YoBukumkani—Ukusasaza Inyaniso YeBhayibhile

Inyaniso YoBukumkani—Ukusasaza Inyaniso YeBhayibhile

ISIFUNDO sakho seBhayibhile siyothuka njengoko siqonda intsingiselo yombhalo enisandul’ ukuwufunda. Sithi, “Utheth’ ukuba iBhayibhile ifundisa ukuba singaphila eParadesi ngonaphakade—apha kulo mhlaba?” Umntu ohamba naye entsimini uyancuma aze athi, “Ithini iBhayibhile?” Simangalisiwe, sinikin’ intloko size sithi, “Ndimangaliswa kukuba andizange khe ndiyifundiswe le nto!” Ukhumbula ukuba sikhe sathetha into enjengale kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo xa besiqala ukuva ukuba igama likaThixo nguYehova.

Ngaba wena yakha yakwehlela into enje? Kuye kwanjalo kubantu bakaThixo abaninzi. Zimbalwa izinto ezisikhumbuza ngokucace kangangaka ngesipho esixabisekileyo esinaso—ulwazi lwenyaniso! Kodwa ke khawucinge: Wasifumana njani eso sipho? Kweli candelo siza kuhlolisisa loo mbuzo. Indlela abantu bakaThixo abaye bakhanyiselwa ngayo ngeLizwi likaThixo ibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo buyinto yokwenene. Kangangekhulu leminyaka, uKumkani wabo, uYesu Kristu, ebesenza izinto eziqinisekisa ukuba abantu bakaThixo bafundiswa inyaniso.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 3

UYehova Utyhila Injongo Yakhe

Ngaba uBukumkani babuyinxalenye yenjongo kaThixo yantlandlolo? UYesu wakhanyisa njani ngoBukumkani?

ISAHLUKO 4

UYehova Uyaliphakamisa Igama Lakhe

UBukumkani bulenzele ntoni igama likaThixo? Wena, yintoni onokuyenza ukuze ungcwalise igama likaYehova?

ISAHLUKO 5

UKumkani Uzisa Ukukhanya NgoBukumkani

Bazi kakuhle uBukumkani bukaThixo, abalawuli nabantu abaza kulawulwa bubukumkani, nezinto ezifunekayo ukuze unyaniseke kubo.