Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ekhohlo: Umvakalisi ubanjelwa ukushumayela e-Eindhoven, eNetherlands, ngo-1945; ekunene: Ngaba ilungelo lokushumayela likhuselwa ngokusemthethweni apho uhlala khona?

ICANDELO 4

Ukoyisa KoBukumkani—Ukuzimisela Ngokusemthethweni Iindaba Ezilungileyo

Ukoyisa KoBukumkani—Ukuzimisela Ngokusemthethweni Iindaba Ezilungileyo

NGOXA nishumayela kwindlu ngendlu, niva ingxolo etsho mgama. Iya isitsho ngamandla. Njengoko uqalisa ukuthetha kwindlu elandelayo, umvakalisi ohamba naye uphazanyiswa kukumisa kwemoto yamapolisa ecaleni kwenu. Kuphuma ipolisa lize kuni. “Ningaba bantu bahamba bengen’ ezindlini bethetha ngeBhayibhile? Abantu bayakhalaza!” Niliphendula ngembeko, nizichaza ukuba ningamaNgqina kaYehova. Yintoni eza kwenzeka emva koko?

Ubukhulu becala, oku kuza kuchazwa yimbali. Ukutyhubela iminyaka, urhulumente welizwe okulo ebewaphethe njani amaNgqina kaYehova? Ngaba ninqula ngokukhululekileyo? Ukuba kunjalo, kusenokwenzeka ukuba kungenxa yokuba kangangamashumi eminyaka abazalwana noodadewenu basebenza nzima ‘ekuthethelelweni nasekumiselweni ngokusemthethweni kweendaba ezilungileyo.’ (Fil. 1:7) Enoba uhlala phi na, ukucingisisa ngeengxelo zokoyisa kwamaNgqina kaYehova ezinkundleni kunokulomeleza ngokwenene ukholo lwakho. Kweli candelo, siza kuhlolisisa ezinye zezo ngxelo. Indlela esoyise ngayo ibonisa ukuba uBukumkani buyinto yokwenene, kuba besingenakuphumelela kangaka ngamandla ethu!

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 13

Abavakalisi BoBukumkani Baya Ezinkundleni

Iijaji zezinye iinkundla eziphakamileyo namhlanje zijonga izinto njengomfundisi woMthetho wamandulo uGamaliyeli.

ISAHLUKO 14

Xhasa Urhulumente KaThixo Kuphela Ngokunyanisekileyo

“Umlambo” wentshutshiso owafikela amaNgqina kaYehova ngenxa yokuba engathath’ icala kwezopolitiko waginywa ngumthombo ongalindelwanga.

ISAHLUKO 15

Silwela Ukunqula Ngokukhululekileyo

Abantu bakaThixo baye balwela ukuthobela umthetho ngokukhululekileyo—umthetho woBukumkani bukaThixo.