Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekhohlo: Intsapho yaseBheteli eBrooklyn ibhiyozela iKrismesi okokugqibela, ngo-1926; ekunene: Abantu bayabona ukuba amaNgqina kaYehova ahlukile

ICANDELO 3

Imilinganiselo YoBukumkani—Ukufuna Ubulungisa BukaThixo

Imilinganiselo YoBukumkani—Ukufuna Ubulungisa BukaThixo

NJENGOKO uhamba ubona ummelwane wakho uze umbulise. Mvanje, uyaqaphela ukuba usuke wathanda ukunibukela wena nentsapho yakho. Naye uyakubulisa aze akukhwebe. Uthi: “Ndicela ukubuza, yintoni le inenza nahluke kangaka?” Nawe uyambuza: “Utheth’ ukuthini?” Uthi: “Andithi ningamaNgqina kaYehova? Anifani nabanye abantu. Anizenzi izinto ezenziwa zezinye iicawa—anizibhiyozeli iiholide, nimela kude kwezopolitiko neemfazwe. Akukho namnye kuni otshayayo. Intsapho yakho ibonakala iziphethe kakuhle. Yintoni le inenza nahluke kangaka?”

Uyazi ukuba impendulo yile: Thina silawulwa buBukumkani bukaThixo. Ekubeni uYesu enguKumkani, uhlala esicoca. Uyasinceda ukuba sihambe emanyathelweni akhe ukuze sahluke kweli hlabathi lingendawo. Kweli candelo, siza kubona indlela uBukumkani obulawulwa nguMesiya obuye bahlala bubacoca ngayo abantu bakaThixo nentlangano ekukhonzeni uThixo nasekuziphatheni ukuze kuzukiswe uYehova.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 10

UKumkani Ulungisa Aze Acoce Abantu Bakhe Ngokomoya

Yintoni ezifana ngayo iKrismesi nomnqamlezo?

ISAHLUKO 11

Kulungiswa Indlela Yokuziphatha—Ibonisa Ubungcwele BukaThixo

Abalindi namasango etempile eyabonwa nguHezekile ayenentsingiselo ekhethekileyo kubantu bakaThixo ukususela ngo-1914.

ISAHLUKO 12

Ukulungelelaniselwa Ukukhonza “UThixo Woxolo”

IBhayibhile ithelekisa isidubedube noxolo kungekhona ucwangco. Ngoba? Impendulo iba naliphi ifuthe kumaKristu namhlanje?