Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekhohlo: Uvulindlela ongudade uyashumayela eKorea, ngo-1931; ekunene: Ukushumayela ngentetho yezandla eKorea

ICANDELO 2

Ukushumayela NgoBukumkani—Kushunyayelwa Iindaba Ezilungileyo Emhlabeni Wonke

Ukushumayela NgoBukumkani—Kushunyayelwa Iindaba Ezilungileyo Emhlabeni Wonke

NAMHLANJE awuphangelanga, kwakusasa ulungiselela ukuya entsimini. Awufuni ncam, kuba ubudinwarha. Ingathi ungasuka nje uziphumlele! Kodwa uyathandaza uze uhambe. Usebenza nodade okhulileyo, yaye ukunyamezela nobubele bakhe buyakukhuthaza. Njengoko nishumayela kwindlu ngendlu, uyakhumbula ukuba abazalwana noodade emhlabeni wonke nabo benza kwalo msebenzi, besebenzisa kwaezi ncwadi uziphetheyo, kwaye baqeqeshwe ngendlela efanayo neyakho. Xa ufika ekhaya, uziva uhlaziyekile. Uva kuthe ngco kuwe ngaphakathi kuba uye waya entsimini!

Eyona nto iphambili ngoku kuBukumkani bukaThixo ngumsebenzi wokushumayela. UYesu watsho kwangaphambili ukuba umsebenzi wokushumayela wawuza kwenzeka ngomkhamo ongazange wabonwa ngaphambili ngemihla yokugqibela. (Mat. 24:14) Siye sazaliseka njani esi siprofeto? Kweli candelo, siza kuthetha ngabantu, iindlela ezisetyenzisiweyo, nezinye izinto eziye zanced’ amaKristu akwazi ukushumayela, nto leyo enceda izigidi zabantu zibone ukuba uBukumkani bukaThixo abuyontsomi.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 6

Abantu Abashumayelayo—Bazinikela Ngokuzithandela

Kwakutheni ukuze uYesu aqiniseke ukuba wayeza kuba nomkhosi wabantu abashumayelayo ngemihla yokugqibela? Unokubonisa njani ukuba ufuna uBukumkani kuqala?

ISAHLUKO 7

Iindlela Zokushumayela—Kusetyenziswa Zonke Iindlela Zokuba Abantu Beve Isigidimi

Funda ngeendlela ezintsha eziye zasetyenziswa ngabantu bakaThixo ukuze bafikelele kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngeendaba ezilungileyo ngaphambi kokuba isiphelo sifike.

ISAHLUKO 8

Izixhobo Zokushumayela—Ukuvelisa Iincwadi Eziza Kusetyenziswa Kwintsimi Yehlabathi

Umsebenzi wethu wokuguqulela ubonisa njani ukuba uKumkani unathi? Ziziphi izibakala ezingeencwadi zethu ezikwenza uthi uBukumkani buyinto yokwenene?

ISAHLUKO 9

Imiphumo Yokushumayela—“Amasimi . . . Amhlophe Ukuze Kuvunwe”

UYesu wafundisa abafundi bakhe izifundo ezibini ezibalulekileyo ngowona msebenzi ubalulekileyo wokuvunwa kwabantu. Ezi zifundo zisiphembelela njani namhlanje?